IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngowe-1980 okanye ngaphambi koko, ibandla elinayo esitokweni nge-R1,00 inye. Amabandla asenokuziodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo yaye asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo Zokonwabisa Wena. Ebudeni bolu hlaselo kuphela, ixabiso lezi ncwadi koovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo liya kuba ngama-60 eesenti inye. Kubavakalisi bebandla nakoovulindlela abangabancedani ziya kuxabisa i-R1,00 inye. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R8,00 okanye ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ngomnikelo wee-R4,00. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R17,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,50.
◼ Ukususela ngoFebruwari yaye kungekhona emva koMatshi 7, intetho yesidlangalala entsha yabaveleli besiphaluka iya kuthi “Ukujonga Ulutsha Ngendlela UYehova Alujonga Ngayo.”
◼ Intetho ekhethekileyo yesidlangalala yexesha leSikhumbuzo sowe-1993 iya kunikelwa ehlabathini lonke ngeCawa, ngoMatshi 28. Umxholo wale ntetho uya kube usithi “Uyijonga Njani ‘Imisebenzi kaThixo?’” Ulwandlalo lwale ntetho luza kuthunyelwa. Amabandla anotyelelo lomveleli wesiphaluka, indibano yesiphaluka, okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye ngaloo mpela-veki aya kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki elandelayo. Akukho bandla lifanele linikele intetho ekhethekileyo ngaphambi kukaMatshi 28.
◼ UAprili 3, 1993, ubekelwe bucala njengosuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi. Kwiminyaka emithathu edluleyo abazalwana bethu abangamawaka baye bakunandipha ukuba nesabelo kwimisebenzi yosuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi. Kutheni ungaqali ngoku ukwenza amalungiselelo okuba nenxaxheba ngokuzeleyo kulo msebenzi ukhethekileyo? Amabandla akhuthazwa ukuba afake iiodolo zawo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiPhuthukezi: Mvumeleni IiNdumiso UYehova—Uhlelo Olunamagama Amakhulu (Amazwi kuphela; ibandla nowonke wonke: R11,00; koovulindlela: R8,50).
◼ Ziphelile EMzantsi Afrika:
NgesiBhulu: Ukhona Na UThixo Okhathalayo? NgesiNgesi: Ukhona Na UThixo Okhathalayo? NgesiPedi: Ukhona Na UThixo Okhathalayo? NgesiPhuthukezi: Ukhona Na UThixo Okhathalayo? NgesiSuthu: Ukhona Na UThixo Okhathalayo? NgesiXhosa: Ukhona Na UThixo Okhathalayo?