Iintlanganiso Zenkonzo KaJanuwari
Iveki Eqala NgoJanuwari 4
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
20 imiz: “Shumayela Ngendlela KaThixo Yokuzisa Uxolo Nonqabiseko.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Bakhuthaze abavakalisi ukuba basebenzise umnikelo woncwadi ocetyisiweyo kwinkonzo yasentsimini. Emva kokuxubusha isiqendu 7, yiba nomvakalisi olungiselele kakuhle esenza umboniso ngendlela isifundo seBhayibhile esinokuqaliswa ngayo kutyelelo lokuqala okanye kwibuyelo, esebenzisa iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Umvakalisi: “Bhota. Namhlanje sithetha nabantu ngomgangatho wobomi. Ngaba wanelisekile ngoko ukubona kusenzeka kubomi babantu abaninzi namhlanje?” Umninimzi: “Andanelisekanga.” Umvakalisi: “Ngaba ucinga ukuba le meko iya kuphucuka?” Umninimzi: “Andazi.” Umvakalisi unikela iphecana aze athi: “Bambi bacinga ukuba oko kwenzekayo namhlanje kuzalisekisa isiprofeto seBhayibhile yaye isiphelo sehlabathi sisondele. Ucinga ntoni wena?” Umninimzi: “Andazi. Ndicinga ukuba kusenokwenzeka.” Umvakalisi wandula alathe kwiphecana aze acacise ukuba isiphelo sehlabathi asithethi ukuphela kwamazulu nehlabathi lokoqobo. Umvakalisi ulungiselela olunye utyelelo ukuze aqwalasele ubungqina beBhayibhile bokuba isiphelo sale nkqubo ikhoyo sisondele.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni, okanye intetho enomxholo othi Ukulondoloza Imbono Elungeleleneyo Ngokuzonwabisa, esekelwe kuVukani! kaNovemba 8, 1992, iphepha 3-10.
Ingoma 139 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 11
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza abazalwana ngamalungiselelo enkonzo yasentsimini kule mpela-veki.
20 imiz: Thumela Abantwana Bakho Esikolweni Beneengcinga ZikaThixo Ezintliziyweni Zabo. Intetho enikelwa ngumdala. Siphila kwihlabathi elizimisele ukusicinezela ukuze sifane nalo. Yaye oku kunjalo ingakumbi kubantu abaselula. Abazali bafanele bazikhathalele iimfuno neengxaki zabo. (IMize. 20:5) Bafanele babethelele kubantwana babo imithetho nothando lukaThixo oko bekwenza ngothando lobuzali. Umboniso: Intsapho ixubusha ngendlela yokusebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Isikolo. Omnye umntwana uza kuya esikolweni okwesihlandlo sokuqala, ngoxa abanye abantwana ababini sele behamba isikolo kangangeminyaka embalwa. Khetha ingongoma eya kusebenza kwiimeko zomntwana ngamnye. Abantwana mabathethe ngamazwi abo kumzali odlala indima yokuba ngumfundisi-ntsapho. Qinisekisa ukuba abantwana bayayiqonda imigaqo ebandakanyekileyo. Umdala ukhumbuza abazali ukuba abantwana babo kufuneka bakhutshelwe ecaleni kwizifundo zonqulo nakwiintlanganiso zonqulo zemihla ngemihla (kuquka ukufunda isicatshulwa esithatyathwe eBhayibhileni nokucengceleza umthandazo). Utata okanye umama ufanele abapheleke abantwana okanye umntwana ukuya kwinqununu, ephethe ileta ekubhalwe kuyo isicelo sokuba akhutshelwe ecaleni umntwana kwizinto ezinjalo. Kwezinye izikolo abafundisi-ntsapho baye ngenkathalo babekela ecaleni igumbi lokufundela apho abantwana abangamaNgqina banokuhlanganisana khona ebudeni bamathuba ezifundo zonqulo. Zimbi izikolo zide zanikela imvume yokuba umzali avelele abantwana abangamaNgqina aze abafundise ngemibandela yeBhayibhile. Xa kwenziwe ilungiselelo elinjalo, abadala bafanele ngenyameko banikel’ ingqalelo koku baze baqinisekise ukuba kusingathwa ngabavakalisi abafanelekayo. Umzalwana osingatha le nxalenye ukhuthaza ukuba kuqhutywe isifundo seBhayibhile sentsapho yaye ugxininisa imfuneko yokuba abazali babe nolwalamano olusondeleyo nabantwana babo.
15 imiz: Ukuphepha Iingxaki Zotofelo-gazi—Ixesha Lokuhlaziya I-Advance Medical Directive Yethu. Umdala osingatha le nxalenye uyalela ukuba kudluliswe la maqweqwe kubavakalisi ababhaptiziweyo aze ngenyameko aqwalasele ileta kaOktobha 15, 1992, ecacisa indlela yokusebenzisa la maqweqwe. Xa ulungiselela, hlola ngenyameko ileta yoMbutho kaJanuwari 1, 1990. Abo batyobela njengamangqina bafanele babone xa umnini-qweqwe elityobela. Bakhuthaze bonke ukuba bawazalise la maqweqwe matsha ngaphambi kokuba baphume kwiHolo yoBukumkani. Abavakalisi ababhaptiziweyo abafanele banduluke ekhaya bengaliphethanga iqweqwe iAdvance Medical Directive/Release. Abantwana abangabhaptizwanga abasengaphantsi kwegunya labazali abanomzali oliNgqina bafanele ngamaxesha onke baphathe i-Identity Card. Uhlolisiso olwenziwe kutshanje kwintlanganiso yelinye ibandla lubonise ukuba umvakalisi omnye kubavakalisi abahlanu ebengaliphethanga iqweqwe lakhe yaye bekungekho bantwana ebebephethe i-Identity Card. Xa uqukumbela, funda uze usebenzise IMizekeliso 22:3.
Ingoma 151 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 18
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni kunye neeNdaba Ezingokobuthixo. Funda ingxelo yemali kunye nesaziso esivela kuMbutho sokufumaneka kweminikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa ngokunyanisekileyo ngemali ibandla lasekuhlaleni kunye nomsebenzi woMbutho wasehlabathini lonke.
20 imiz: “Ukuzisebenzisa Ngobulumko Izixhobo Ezibalulekileyo.” Emva kokuba usihlalo enze intshayelelo emfutshane, kuya kwenziwa imiboniso emibini esekelwe kumbandela owandlalwe kwisiqendu 2 ukusa kwesesi-5. Xa kuqukunjelwa umboniso wokuqala umninimzi uyawamkela umnikelo. Umvakalisi uthembisa ukubuyela ukuze aphendule umbuzo othi, Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka? Xa kuqukunjelwa umboniso wesibini, kuqaliswa isifundo seBhayibhile sekhaya. Bakhuthaze bonke ukuba babandakanye abaninimzi kwingxubusho yeZibhalo xa besebenza kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki.
15 imiz: Isizathu Sokuba AmaKristu Azile Igazi. Intetho enikelwa ngumdala esekelwe kwingcaciso nakwimixholwana emithathu yokuqala phantsi komxholo othi “Igazi” kwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 119-20.
Ingoma 177 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 25
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhumbuze bonke ukuba bayifake ngokukhawuleza ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini ekupheleni kwenyanga.
10 imiz: “Ilungelo Elihle Lenkonzo.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Ngokuvuma kwexesha, dlan’ indlebe nomvakalisi oye waqalisa umzila wamaphephancwadi. Uye wawuqalisa njani? Lo mzila umnceda njani umvakalisi ahlakulele umdla okanye abuqonde ngokucacileyo ubungakanani bomdla womninimzi? Likhuthaze ibandla ukuba libe nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wamaphephancwadi, yenza impinda ngamanye amacebiso awayenikelwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1992, iphepha 11.
15 imiz: “Ngaba Unokukhonza UYehova Njengovulindlela?” Ingxubusho nabaphulaphuli. Dlan’ indlebe nomntu oselula onguvulindlela othe ngxi okanye umvakalisi owaqalisa ubuvulindlela ngoxa wayeselula. Balaselisa indlela abazali kunye nabanye abanokulukhuthaza ngayo ulutsha lufikelele usukelo lwalo lokuba ngoovulindlela. Bakhuthaze ngokufudumeleyo bonke ukuba bawaqwalasele ngokunzulu amathuba abo okungenela inkonzo yexesha elizeleyo. Ceba kwangoku ukuba nguvulindlela ongumncedani ngoAprili.
15 imiz: “Khulisa Umdla Ngokwenza Amabuyelo Ngokuphumelelayo.” Intetho emfutshane elandelwa ngumboniso wengxubusho eyandlalwe kwisiqendu 3. Ngokuvuma kwexesha, kusenokuphindwa iingongoma ezithile zentshumayelo eziyintloko, njengentshayelelo okanye ukugqithela ekufundeni isibhalo.
Ingoma 160 nomthandazo wokuqukumbela.