IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/93 iphe. 2
  • Ukubonakalisa Uxabiso Ngentlawulelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukubonakalisa Uxabiso Ngentlawulelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Hlala Umbulela UYehova NoNyana wakhe Owasihlawulelayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ukufa KukaYesu Kuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 2/93 iphe. 2

Ukubonakalisa Uxabiso Ngentlawulelo

1 Umnqweno wokubonakalisa uxabiso ngomhlobo okanye isalamane esiye safa uqhelekile kuwo onke amaqela abantu. Lo mqweno usenokuba nzulu ngokukhethekileyo xa othandekayo efe ekwilinge lokusindisa ubomi babanye. Bonke abanesabelo kwithemba lobomi obungunaphakade banezizathu ezomelele ngakumbi zokubonakalisa uxabiso ngentlawulelo ngokubakho kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu ngoAprili 6.—2 Kor. 5:14; 1 Yoh. 2:2.

2 Ukuxabisa Uthando LukaYehova: Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba sibonakalise olona xabiso lwethu lunzulu ngoMbabali wethu omkhulu, uYehova uThixo, owalungiselela intlawulelo! (1 Yoh. 4:9, 10) Ubunzulu bothando lukaYehova bubonakala kwisipho esikhethekileyo awasinikelayo njengentlawulelo yethu, kungekhona esinye sezigidi zezigidi zezithunywa ezingamalungisa, kodwa uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, oyena uyintanda. (IMize. 8:22, 30) Lo Nyana umazi kakuhle uYehova, uYesu Kristu, wasikhumbuza oku: “Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.”—Yoh. 3:16.

3 Ukuxabisa Uthando LukaYesu Kristu: Ngokufanayo, kufanelekile ukuba sibonakalise uxabiso olunzulu ngoYesu Kristu, owanikela ngomphefumlo wakhe njengentlawulelo yabaninzi. (Mat. 20:28) Uthando lwakhe lubonakala ekuvumeni kwakhe ukuthobela ukuthanda kukaYehova ngaye ngokuphathelele intlawulelo. Khawucinge indlela awazincama ngayo iimeko ezifanelekileyo ngokunxulumene noYise nezigidi zezigidi zezithunywa ezingamalungisa ukuze abe yintlawulelo yethu. Ucelomngeni lokuhlala phakathi kwabantu abangafezekanga aze azithobe kubo nolwazi lokuba ukunikela intlawulelo kwakuya kufuna ukuba afe ezo zinto azizange zimphazamise. Kunoko, “wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; . . . wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke [“kwasemthini wentuthumbo,” NW].”—Fil. 2:5-8.

4 Silubonakalisa Njani Uxabiso Ngentlawulelo?: Uxabiso lwethu ngentlawulelo lufanele lufikelele ngaphaya kunokuthi nje enkosi. Sifanele sifunde ngelungiselelo likaThixo losindiso olungoYesu Kristu. (Yoh. 17:3) Emva koko sifanele sibe nokholo kwintlawulelo. (IZe. 3:19) Ngenxa yoko, simele sishukunyiselwe ukuzinikela kuYehova uThixo ngokuzahlulela size sibhaptizwe. (Mat. 16:24) Njengokuba siphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu, sifanele sizongele ixesha lokuxelela abanye ngeli lungiselelo lentlawulelo limangalisayo losindiso.—Roma 10:10.

5 Asiyonto ingaphezu kwamandla akhe nabani na kuthi ukufikelela ezi mfuneko. UMika 6:8 uyasiqinisekisa: “Akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.” Ngokufanayo, uDavide wathi kuYehova: “Zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.”—1 Kron. 29:14.

6 Ukwenza nzulu uxabiso lwethu ngelungiselelo elimangalisayo likaYehova, kutheni ningafundi nize nixubushe njengentsapho isahluko 112 ukuya kwese-126 kwincwadi Umntu Obalaseleyo ngaphambi komhla weSikhumbuzo? Ngale ndlela, sonke siya kuzilungiselela ngokwasengqondweni ukubonakalisa uxabiso ngentlawulelo ebudeni beSikhumbuzo esiya kuqhutywa ngoAprili 6, 1993.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share