IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R8,00 okanye ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ngomnikelo wee-R4,00. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R17,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,50.
◼ Siyawabulela amabandla ngentsabelo yawo kwileta yethu kaMeyi 15, 1991 engokusingatha imirhumo. Inani lemirhumo ejikisiweyo kwifayile yethu liye lehla phantse laba sisiqingatha selo lalikho xa kwakuthunyelwa loo leta. Siyanincoma ngomgudu wenu wenkathalo yaye siyanikhuthaza ukuba niqhubeke nilandela amazwi okunikhumbuza akule leta. Ncedani ninikele ingqalelo ekhethekileyo ekubhaleni ulwimi kwiphepha ngalinye lomrhumo, ekubeni oku kusoloko kushiywa.
◼ ISikhumbuzo siya kuba ngoLwesibini, ngoAprili 6, 1993. Nangona intetho isenokuqalisa kusengaphambilana, ncedani nikhumbule ukuba ukudluliswa kwesonka newayini yeSikhumbuzo akufanele kuqaliswe de kube semva kokutshona kwelanga. Funani inkcazelo kwimithombo yasekuhlaleni ukuze nifumane ixesha lokutshona kwelanga kummandla wenu. Akukho zintlanganiso ziya kuqhutywa ngolo suku ngaphandle kwentlanganiso yenkonzo yasentsimini. Ukuba ngokuqhelekileyo ibandla lenu liba neentlanganiso ngoLwesibini, kusenokufuneka nizitshintshele kwelinye ixesha leveki ukuba iHolo yoBukumkani iyafumaneka. Ukuba iNtlanganiso Yenkonzo yenu iyachaphazeleka, kusenokwenzeka ukuba nayiphi na enye inxalenye ecwangciselwe loo veki esebenza ngokukhethekileyo kwibandla lenu niyifake kwenye iNtlanganiso Yenkonzo. Amabandla anotyelelo lomveleli wesiphaluka afanele enze ucwangciso olutsha ngeentlanganiso eziye zibekho ngokuhlwa ngoLwesibini.
◼ IINDIBANO ZESITHILI ZOWE-1993: Amalungiselelo angekaqinisekiswa eendibano zesithili zeentsuku ezine ame ngolu hlobo:
Disemba 2-5:
ESt. Helena (isiNgesi)
Disemba 9-12:
EGaborone (isiNgesi, isiTswana)
EWindhoek (ucwangciso lweelwimi ezimbini isiBhulu/isiNgesi)
Disemba 16-19:
EBloemfontein (ucwangciso lweelwimi ezimbini isiBhulu/isiNgesi, isiSuthu)
Empangeni (isiZulu)
EMonti (isiNgesi, isiXhosa)
ENewcastle (isiZulu)
ENkowankowa (isiTsonga, inxalenye yesiVenda)
EOngwediva (ucwangciso lweelwimi ezimbini isiKwanyama/isiNdonga)
Disemba 23-26:
EBhayi (isiBhulu, isiNgesi, isiXhosa)
ELebowakgomo (isiPedi)
EMafikeng (isiTswana)
KwaManzini (IsiNgesi, isiZulu)
EMaseru (inxalenye yesiNgesi, isiSuthu)
EMthatha (isiXhosa)
KaNyamazane, kufutshane neWhite River (isiZulu)
Disemba 30, 1993–January 2, 1994:
EKapa (isiBhulu, isiNgesi, isiXhosa)
EPitoli (isiBhulu, isiNgesi, ucwangciso lweelwimi ezimbini ngesiPedi/isiSuthu, isiZulu)
ERhawutini (isiBhulu, isiNgesi, inxalenye yesiGrike, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiZulu)
EThekwini (isiNgesi, isiZulu)
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
IsiBhulu: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? (ibandla nowonke wonke: ngama-80 eesenti; oovulindlela: ngama-40 eesenti); Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19; ibandla, uwonke wonke noovulindlela: ziisenti ezi-2). IsiKwanyama: Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiNgesi: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? IWatch Tower Publications Index 1986-1990 (ibandla nowonke wonke: zii-R5,60; oovulindlela: zii-R2,80); Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiPedi: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiPhuthukezi: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiSuthu: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiTsonga: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiTswana: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiVenda: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiXhosa: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19). IsiZulu: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?; Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? (Iphecana No. 19).
◼ Iikhasethi Ezintsha Ezifumanekayo:
IsiNgesi: Doing God’s Will With Zeal (ibandla nowonke wonke: zii-R7,00; oovulindlela: zii-R6,00).