Isingxobo Semibuzo
◼ Sisinxibo esinjani esinokujongwa njengesifanelekileyo xa ubani esiya kubhaptizwa?
Nangona imilinganiselo yokunxiba isahluka kwiindawo ezahlukahlukeneyo zehlabathi, isiluleko seBhayibhile sokuba kunxitywe ‘ngokundilisekileyo nangokunesidima,’ siyafana kuwo onke amaKristu, kungakhathaliseki iindawo ahlala kuzo. (1 Tim. 2:9, NW) Lo mgaqo ufanele usetyenziswe xa kujongwa impahla efanelekileyo yokubhaptizwa.
IMboniselo kaJuni 1, 1985, iphepha 30, inikela esi siluleko kumntu oza kubhaptizwa: “Ngokuqinisekileyo kumele kubekho ukundileka kuhlobo lwempahla yokuqubha esetyenziswayo. Oku kubalulekile namhlanje ekubeni abayili beefashoni bebonakala befuna ukubhenca isini ibe befuna nokwenza abantu babonakale bengabaze ngokupheleleyo. Esinye isibakala esifanele ukuba sigqalwe sesokuba zimbi iimpahla ezibonakala zindilekile xa zomile azinjalo xa zimanzi. Akukho bani olungele ukubhaptizwa onokufuna ukuba abe ngunobangela wesiphazamiso okanye wesikhubekiso kwisihlandlo esibaluleke njengesobhaptizo.—Filipi 1:10.”
Ngokuvisisana neli cebiso, abo babhaptizwayo bamele banxibe impahla endilisekileyo, bekhumbula ukubaluleka kweso sihlandlo. Ngaloo ndlela, impahla yokuqubha encinci okanye ethi ngokungenasidima incamathele emzimbeni xa imanzi ayinakuba yefanelekileyo kumKristu yaye ifanele iphetshwe. Ngokufanayo, kuya kuba kokungafanelekanga ngobani ukuba abe mdaka okanye abonakale elixelegu. Ngokubhekele phaya, kuya kuba kokungafanelekanga ukunxiba izikipa ezibhalwe izinto zehlabathi okanye izibhengezo zezentengiso.
Xa abadala ababelweyo behlolisisa imibuzo yobhaptizo nabo baza kubhaptizwa, eli iya kuba lelona xesha lifanelekileyo lokuxubusha ukubaluleka kokunxiba impahla efanelekileyo. Ngale ndlela isidima sesihlandlo esinjalo siya kulondolozwa, yaye siya kuqhubeka sahlukile ehlabathini.—Thelekisa uYohane 15:19.