Iintlanganiso Zenkonzo Ka-Agasti
Iveki Eqala NgoAgasti 2
Ingoma 63
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Xubusha ngeengongoma ekunokuthethwa ngazo kumaphephancwadi akutshanje. Bakhuthaze bonke babe nesabelo kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki.
10 imiz: “Ingxelo Entle Ka-Aprili!” Ingxubusho enehlombe nekhuthazayo ngunobhala. Khankanya umsebenzi owenziwe libandla lasekuhlaleni ngoAprili. Khuthaza wonke ubani abe nesabelo entsimini veki nganye aze afake ingxelo ngokukhawuleza ekupheleni kuka-Agasti. Chaza isizathu sokuba kubalulekile ukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo othe rhoqo. Khankanya ithemba lokuba nabavakalisi abangabhaptizwanga ebandleni.
10 imiz: Balaselisa ukuxabiseka kwencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Usenokukhankanya amanani abonisa ulwando ebudeni beminyaka ebekusetyenziswa ngayo le ncwadi. Abaninzi bafunde inyaniso ngokufunda le ncwadi. Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abafunda le ncwadi ukungena kwabo enyanisweni. Mabachaze into eyakha uxabiso lwabo ngokuyifunda nendlela enokusetyenziswa ngayo entsimini. Khuthaza abazalwana bayihambise ngehlombe.
15 imiz: “Ukuzalwa Ngokutsha.” Kwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 418-22. Umboniso wabavakalisi ababini abadibana nomntu kumsebenzi wendlu ngendlu obuza oku, “Ngaba nina nizelwe ngokutsha?” Aba bavakalisi baphendula ngenye yeendlela ezicetyiswe kwiphepha 421-22. Emva koko, aba bavakalisi baxubusha ngokwenza ibuyelo besebenzisa iingongoma ezikwizibhalo ezikwisiqendu 1-3 kwiphepha 420.
Ingoma 193 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 9
Ingoma 70
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka ingxelo yemali nezaziso zokufunyanwa komnikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa ngemali umsebenzi webandla lasekuhlaleni nomsebenzi wazwenibanzi woMbutho.
15 imiz: Umveleli owongamelayo okanye omnye umdala ofanelekayo uxubusha ileta kaJuni 17, 1993, ephathelele ukuvota. Sebenzisa inkcazelo ekwincwadi ethi Ukuqiqa phantsi komxholo othi “UbuNdilele” ukuze uncede abaphulaphuli baqonde ukuma kwamaNgqina kaYehova kwimicimbi yeli hlabathi. Xubusha zonke iingongoma eziziintloko ezikule leta, uhlola izibhalo ezicatshuliweyo xa ixesha livuma. Yiba nomboniso apho abaququzeleli ababini bezobupolitika bezama ukweyisela intsapho ethile ukuba ivote kunyulo oluzayo. Ngendlela enentlonelo indoda nomfazi bandula bazise ezi ndwendwe ngokuma kwabo, bexhasa impendulo yabo ngezibhalo ezifanelekileyo.
20 imiz: “Zama Ukwenza Abantu Baphulaphule Ngenyameko.” Yixubushe nabaphulaphuli. Balaselisa ukubaluleka kokujonga umninimzi ngamnye njengowahlukileyo, unosukelo lokuxubusha naye. Yiba neentshumayelo ezimfutshane ezisekelwe kumacebiso akwisiqendu 2 nesesi-3. Khuthaza ukusetyenziswa ngokuthe rhoqo kwamaphephancwadi kwinkonzo yasentsimini.
Ingoma 71 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 16
Ingoma 20
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
20 imiz: “Buyela Ukuze Uncede Abantu Bafunde Ngoko Banokukwenza Ukuze Baphile Ngonaphakade.” Mayigutyungelwe ngemibuzo neempendulo. Yiba nomboniso omnye webuyelo elisekelwe kwintshumayelo eyandlalwe kwisiqendu 5 nesesi-6.
20 imiz: “Iimfaneleko Zomlungiseleli Osemtsha Nonamava.” Mayigutyungelwe ngemibuzo neempendulo ngumdala. Qukumbela ngoshwankathelo olunehlombe kodwa olufutshane lweengongoma ezisebenza kwiintswelo zebandla lasekuhlaleni.
Ingoma 6 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 23
Ingoma 148
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IiNdaba Ezingokobuthixo.
20 imiz: “Ukufuna Izifundo ZeBhayibhile Ngenyameko.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo ngumveleli wenkonzo. Funda uze ucacise zonke izibhalo ezicatshuliweyo. Hlolisisa inkqubela yebandla kumsebenzi wezifundo zeBhayibhile kwiminyaka emihlanu edluleyo, uze wenze amagqabaza okuqukumbela ngokuvisisana neentswelo zasekuhlaleni.
15 imiz: Ukubaluleka Kwemihla Yeziganeko Kufundisiso Lwethu LweBhayibhile. Emva kwentetho emfutshane ekumbandela othi “Ingcaciso” kwiphepha 130 lencwadi Ukuqiqa, xubusha nabaphulaphuli ngenkcazelo ephantsi komxholo othi “Imihla Yeziganeko.” Xubusha othi “Kutheni Le Nto AmaNgqina KaYehova Esithi UBukumkani BukaThixo Bamiselwa Ngowe-1914?” Balaselisa indlela le nkcazelo ebanceda ngayo abasebatsha bakulungele ukukhusela isigidimi soBukumkani.
Ingoma 43 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 30
Ingoma 156
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ukuxutyushwa kwenqaku elithi “Ucwangciso Olutsha LweNdibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye.” Bakhuthaze bonke benze amalungiselelo kwangaphambili okubakho kucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye kunyaka wenkonzo we-1994. Yazisa umhla nendawo ukuba uyawazi. Kwakhona khuthaza ukuba nenxaxheba kumsebenzi wasentsimini kule mpela-veki.
20 imiz: Intetho esekelwe kwinkcazelo ekwincwadi Ukuqiqa phantsi komxholo othi “IBhayibhile,” iphepha 70-6. Balaselisa ingenelo esiyifumanayo ngokobuqu ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kubomi bethu.
15 imiz: Xubusha ngohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Yazisa ibandla ngoko sele kuphunyeziwe ukuza kuthi ga ngoku uze uchaze amalungiselelo ohlaselo luphela. Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abanamava abanokwabelana ngawo nebandla. Bakhuthaze bonke ngehlombe babe nesabelo ngokuzeleyo kolu hlaselo. Amabandla angenako ukusebenza kumhlaba ongabelwanga bani kulo nyaka anokuxubusha iimfuno zasekuhlaleni. Xubusha ngokhuthazo olunikelwe ngumveleli wesiphaluka kutyelelo oludluleyo. Khumbuza abazalwana bahlole ukuba zonke iingxelo zonyaka wenkozo we-1993 zifakiwe.
Ingoma 31 nomthandazo wokuqukumbela.