IZaziso
◼ Uncwadi oluya kusetyenziswa ebudeni bukaOktobha: Umrhumo kaVukani! okanye weMboniselo ngomnikelo wee-R19,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R9,50. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R3,00. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R9,00. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena. Amabandla asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela. Ebudeni bohlaselo kuphela, ixabiso koovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo ngama-60 eesenti. Kubavakalisi bebandla noovulindlela abangabancedani, ixabiso yi-R1,00.
◼ Kule nkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani kukho “Ucwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowe-1994” yaye lufanele lugcinwe ukuze kubhekiselwe kulo ebudeni bowe-1994.
◼ Amabandla asenokuqalisa ukuodola umxholo wonyaka we-1994, ofumaneka ngee-R13,00 umnye, ngesiBhulu, isiNgesi, iSisuthu, isiXhosa nangesiZulu. Uya kufakwa kwityala loncwadi. Amabandla anamatyala ajingayo kumatyala awo oncwadi afanele athumele ikheshi kunye neeodolo zawo. Kucetyiswa ukuba onke amabandla axhome umxholo wonyaka omtsha ngoJanuwari 1, 1994.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—1994 ukususela ngo-Oktobha 1 kunye neodolo yawo eqhelekileyo yoncwadi. Ezi ncwadana ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiKwanyama, isiNgesi, isiPedi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiTsonga, isiTswana, isiVenda, isiXhosa nesiZulu. De ezi ncwadana zibe ziyafumaneka yaye zithunyelwe, kuya kubhalwa ukuthi “Zothunyelwa” kwii-invoyisi zebandla. Iincwadana ezithi Ukuhlolisisa IZibhalo zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe ziya kufakwa kwityala loncwadi ngama-R1,50 inye, ngexabiso labavakalisi. Oovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo ababekuluhlu ngaphambi kukaJulayi 1, 1993, basenokuzifumanela umbhalo omnye wesisa baze bafumane eyongezelelekileyo ngama-75 eesenti inye. Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anamatyala ajingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele ikheshi kunye neeodolo zawo. Afanele abhale kwifomu ethi Uthunyelo-mali Nesicelo Sokuncitshiselwa Ityala (S-AB-20) inani lemibhalo yesisa yoovulindlela. Zifanele ziodolwe ngebandla. SIKHUTHAZA LUNGU NGALINYE LENTSAPHO, KUQUKA NABANTWANA ABAKWAZIYO UKUFUNDA UKUBA LIBE NOMBHALO WALO WALE NCWADANA.
◼ Iikhasethi Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiZulu: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu (Kwialbham kukho iikhasethi ezintlanu nencwadi. Ibandla nowonke wonke: R38,00; oovulindela: R32,50).