Ukubonakalisa Ukungakhethi Buso Kubulungiseleli Bethu
1 UPetros wathi: “UThixo akamkhethi wabuso bamntu” kodwa “lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.” (IZe. 10:34, 35) Ubulungiseleli bethu namhlanje sibuphumeza siyigqala ngokupheleleyo loo nyaniso ichazwe ngokucacileyo. Ngoko ke, kubalulekile ukuba senze umgudu wokoyisa nawuphi na umqobo onokusithintela ekufikeleleni bonke abantu ngeendaba ezilungileyo.
2 Kutshanje, abantu beentlanga ezahlukahlukeneyo basenokuba bafudukele kwintsimi yebandla lakho. Ngokukodwa kwimimandla yasezidolophini, kuqhelekile ukufumana abantu abathetha ulwimi olunye oluthethwa kweli lizwe okanye ezingakumbi. Kwixa elidluleyo, kwiindawo ezithile kusenokuba ubukhulu becala bekuthethwa isiNgesi. Noko ke, kwimimandla emininzi akusenjalo. Ewe nkqu nakwintsimi ubukhulu becala ebekuthethwa isiZulu, abazalwana ngoku badibana nabantu abathetha isiTsonga, isiPhuthukezi, isiVenda, okanye olunye ulwimi. Yintoni enokwenziwa ukunceda bonke aba bantu bazi inyaniso?
3 Okokuqala, simele sizive sibophelelekile ngomntu ngamnye onomdla esidibana naye entsimini kungakhathaliseki uhlanga alulo okanye ulwimi aluthethayo. Abadala, ngokukhethekileyo umveleli wenkonzo, kuya kufuneka baqinisekise ukuba onke amaqela athetha iilwimi ezithile ayanyanyekelwa ngokwaneleyo entsimini nakwiintlanganiso zebandla.
4 Ibandla ngalinye limele liqinisekise ukuba kukho uncwadi olwaneleyo olugciniweyo ngazo zonke iilwimi ezifumaneka kwintsimi yalo. Abavakalisi noovulindlela bafanele baphathe ezimbalwa kwezi mpapasho xa bekubulungiseleli. Kwiimeko ezininzi, umntu unokuthetha ubuncinane isiNgesi okanye enye yezona lwimi zithethwa kakhulu kuloo mmandla. Kwixa elidluleyo, sisenokuba besiye ngokukhawuleza sithumele amagama neekhelingi zabo kuMbutho, sicela ukuba ubani othetha ulwimi lwabo abatyelele. Ukuba kuloo mmandla akukho bandla okanye iqela elinokunikela ubungqina ngolo lwimi, kusenokuba kukho umvakalisi kwelinye lamabandla asekuhlaleni olwaziyo olo lwimi yaye unako ukutyelela apho. Noko ke ukuba oku akunakwenzeka, kutheni ungazami ukunyamekela loo mntu unomdla? Bambi abavakalisi baye bafunda olunye ulwimi, nkqu nentetho yezandla, ukuze bancede umntu onomdla afundisise iBhayibhile. Ukuba akunakwenzeka ukuba unxibelelane nalo mntu, thetha nomveleli wenkonzo oya kudibana nomveleli wesixeko. Ukuba umntu othetha olo lwimi akafumaneki kwanasemva kokudibana nomveleli wesixeko, abazalwana basekuhlaleni bafanele benze konke okusemandleni abo ukuze baqinisekise ukuba ubungqina bunikelwe. Incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ingqineke iluncedo kakhulu kwiimeko ezinjalo.
5 Kumabandla amaninzi kwintsimi yethu, kuthethwa iilwimi ezininzi. Oku kunokuzisa ucelomngeni lokwenene kubadala. Ukuba abo beza kwiintlanganiso zethu banokugqabaza ngolunye lweelwimi eziziintloko, bafanele bakhuthazwe benjenjalo. Noko ke, bambi basenokuba bakwazi ukugqabaza ngeelwimi zabo kuphela. Apho kunokwenzeka yaye kusengqiqweni, abadala kusenokufuneka balungiselele ukuba kuqhutywe isifundo sencwadi okanye kwaneSifundo seMboniselo esahlukileyo ngolo lwimi. Ukuba, kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, abanako ukunikela iintetho zabo ngolunye lweelwimi eziziintloko ezithethwayo ebandleni, umveleli wesikolo unokulungiselela ukuba banikele iintetho kwisikolo sesibini okanye sesithathu, mhlawumbi alungiselele ukuba isikolo sesibini siqhutywe ngolo lwimi ngaloo ngokuhlwa. Oku kuye kwakhokelela ekusekweni kwamabandla athetha ulwimi lwasemzini kuloo ntsimi. Kwakhona sicebisa ukuba kwibhodi echaza ixesha ezingena ngalo iintlanganiso zenu nibonise ukuba bonke abantu bamkelekile kwiintlanganiso zethu, nikwenza oko kungekuphela nje ngolwimi oluyintloko oluthethwayo ebandleni kodwa kwanangolunye ulwimi okanye iilwimi ezithethwayo kwintsimi yenu.
6 Ngokwenza umgudu ngokunyanisekileyo wokufikelela bonke abantu ngeendaba ezilungileyo kungakhathaliseki ukuba bathetha luphi ulwimi, siya kuba sibonakalisa uthando lukaThixo wethu, uYehova, “onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.”—1 Tim. 2:4.