Ngaba Uyaqiqa NgeZibhalo?
1 Ijoni elinamava eliya emfazweni lixhoba lize likhuseleke ngokupheleleyo. Umakhi olichule olungiselela ukusebenza ekwakheni isakhiwo esikhulu uphatha izixhobo ezifunekayo ukuze awugqibe loo msebenzi. Umkhonzi kaYehova okubulungiseleli basentsimini uphatha “ikrele” lakhe aze alisebenzise ngobuchule nanini na efumana ithuba. (Efe. 6:17) Ngaba nawe ngokobuqu unjalo? Xa usentsimini, ngaba uvumela iLizwi likaThixo lithethe ukuze umoya oyingcwele uchukumise iintliziyo zabaphulaphuli bakho?—IMize. 8:1, 6.
2 Ukushumayela akusoloko kungumsebenzi olula. Kwezinye iindawo abantu abafane babekho ekhaya, yaye abo bakhoyo basoloko bexakekile, bevumela ithuba elincinane lokuba kungaxutyushwa nabo ngokubhekele phaya ngeBhayibhile. Ekubeni iBhayibhile iyincwadi yethu yesikhokelo eyintloko, singayisebenzisa njani ngokungakumbi entsimini size sivumele isigidimi sayo esiphefumlelweyo siphembelele abaphulaphuli bethu?
3 Ngamathuba Onke: Kumzi ngamnye, kufuneka sisebenzise iBhayibhile ukukhuthaza umninimzi. Simele sikulungele ukwenza oku kungakhathaliseki ukuba sihambisa yiphi na impapasho. Ukuba umntu uxakekile yaye akukho xesha laneleyo lokutyhila iBhayibhile uze ufunde indinyana enye okanye ezimbini, ngaba ungacaphula okanye uchaze isibhalo ngaphambi kokuhambisa uncwadi? Oko kukodwa kunokumbangela umntu anqumame aze aphulaphule.—Heb. 4:12.
4 Ngokomzekelo, ukuba uhambisa uVukani! kaDisemba 8, 1993, onenqaku elithi “Ihlabathi Elingenazifo,” ngemva kokwalatha kumfanekiso ongaphandle, buza lo mbuzo, “Ngaba uyakholelwa kwelokuba izifo ziya kuze ziphele, kuze kubekho ixesha apho wonke ubani aya kuba sempilweni entle?” Kungakhathaliseki ukuba uphendula njani na, usenganako ukufunda ngokungqalileyo eBhayibhileni yakho okanye uchaze isibhalo, esinjengoIsaya 33:24 okanye ISityhilelo 21:4. Ngale ndlela uya kuba uvumela iLizwi likaThixo lithethe.
5 Kumabuyelo: Sifanele silungiselele ngaphambi kokuba sibuyele. Noko ke, ngokufuthi kuya kuvela imibandela ebesingalungiselelanga kuyixubusha. Kulapho ke incwadi Ukuqiqa NgeZibhalo inokungqineka isisixhobo esiluncedo khona. Xa sicaphula okanye sifunda izibhalo ezixhasa iingongoma ezithile kwincwadi Ukuqiqa siya kunceda abantu baqonde ukuba singabalungiseleli bakaThixo yaye asingobangxengeleli beLizwi.—2 Kor. 2:17.
6 Xa ubuyela apho kungekho mbandela ungqalileyo ubuxutyushiwe, usenokutyhila kumbandela ofanelekileyo kwincwadi Ukuqiqa, njengothi “UYesu Kristu,” “Imihla Yokugqibela,” okanye othi “Uvuko,” uze usebenzise omnye wemixholwana ukuqalisa ingxubusho. Usenokubacela abaninimzi bafunde izibhalo ezithile kwiBhayibhile yabo. Ngaloo ndlela iBhayibhile iya kuba nentsingiselo kubo, yaye umoya oyingcwele kaYehova uya kuhla phezu kwabo ukuba bafanelekile.
7 Imbopheleleko yethu yokushumayela iindaba ezilungileyo nokulumkisa abangendawo inzulu. Esi sisigidimi sikaYehova, asisosethu. Vumela iLizwi lakhe, ikrele lokomoya, likuncede.