Ucelomngeni Lokwenza Amabuyelo
1 Njengabalungiseleli beendaba ezilungileyo,siyalelwa ukuba senze abafundi. (Mat. 28:l9, 20) Oku kuquka ukwenza amabuyelo. Ngaba uyijonga ngendlela efanelekileyo le nxalenye ibalulekileyo yobulungiseleli bethu bobuKristu? Ukuba nobuchule ekwenzeni amabuyelo kunokuba lucelomngeni olukhuthazayo.—IMize. 22:29.
2 UmKristu ngamnye ozahluleleyo ufanele azive enembopheleleko yokuba nesabelo kumsebenzi wokwenza abafundi. Oku kuya kufuna ukuba sibekel’ ecaleni izinto zobuqu ezithile nesizithandayo ukuze sabelane nabanye ngethemba loBukumkani. Ukwenza amabuyelo kusinika ithuba lokunceda abanyanisekileyo ukuba banelise iintswelo zabo zokomoya.
3 Buyela Kubo Bonke Abanomdla: Kuufanele kubuyelwe kubo bonke abaye babonakalisa umdla kwisigidimi soBukumkani, nokuba baye abazithabatha iimpapasho zethu. Kukho abantu abanizi ababonakalisa umdla ngokulungela ukuxubusha ngemibandela yeBhayibhile kunye nathi. UYesu nabapostile babonisa indlela onokuhlakulelwa ngayo umdla kwisigidimi soBukumkani ngokubabandakanya abantu kwiingxubusho ezingqalileyo ezingokweZibhalo.—Marko 10:21; IZe. 2:37-41.
4 Injongo yethu yokubuyela ifanele ibe kukuqalisa isifundo seBhayibhile. Sise-nokukwazi ukubonakalisa kumninimzi indlela isifundo seBhayibhile sekhaya esi-qhutywa ngayo. Unokuqiniseka ukuba uYehova uya kusabela kumthandazo wa-kho wokufuna uncedo lokufuna abantu abantliziyo zinyanisekileyo esinokubafu-ndisa. UYehova uya kuyisikelala imigudu yakho yenkuthalo enkonzweni yakhe. Ku-theni ungaf uni uncedo lukaYehova ukuze ukwenze kube lusukelo lwakho ukuqalisa isifundo seBhayibhile?
5 Wasebenzise Kakuhle Amaphecana: Amaphecana anokusetyenziswa ngokuphumelelayo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile. Abaninzi baye bakwazi ukuqalisa incoko kuphela ngokuxubusha ngomfanekiso ongaphandle. Funda isiqendu sibe sinye ngexesha nomninimzi. Xa kukho umbuzo kweso siqendu, nqumama uze ucele umninimzi ukuba awuphendule. Zifunde izibhalo uze ubonise indlela ezisebenza ngayo. Ngoko incoko inokwalathiselwa kwimpapasho isifundo esinokuqhutywa kuyo.
6 Sebenzisa Incwadi Ukuqiqa: Ukwenza amabuyelo ngokuphumelelayo kunokwenziwa ngencwadi Ukuqiqa. Ukuphinda uhlole imibandela eziintloko edwelisiweyo okanye isalathiso semibandela kunokukunceda ukhethe inkcazelo efanelekileyo onokuxubusha ngayo xa ubuyela koko na-nincokola ngako kwixa elidluleyo. Icandelo elithi “Izibhalo Ezidla Ngokusetyenziswa Ngokuphosakeleyo” linokusebenziseka xa kuvela ukungavisisani. Oovulindlela bathi baba nempumelelo engakumbi ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ngokusebenzisa inkcazelo enjengaleyo ifumaneka kwincwadi Ukuqiqa kwiphepha 236 phantsi komxholwana othi “AmaNgqina kaYehova ayifikelela njani ingcaciso yawo yeBhayibhile?” Babonisa umntu onomdla indlela esiyivumela ngayo iBhayibhile ukuba izichaze ngokwayo. Oku kusebenza kakuhle ibe kuye kwanemiphumo emihle ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ezininzi.
7 NjengoYesu nabapostile, sifanele sibo-nakalise umdla onyanisekileyo kwizimvu zikaYehova. (Luka 9:11) Uthando ngabantu luya kusinceda sibaflkelele ngeenyaniso zoBukumkani. (2 Kor. 2:17) Xa sigxininisa gqitha ekuzinikeleni ngenxa yempilo-ntle yokomoya yabanye, siyakwazi ukuhlangabezana nocelomngeni lokwenza amabuyelo.