IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo we-R3,00. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R9,00. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena. Amabandla asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela. Ebudeni bohlaselo kuphela, ixabiso koovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo ngama-60 eesenti. Kubavakalisi bebandla noovulindlela abangabancedani, ixabiso yi-R1,00. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R9,00. Ezincinane zii-R4,50.
◼ OKUMELE KUKHUNJULWE: Ncedani niqinisekise ukuba nifumana iibheji zenu zeNdibano Yesithili “Yemfundiso Yobuthixo” kuselithuba. Umvakalisi ngamnye ufanele ayifake ebudeni bendibano, nto leyo eya kukufanisa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Kwakhona oku kuya kwenza ukuba iindwendwe ezivela phesheya eziya kube zikho kwiindibano ezine zezizwe ngezizwe zikwazi ukukufanisa, nto leyo eya kuphumela kunxulumano olwakhayo nabazalwana bethu abasityeleleyo.
◼ Kunobhala nesicaka semali: Itsheke ezithunyelwa kuMbutho zimele zibhalwe njengeziya kwiWatch Tower Society kungekhona kwiWTB & TS, ekubeni ibhanki ingenakumazi kakuhle umntu eya kuye. Kwakhona, xa nilungisa itsheke, mabancede abo bagunyazisiweyo batyobele NGOKUZELEYO kunokuba basuke bakushunqulele oko bakulungisayo.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Umhla wendibano yesithili yaseBloemfontein utshintshelwe kuDisemba 23-26, 1993. Nendawo eza kuba kuyo itshintshiwe. Le ndibano iza kuqhutyelwa eSpringbok Park Cricket Stadium, esecaleni kweRugby Stadium.
◼ Umhla wendibano yesithili eGaborone, eBotswana, utshintshelwe kuDisemba 16–19, 1993. Le ndibano ngoku iya kuqhutyelwa kwiYunivesithi yaseBotswana kwiOld refectory and Student Union Hall.
◼ Iikhasethi Zevideo Ezintsha Ezifumanekayo:
IsiNgesi: The Bible—Accurate History, Reliable Prophecy (ibandla nowonke wonke: R45,00; oovulindlela: R40,00).