IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/93 iphe. 1
  • Fikelela Intliziyo Yomntu Omqhubela Isifundo SeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Fikelela Intliziyo Yomntu Omqhubela Isifundo SeBhayibhile
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Nikela Ingqalelo ‘Kubugcisa Bakho Bokufundisa’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Lungiselela Kakuhle Ukuze Ukwazi Ukufundisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 12/93 iphe. 1

Fikelela Intliziyo Yomntu Omqhubela Isifundo SeBhayibhile

1 Ngaba uyafuna ukuba umntu omqhubela isifundo seBhayibhile aqhelisele oko akufundayo? Umele enze oko ukuze angenelwe kulwazi aluzuzayo. Ukuze ukhuthaze umntu omqhubela isifundo seBhayibhile aqhelisele oko akufundayo, umele ufikelele intliziyo yakhe. Ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., intetho yompostile uPetros ekhuthazayo ‘yahlaba iintliziyo’ zabantu abamalunga nama-3000, ‘abalamkela ngovuyo ilizwi lakhe’ baza babhaptizwa kwangaloo mini. (IZe. 2:37, 41) Unokuyifikelela njani intliziyo yomntu omqhubela isifundo seBhayibhile?

2 Lungiselela Ngokucokisekileyo: Musa ukuzama ukugubungela umbandela omninzi ngokokude ungabi naxesha lokuqiqa ngaloo mbandela nomntu omqhubela isifundo. Gqiba kusengaphambili ngeengongoma oza kuzibalaselisa, uze uqinisekise ukuba uyaziqonda yaye unokuzicacisa ngokuphumelelayo izibhalo. Cinga kusengaphambili ngemibuzo esenokuphakama engqondweni yomntu omqhubela isifundo ngenxa yemvelaphi yakhe. Ukuba umazi kakuhle umntu omqhubela isifundo, olo lwazi luya kukunceda ulungiselele inkcazelo emfanele ngokukhethekileyo.

3 Xelisa Indlela KaYesu Yokufundisa: UYesu wayesebenzisa imizekeliso ukucacisa iingongoma ezinzima nokuze ancede abantu abafundisayo baqonde baze babe nemvakalelo yemeko leyo. (Luka 10:29-37) Ngokufanayo, unokubethelela iimfundiso ezifanelekileyo entliziyweni yomntu omqhubela isifundo seBhayibhile ngokugcina imizekeliso yakho ilula, uyenza ngezinto eziqhelekileyo zobomi, yaye uyisebenzisa ngokukhethekileyo kwiimeko zomntu omqhubela isifundo.

4 Imibuzo iluncedo ngokukhethekileyo ekufikeleleni iintliziyo zabantu abaqhutyelwa isifundo seBhayibhile, njengokuba noYesu wayekubonisa ngokufuthi oko. (Luka 10:36) Kodwa musa ukwaneliseka ukuba umntu omqhubela isifundo uzifunda encwadini iimpendulo. Sebenzisa imibuzo ekhokelayo ukuze ukhokelele ingqondo yakhe kwisigqibo ekusenokuba ebengasicinganga ngaphambili. Le nkqubo ikwanceda umntu oqhutyelwa isifundo akhulise amandla okuqiqa. Buza imibuzo ehlokoz’ imbono ukuze ufumanise oko akukholelwayo ngombandela othile. Usenokwandula ke uqonde iinkalo afuna ukuncedwa kuzo, yaye unokumnceda ngokungqale ngakumbi.

5 Ukuba umntu omqhubela isifundo seBhayibhile akenzi nkqubela, kufuneka uzame ukuqonda izizathu zoko. Oku kusenokubandakanya ukumtyelela ngelinye ixesha elingelilo eniqhele ukufunda ngalo. Kutheni ethandabuza ukuqhelisela oko akufundayo? Ngaba kukho ngongoma ithile engokweZibhalo angayiqondiyo? Ngaba uziva emadolw’ anzima ukwenza uhlengahlengiso kwindlela abuphila ngayo ubomi bakhe? Ukuba umntu omqhubela isifundo seBhayibhile uzama ukuba ‘mbaxa,’ mncede abone ubungozi bokwenza oko.—1 Kum. 18:21.

6 Umpostile uPawulos wayeqonda ukuba ukufundisa iinyaniso zeBhayibhile kubantu abanomdla kungumsebenzi wokusindisa ubomi, yaye ngenxa yoko waluleka onke amaKristu ukuba ‘anikele ingqalelo ngenyameko kwimfundiso yawo.’ (1 Tim. 4:16, NW) Abo ubaqhubela izifundo zeBhayibhile abamele banele nje kukwamkela izibakala ezingeBhayibhile neziganeko zehlabathi. Bamele bazuze ulwazi oluchanileyo ngoYehova noYesu baze bancedwe bakhulise ulwalamano lobuqu olufudumeleyo nabo. Kungokwenza oko kuphela okunokubenza bashukunyiselwe ukubonakalisa ukholo lwabo ngemisebenzi. (Yak. 2:17, 21, 22) Xa intliziyo yomntu oqhutyelwa isifundo ifikelelwe, uya kushukunyiselwa ukulandela ikhondo eliya kuzukisa uYehova neliya kusindisa ubomi bakhe.—IMize. 2:20-22.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share