Iintlanganiso Zenkonzo KaDisemba
PHAWULA: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buya kulungiselela iNtlanganiso Yenkonzo yeveki nganye ebudeni bukaDisemba noJanuwari. Amabandla asenokwenza uhlengahlengiso oluthile njengoko kuyimfuneko ukuze aye kwiNdibano YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” aze emva koko enze impinda yemizuzu engama-30 yeembalasane zocwangciso kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki elandelayo. Impinda yosuku nosuku yocwangciso lwendibano yesithili ifanele yabelwe kwangaphambili abazalwana ababini okanye abathathu abafanelekayo abaya kukwazi ukugxininisa kwiingongoma eziziintloko. Le mpinda elungiselelwe kakuhle iya kulinceda ibandla likhumbule iingongoma eziziintloko elinokuzisebenzisa ngokobuqu nasentsimini. Amagqabaza kunye namava abaliswa ngabaphulaphuli afanele abe mafutshane aze angqale.
Iveki Eqala NgoDisemba 6
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
20 imiz: “Ukubonakalisa Uthando KwiNdibano ‘Yemfundiso Yobuthixo.’” Ingxubusho yemibuzo neempendulo nokwenziwa kombandela ufanelane neemeko zasekuhlaleni. Khumbuza bonke bafumane amaqweqwe eebheji baze bawafake ngamaxesha onke, kwanaxa besiya naxa bebuya endibanweni.
15 imiz: “Izikhumbuzo Ezisexesheni.” Ingxubusho emele isingathwe ngunobhala. Kwakhona sebenzisa inkcazelo ekwileta yethu eya kuwo onke amabandla kaOktobha 18, 1993. Babongoze bonke balandele olu lwalathiso ngenyameko ukuze baqinisekise ukuba kufakwa ingxelo entle ngoDisemba.
Ingoma 169 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 13
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, ingxelo yemali, nezaziso zokufunyanwa komnikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa kwalo ngobubele iintswelo zasekuhlaleni, iNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani nomsebenzi woMbutho owenziwa ehlabathini lonke. Cebisa ngengongoma ibe nye okanye zibe mbini ezinokusetyenziswa njengentshayelelo kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki.
20 imiz: “Nceda Abanye Bafunde NgoNyana KaThixo, UYesu Kristu.” Maligutyungelwe ngemibuzo neempendulo. Yenza umboniso wentshumayelo ekwisiqendu 2 (ngumvakalisi onamava) nesiqendu 4 (ngumvakalisi oselula). Khuthaza bonke bahambise incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo kwindlu ngendlu nakubungqina obungacwangciswanga.
15 imiz: “Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ebudeni BukaDisemba.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Xa uqwalasela isiqendu 4, yenza umboniso ngendlela yokuqalisa isifundo seBhayibhile kwibuyelo. Khuthaza bonke baqhube isifundo seBhayibhile nyanga nganye, ukuba kunokwenzeka.
Ingoma 165 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 20
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza amalungiselelo asekuhlaleni okunikela ubungqina obukhethekileyo ngoDisemba 25.
15 imiz: “Fikelela Intliziyo Yomntu Omqhubela Isifundo SeBhayibhile.” Imibuzo neempendulo nomboniso. Gxininisa ingongoma yokuba bonke ebandleni bafanele basebenzele ukukhulisa ubuchule bokufundisa. Emva kokuqwalasela isiqendu 3, umvakalisi wenza umboniso ngendlela yokuqiqa nomntu oqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngokusebenzisa imibuzo nezibhalo ezikwisiqendu 13 nese-14 kwisahluko 1 sencwadi Unokuphila Ngonaphakade.
15 imiz: “Zibekele Ixesha Lomsebenzi Wamaphephancwadi.” Intetho, nengxubusho nabaphulaphuli. Xa uqwalasela isiqendu 3, zekelisa ngendlela amanqaku awahlukeneyo amaphephancwadi akutshanje anokuhanjiswa ngayo kwiindidi ezahlukeneyo zabantu esisenokudibana nazo kwintsimi yasekuhlaleni.
10 imiz: “Hlwayela Ngokuyintabalala Ukuze Uvune Ngokuyintabalala.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Yenza lo mbandela ufanelane neemeko zasekuhlaleni. Yazisa ibandla ngamalungiselelo okuba nesabelo kumsebenzi wamaphephancwadi veki nganye. Nikela inani lezifundo zeBhayibhile eziqhutywayo ekuhlaleni uze uchaze inani labafundi abatsha abaye benziwa kunyaka odluleyo. Khuthaza bonke benze umgudu ngenkuthalo wokuba nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokusasaza amaphephancwadi nowezifundo zeBhayibhile.
Ingoma 61 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 27
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IiNdaba Ezingokobuthixo. Yazisa ngamalungiselelo akhethekileyo okunikela ubungqina ngoJanuwari 1. Yenza umboniso ngendlela yokusebenzisa uncwadi oluya kube luhanjiswa ekuhlaleni ngoJanuwari.
15imiz: “Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kwinkonzo Yakho.” Intetho ngumdala. Xa uxubusha isiqendu 2, yenza amagqabaza afanelekileyo ngembekiselo yeMboniselo. Xa uqukumbela funda uze ucacise uMalaki 3:10.
15 imiz: “IYearbook—Uvimba Wokhuthazo.” Intetho enikelwa ngehlombe ebalaselisa indlela ezisebenza ngayo izibhalo ezibonisiweyo. Lungiselela abavakalisi abalungiselele kakuhle babalise ngehlombe amava akweli nqaku namava afumaneka kwiphepha 32 lenkupho yeMboniselo kaJanuwari 1, 1990, kaJanuwari 1, 1987 nekaJanuwari 1, 1986.
Ingoma 120 nomthandazo wokuqukumbela.