IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/93 iphe. 4
  • Hlwayela Ngokuyintabalala Ukuze Uvune Ngokuyintabalala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlwayela Ngokuyintabalala Ukuze Uvune Ngokuyintabalala
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuxabisa Uncwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Indlela Imisebenzi YoBukumkani Exhaswa Ngayo Ngemali
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Ngaba Uyaluxabisa Uncwadi Lwethu?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 12/93 iphe. 4

Hlwayela Ngokuyintabalala Ukuze Uvune Ngokuyintabalala

1 Nawuphi na umlimi uyazi ukuba ukuba uhlwayela imbewu ngokuyintabalala, kuya kwenzeka ukuba avune isivuno esiyintabalala, kodwa ukuba uhlwayela ngokuvimba, ngokuqinisekileyo uya kuvuna ngokuvimba. (2 Kor. 9:6, NW) Mhlawumbi eyona ndawo ongena kakuhle kuyo lo mxholo kusekunikeleni kwethu ubungqina. Ngokucacileyo okukhona sinikela ixesha elingakumbi ekunikeleni ubungqina, kokukhona esanda amathuba okuba sivune amava anik’ umdla, amabuyelo aneziqhamo nezifundo zeBhayibhile zamakhaya ezinemveliso.

2 Kwakhona kufuneka sihlwayele ngokuyintabalala ngokuphathelele amaphephancwadi, iincwadana ezinemifanekiso nezinye iimpapasho. Maxa wambi sisenokuziyeka zifumbe kumathala emakhayeni ethu ngoxa besinokuzisebenzisa ekuncedeni abantu abafanelekayo kwintsimi yethu bazi inyaniso. (Thelekisa uMateyu 25:25.) Makhe siqwalasele umbandela wenani lamaphephancwadi ahanjiswayo. Kuye kwakho ukuhla okuthe ngcembe kwenani lamaphephancwadi esiwahambisayo. Ebudeni bonyaka wenkonzo we-1993 abavakalisi eMzantsi Afrika bebehambisa, ngokomlinganiselo, amaphephancwadi asisi-4,2 ngenyanga. Nangona kusenokubakho izizathu eziliqela zoku, eziquka iimeko zezoqoqosho ezimaxongo, sikholelwa ekubeni abavakalisi abaninzi abazicwangciseli ixesha lokuba nesabelo kumsebenzi wokuhambisa amaphephancwadi ngokuthe rhoqo. Kumabandla amaninzi kulungiselelwe uSuku Lwamaphephancwadi veki nganye ekuthi ngalo lonke ibandla libe nesabelo kule nkalo ibalulekileyo yokuhlwayela ngokuyintabalala imbewu yoBukumkani. Kunokubekela ecaleni uMgqibelo omnye okanye emibini kuphela nyanga nganye, abadala bafanele benze amalungiselelo omsebenzi wamaphephancwadi Mgqibelo NGAMNYE.

3 Kwezinye iindawo abazalwana bakufumanise kunzima ukuhambisa amaphephancwadi ngenxa yogonyamelo oluqhubekayo ezilokishini. Abadala bafanele bancede abavakalisi banikele ingqalelo kwiindawo ezizolileyo. Ukuba anikwazi ukunikela ubungqina esitratweni, ngoko ke yiyani kwindlu ngendlu. Imizila yamaphephancwadi yenye indlela entle yokwandisa inani lamaphephancwadi owahambisayo neyokuqalisa izifundo zeBhayibhile ekugqibeleni.

4 Enye inkalo esifanele sihlwayele ngokuyintabalala kuyo kukumsebenzi wethu wezifundo zeBhayibhile. NgoAgasti 1993, eMzantsi Afrika kufikelelwe incopho entsha yezifundo zeBhayibhile ezingama-63887. Oko kusemagqabini ibe sifuna ukubancoma bonke abo baye banesabelo kulo msebenzi ubalulekileyo. Xa umlimi ehlwayela imbewu, ulindela ukuvuna isivuno esihle. Ngoko kwizifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-63000 eziqhutywayo, ngaba asifanele sivune ulwando oluthe ngcembe lwabafundi abatsha nyanga nganye?

5 Ukuze sivune imiphumo enjalo simele sikulungele ukuzibhokoxa size sisebenzise onke amacebiso amahle esiwafumene kwiinkupho zakutshanje zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani aphathelele izifundo zeBhayibhile. Ngaba wena ngokobuqu ukhe wawasebenzisa onke la macebiso? (Bona uBulungiseleli Bethu BoBukumkani, bukaJuni kuse kuDisemba 1993.) Kutheni ungazenzeli imibhalo yala manqaku uze uyigcine ngasemva kwincwadi yakho Unokuphila Ngonaphakade nethi Ukumanyana Ekunquleni ukuze uwahlole ngokuthe rhoqo? Umveleli wenkonzo nabaqhubi bezifundo zencwadi kuya kufuneka basebenzise la manqaku ukuze bancede bonke ebandleni baphumelele ngakumbi ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile, ngaloo ndlela beqinisekisa ukuba kuvunwa isivuno esihle sabafundi abatsha.—Mat. 28:19, 20.

6 Sonke sifanele sizibuze, Ngaba ndingahlwayela ngokuyintabalala ngakumbi kubulungiseleli? (1 Tes. 4:1) Kutheni ungakhe uhlale phantsi uze ucinge, wena uwedwa okanye nentsapho yakho, ngendlela eninokuba nesabelo esongezelelekileyo ngayo kumsebenzi wokusasaza amaphephancwadi. Ukuba akunasifundo seBhayibhile, kuthandazele oku uze uzibhokoxe entsimini ukuze usifumane. Ukuba uqhuba isifundo, sebenzisa amacebiso anikelwe yintlangano kaYehova ukuqinisekisa ukuba uya kuvuna imiphumo obuyinqwenela. Ngokwenza oku siya kuvuna ngokuyintabalala ngakumbi ukuze kuzukiswe uYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share