Ukubakho Kwiintlanganiso—Imbopheleleko Enzulu
1 Ukuthabatha nzulu kangakanani ukubakho kwiintlanganiso? Lowo ngumbuzo ogocagocayo, akunjalo na? Alithandabuzeki elokuba inkoliso yethu ivakalelwa kukuba siyazixabisa iintlanganiso. Noko ke, iingxelo zibonisa ukuba inani labantu ababakho kwiintlanganiso kumabandla amaninzi kutshanje lihlile. Unokuba yintoni unobangela? Ngaba abanye bethu ngokungeyomfuneko bavumela umsebenzi wehlabathi, ukudinwa, umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, ukungaziva mnandi okungephi, okanye imozulu engentle kangako iphazamisane nembopheleleko yethu yokubakho rhoqo kwiintlanganiso? (Dut. 31:12) Ekubeni oku kufunwa ziZibhalo, ngamnye kuthi ufanele awucingisise ngomthandazo umbuzo othi, Mna ndikuthabatha nzulu kangakanani ukubakho kwiintlanganiso?
2 Abanye abazalwana bethu bahamba kangangeeyure kwindlela ezinothuli bewela imilambo ezele ziingwenya ukuze babekho kwiintlanganiso. Kwibandla okulo, kusenokuba kukho abathembekileyo ‘ababakho rhoqo’ phezu kwazo nje iingxaki ezinkulu zempilo, iziphene, umsebenzi oqobayo kwiindawo abaqeshwe kuzo, okanye umsebenzi wesikolo ofuna ixesha elininzi. (Luka 2:37, NW) Kutheni besenza umgudu wokubakho? Kungenxa yokuba bayazi ukuba abanakuhlangabezana nocelomngeni lweli hlabathi lizaliswe yingcinezelo ngamandla abo. Bamele bathembele kumandla abawanikwa nguThixo.—2 Kor. 12:9, 10.
3 Namhlanje silandela umzekelo owamiselwa ngamaKristu okuqala, awayehlanganisana rhoqo ukuze athandaze, abelane ngamava aze afundisise iLizwi likaThixo. (IZe. 4:23-30; 11:4-18; Kol. 4:16) Sifumana imiyalelo ngesiprofeto nemfundiso yeBhayibhile, kunye nehambo yobuthixo nemilinganiselo yobuKristu yokuziphatha, ndawonye nesiluleko esisexesheni sokuphucula ubomi bethu ngoku ngokusebenzisa ngenyameko imigaqo yeZibhalo. (1 Tim. 4:8) Ukongezelela, sikhunjuzwa ngethemba lethu lokuba ngaminazan’ ithile iingxaki nokubandezeleka ziya kupheliswa. Kubalulekile ukuba eli themba ligcinwe liphila.—Heb. 6:19.
4 Intsapho yakho ikuthabatha nzulu kangakanani ukubakho kwiintlanganiso? Ngaba kukucwangciso lwenu njengokuba enjalo amaxesha okutya okanye umsebenzi wempangelo? Ngobusuku beentlanganiso, ngaba uzifumanisa ucingisisa ngokuya okanye ngokungayi, okanye ngaba ukunxulumana nabazalwana bakho rhoqo akungombandela wokhetho kwintsapho yakho? Abavakalisi abaninzi bakhumbula umzekelo wabazali babo abazahluleleyo xa babesakhula. Omnye umdala ngoxabiso ukhumbula oku: “UTata, wayesoloko eqinisekisa ukuba intsapho iyaya kwiintlanganiso. Ukuba kwakukho umntu ogulayo, omnye wethu wayesala naye ekhaya, kodwa bonke abanye babesiya kwiintlanganiso!”
5 Kwiinkupho ezilandelayo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, siza kuxubusha ukuxabiseka kwentlanganiso yebandla nganye ngenjongo yokunceda sakhe uxabiso ngala malungiselelo okomoya. Ukuba kusafuneka uphucule kubukho bakho kwiintlanganiso, siqinisekile ukuba la manqaku aya kukunceda uqonde oko kukuphosayo. Aya kuquka izikhumbuzo eziluncedo kwabo baqhuba ezi ntlanganiso, kunye namacebiso esinokuwasebenzisa sonke xa sizilungiselela naxa sinenxaxheba kuzo. Kutheni ningakhe nidibane njengentsapho nize niyicingisise ngomthandazo indlela enibakho ngayo kwiintlanganiso? Emva koko nenze uhlengahlengiso oluyimfuneko kucwangciso lwenu. Ukubakho rhoqo kwiintlanganiso kuyinxalenye ebalulekileyo yemfundo yethu yolawulo lobuthixo yaye sifanele sikuthabathe ngokunzulu ngokwenene.