IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena. Amabandla asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela. Ebudeni bohlaselo kuphela, ixabiso koovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo ngama-60 eesenti. Kubavakalisi bebandla noovulindlela abangabancedani, ixabiso yi-R1,00. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R9,00. Ezincinane zii-R4,50. NgoMatshi: Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ngomnikelo wee-R4,50. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R19,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R9,50.
◼ Amabandla afanele enze amalungiselelo afanelekileyo okuqhuba iSikhumbuzo kulo nyaka ngoMgqibelo, ngoMatshi 26, emva kokutshona kwelanga. Nangona bandla ngalinye linqwenela ukuziqhubela esalo iSikhumbuzo, oku kusenokungasoloko kusenzeka. Apho amabandla amaninzi esebenzisa iHolo yoBukumkani enye, mhlawumbi ibandla elinye okanye angakumbi anokufuna enye indawo anokuyisebenzisa ngolo rhatya. ISikhumbuzo asifanele siqalise ebusuku kakhulu kangangokuba abantu abasandula ukuba nomdla bakufumanise kunzima ukubakho. Ngokubhekele phaya, iintlanganiso azifanele zisondelelane kude kungabikho nethuba lokubulisa iindwendwe, ngaphambi nasemva kwesikhumbuzo, lokwenza amalungiselelo okuqhubeka kuncedwa ngokomoya abathile, okanye elokukhuthazana kwabo bonke abakhoyo. Emva kokuqwalasela kakuhle bonke oothunywashe, abadala bafanele bagqibe ngamalungiselelo aya kubanceda bonke abakhoyo eSikhumbuzweni ukuze bangenelwe ngokuzeleyo kwesi siganeko.
◼ Ukususela ngoFebruwari, yaye kungekhona emva kukaMatshi 6, intetho yesidlangalala entsha yabaveleli besiphaluka iya kuthi “Ukuncwina Kwendalo Engabantu—Kuya Kuphela Nini?”
◼ Intetho ekhethekileyo yesidlangalala yexesha leSikhumbuzo sowe-1994 iya kunikelwa ehlabathini lonke ngeCawa, ngoAprili 10. Umxholo wale ntetho uya kube usithi “Unqulo Lokwenyaniso Luyazanelisa Iintswelo Zebutho Labantu.” Ulwandlalo luza kuthunyelwa. Amabandla anotyelelo lomveleli wesiphaluka, indibano yesiphaluka, okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye ngaloo mpela-veki aya kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki elandelayo. Akakho amabandla afanele abe nentetho ekhethekileyo ngaphambi koAprili 10.
◼ UAprili 9, 1994, ubekelwe bucala njengoSuku olukhethekileyo lwamaPhephancwadi. Kwiminyaka emine edluleyo, amawaka abazalwana bethu akunandiphile ukuba nesabelo kumsebenzi woSuku olukhethekileyo lwamaPhephancwadi. Kutheni ungaqali ngoku ukwenza amalungiselelo okuba nesabelo ngokuzeleyo kulo nyaka? Amabandla akhuthazwa ukuba enze iiodolo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Xa nitsalela umnxeba kuMbutho, ncedani nikhumbule oku kulandelayo: (1) Ngaphandle kweemeko zongxamiseko okanye eminye imibandela engxamisekileyo, ncedani xa nitsalela umnxeba amalungu entsapho yaseBheteli ngemicimbi yobuqu nikwenze oko emva kweeyure zomsebenzi ekubeni iminxeba yethu ixakeka gqitha ebudeni bemini. (2) Xa utsala umnxeba mayela nengxaki ethile okanye umbuzo, nceda uchaze ngokucacileyo indawo okuyo nombandela ofuna ukuwuxubusha. Asibakhuthazi abazalwana, kuquka nabadala, ukuba bacele umzalwana othile ngegama ekubeni esenokuba wabelwe kwelinye isebe okanye akafumaneki ukuba akuncede. Umntu ophendula iminxeba uya kukwazi ukukufaka kwisebe elifanelekileyo. Ncedani nizame ukubetha koomofu kangangoko kunokwenzeka xa nitsala umnxeba ukuze kongiwe ixesha elixabisekileyo. (3) Ukuba unengxaki yobuqu ofuna ukuyixubusha, nceda uyixubushe nabadala basekuhlaleni kuqala, ngaphambi kokutsalela umnxeba uMbutho. Abadala ngabona banokukwazi ukukunceda kwimibuzo okanye iingxaki onazo. Ngaphandle kokuba ngumbandela ongxamisekileyo, sikhuthaza BONKE abazalwana, kuquka nabadala, ukuba babhale ileta bechaza ngaloo ngxaki. Singavuya ukuba sinokunikela ingqalelo ngokukhawuleza kulo mcimbi. (Ncedani nibone iSingxobo Semibuzo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, bukaDisemba 1992, iphepha 5.)
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiGrike: INew World Translation of the Christian Greek Scriptures (ibandla nowonke wonke: R4,50; oovulindlela: R3,00). NgesiNgesi: IWatch Tower Publications Index 1991-1992 (ibandla nowonke wonke: R2,50; oovulindlela: R1,50). NgesiPhuthukezi: Imiqulu ephinde yashicilelwa yeWatchtower ukususela ngowe-1974-77 (ibandla, uwonke wonke noovulindlela: R18,00). NgesiVenda: Elementary Bible Teachings. Le yincwadana enemifanekiso enamaphepha angama-64 enemibuzo yobhaptizo ethatyathwe kwincwadi Ubulungiseleli Bethu. Imele inikwe abavakalisi ababhaptiziweyo nabangabhaptizwanga kuphela. (Ibandla, uwonke wonke noovulindlela: ngama-45 eesenti).