Benze Bazive Bamkelekile ESikhumbuzweni
1 Kwiminyaka embalwa edluleyo, ngumntu omnye kwabathathu ababekho eSikhumbuzweni owayengumvakalisi weendaba ezilungileyo. Kunokwenzeka okufanayo nakulo nyaka. Bambi banokubakho ngenxa yokuba becelwe sisalamane okanye umntu abamaziyo ohlala kwesinye isixeko, ngoxa abanye besenokuba bamenywe ngabavakalisi basekuhlaleni. Kwakhona abanye abaye babekho, nangona bebhaptiziwe, abasakhuthalanga kubulungiseleli. Sibamkela ngokunyanisekileyo bonke ababonisa intlonelo kumyalelo kaYesu othi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”—1 Kor. 11:24; Roma 15:7.
2 Abalindi ababelweyo bafanele bakuphaphele ukubamkela bonke abantu, ngokukodwa umntu omtsha, xa efika kwiHolo yoBukumkani. Noko ke, sonke sinokuba nesabelo ekusukeleni ikhondo lokubuk’ iindwendwe eSikhumbuzweni. (Roma 12:13) Sinokukwenza njani oku?
3 Ngolo rhatya abanye abavakalisi baya kuba bexakeke gqitha benceda abantu abanomdla ngento yokuhamba. Bambi basenokukwazi ukufika kwangethuba ukuze babulise iindwendwe ezifika zihamba zodwa. Xa umntu ongamaziyo engena eholweni, mbulise ngokufudumeleyo, uze uqalise incoko. Mbuze enoba kukho umntu amaziyo kusini na kwibandla lasekuhlaleni. Ukuba ukho, mnyamekele de loo mntu afike. (Thelekisa uLuka 10:35.) Ukuba akukho mntu amaziyo, kutheni ungamceli ukuba ahlale nawe ebudeni bentlanganiso? Mchazele indlela iwayini nesonka eziya kusetyenziswa ngayo ebudeni bocwangciso. Kusenokufuneka umncede ekukhangeleni izibhalo ezicatshulwa sisithethi.
4 Xa iSikhumbuzo sigqityiwe, mxelele ukuba uyavuya kuba ezile. Usenokuba nemibuzo ngomsebenzi wethu osenokuyiphendula. Ukuba nomdla kwakho kuye kusenokukhokelela kwingxubusho yombandela othile eBhayibhileni, enoba kukwiHolo yoBukumkani okanye kwenye indawo. Abazalwana abaphaphileyo abaye bathabatha eli nyathelo lokuqala lincomekayo baye baqalisa izifundo ezihle gqitha. Ngaphambi kokuba loo mntu aphume kwiHolo yoBukumkani, mazise kwabanye, uze ummeme ngokufudumeleyo ukuba aphinde eze.
5 Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukwamkela abazalwana noodade wethu abathandekayo abebengezi rhoqo kwiintlanganiso okanye abebengakhuthalanga kubulungiseleli okwexesha elithile! Kunokuba ubabuze isizathu sokuba bangezi kwiintlanganiso, bonisa indlela ovuya ngayo ngenxa yokuba bekho. Mhlawumbi okuthile abakuve kwintetho yeSikhumbuzo kuya kubashukumisela ekubeni bacinge kwakhona ngozahlulelo lwabo kuYehova. Indlela obamkela ngokufudumele ngayo nenkxalabo yokwenyaniso oyibonisayo isenokuzichukumisa iintliziyo zabo. Bazise ukuba uyakulangazelela ukuphinda ubabone.—Roma 1:11, 12.
6 Intetho yesidlangalala ekhethekileyo enomxholo othi “Unqulo Lokwenyaniso Luyazanelisa Iintswelo Zebutho Labantu” iya kunikelwa kumabandla amaninzi ngoAprili 10. Qinisekisa ukuba bonke abakhoyo eSikhumbuzweni bayamenywa yaye bayancedwa ukuba babekho. Sithemba ukuba abo baya kubakho kwezi ntlanganiso zikhethekileyo baya kuziva bamkelekile baze banandiphe umoya ofudumeleyo wobudlelane phakathi kwabantu bakaYehova.—INdu. 133:1.