IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/94 iphe. 3
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 6/94 iphe. 3

IZaziso

◼ Umnikelo woncwadi NgoJuni: IBhayibhile​—⁠Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R3,00. NgoJulayi: Kuya kuhanjiswa ngaxeshanye naziphi na iincwadana ezintathu ezinamaphepha angama-32 ibandla elinazo esitokhweni ngomnikelo weesenti ezingama-90. Ukuba ibandla alinaso isixa seencwadana, kusenokusetyenziswa incwadana enemifanekiso efanelekileyo endaweni yazo. Iincwadana ezinamaphepha angama-32 azifanele ziodolwe kuMbutho kuba azikho, kodwa amabandla afanele asebenzise iincwadana anazo. NgoAgasti: Nayiphi na incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 kwezi zilandelayo isenokusetyenziswa ngomnikelo weesenti ezingama-90 inye: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, Iyintoni Injongo Yobomi​—⁠Unokuyifumana Njani?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi nethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha.” NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R9,00. Ezincinane zii-R4,50.

◼ Ukususela ngo-Oktobha 3, 1994, kwiSifundo Sencwadi Sebandla kuya kufundwa incwadi ISityhilelo​—⁠Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!

◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku kwenziwe.

◼ Kubaveleli abongamelayo: Sicela nithumele kuMbutho nawaphi na amava abalaseleyo ibandla lenu eliye lanawo ebudeni bonyaka, kuquka namava angenkonzo yobuvulindlela bobuncedani noSuku lwamaPhephancwadi olukhethekileyo, ngoAprili 9, 1994. Sifuna ukukhetha awona abalaseleyo kwintsimi yethu ukwenzela ingxelo yonyaka. Ncedani ningawathumeli emva kukaJulayi 1, 1994.

◼ Sisenesixa sencwadana Ukuhlolisisa Izibhalo Imihla Ngemihla​—⁠1994 ngezi lwimi zilandelayo: IsiNgesi, isiSuthu, isiXhosa nesiZulu.

◼ Ukususela ngoJuni 1, amaxabiso omrhumo weMboniselo noVukani! aza kuba zii-R30,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga uya kuba zii-R15,00. Imirhumo yeqela iya kubiza ngaphantsi kunale. Ncedani nihlole ileta kaMatshi 21, 1994 ukuze nifumane iinkcukacha ezingakumbi.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

NgesiNgesi: Why Should We Worship God in Love and Truth? (incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 yenzelwe amaHindu; ibandla nowonke wonke: ziisenti ezingama-90; oovulindlela: ziisenti ezingama-60).

◼ Iikhasethi ZeVideo Ezintsha Ezifumanekayo:

NgesiNgesi: The Bible​—⁠Mankind’s Oldest Modern Book (ibandla nowonke wonke: R45,00; oovulindlela: R40,00).

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share