Ngaba Ndinokukhonza EBheteli?
1 Ukuba ungumzalwana ongatshatanga, ngaba wakha wacinga ngokwenza intlangano kaYehova ingenelwe kubuchule bakho? Ewe, ngaba ungakhonza eBheteli uze wanelise intswelo engxamisekileyo yabasebenzi abangakumbi? Ngenxa yolwando olukhulu apha eBheteli, kukho intswelo engakumbi kumaSebe ethu Okunyamekela ahlukeneyo. Ngoku sinoomatshini nezixhobo ezingakumbi kunanini na ngaphambili ekufuneka sizinyamekele. Ukongezelela kwishedi esele iza kugqitywa, siceba ukwakha izakhiwo zokuhlala ezingakumbi ezibini, songeze imigangatho emibini kwisakhiwo sethu seeOfisi size sandise uMzi-mveliso wethu ebudeni beminyaka emine ezayo. Ngoko ke, sifuna abasebenzi abangakumbi bokunyamekela izakhiwo nezixhobo zethu.
2 Ngokukhethekileyo, sifuna abantu abaqeqeshiweyo abasebenza ngombane, ngemibhobho, iifitter neeturner, abakhandi bezithuthi zepetroli nezedizili, iingcali zezikhenkcisi, iingcali kwiHVAC, abaqhubi abanoCode 14, abachweli, abongikazi, abancedisi bogqirha wamazinyo, abalungisi bomhlaba neeinterior finisher. Kunconyelwa ukuba kuze abazalwana abangatshatanga abaphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35, kodwa ukuba umzalwana otshatileyo uyingcali yomsebenzi othile, yena nomfazi wakhe basenokufaka isicelo. Abo bafake izicelo bafanele ubuncinane babe nonyaka bebhaptiziwe, babe nokuma okuhle nebandla, yaye babe nempilo entle. Ukuba unazo ezi zinto zifunekayo ukuze ukhonze eBheteli ibe ufuna ukuba nesabelo kolu lwandiso luchwayitisayo, ngoko sikubongoza ukuba ufake isicelo ngoku.—Thelekisa uMarko 1:41.
3 Ukuba unqwenela ukufaka isicelo, fumana ifomu yesicelo yaseBheteli ngokubhalela kuMbutho ngokukhawuleza. Xa uzizalisile iifomu zesicelo, zinike iKomiti Yenkonzo Yebandla lakho izihlole. Sikhuthaza bonke abazalwana abangatshatanga bakucinge ngomthandazo ukukhonza eBheteli. Ewe, ngamana uYehova angasisikelela isigqibo sakho njengokuba uphendula ngokuvumayo kumbuzo othi, Ngaba Ndinokukhonza EBheteli?