Iintlanganiso Zenkonzo Yasentsimini Ezinentsingiselo
1 KuLuka 10:1-11, sinengxelo yentlanganiso kaYesu nabafundi abangama-70 abasandul’ ukufumana izabelo ebanceda balungele inkonzo yasentsimini. Wanikela ulwalathiso olungqalileyo ukuze balungelelane, balungiselele ababeza kukuthetha nokuqhubana neemeko ezinzima. Sinokufunda okuthile ngokuhlolisisa le ngxelo.
2 Kucacile ukuba bonke abafundi abangama-70 babekho kuloo ntlanganiso noYesu. Xa abanye benomkhwa wokufika mva kuchithwa ixesha elininzi kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini. Ukufika kwabo mva kuwabuyisela emva amalungiselelo eqela elihamba ngenqwelo-mafutha nezabelo zentsimi. Oku kulibazisa iqela liphela. Sonke sinokuphumeza indima yethu ngokufika kwangexesha size silungele ukuya entsimini ngokukhawuleza.
3 UYesu wanika eli qela umxholo wencoko ongqalileyo elaliza kuwusebenzisa, owawungulo, “ubukumkani bukaThixo.” (Luka 10:9) Sabelwe ukushumayela isigidimi esifanayo, ibe sidla ngokuwaxabisa amacebiso aluncedo koko sifanele sikuthethe. Umqhubi usenokubhekisela kwincwadi Ukuqiqa, enikela iintshayelelo ezahlukeneyo ezingaphezu kwama-40 neendinyana zeZibhalo ezinokusetyenziswa kwiimeko ezahlukeneyo. Ukuhlolisisa ngokufutshane intshumayelo enye okanye ezimbini kunokusinceda sibe nento esiyikhumbulayo esinokuyithetha, kusenza sithethe ngentembelo emizini.
4 UYesu akazange axelele abafundi bakhe oko mabakuthethe kuphela kodwa wabaxelela nendlela yokukuthetha. (Luka 10:5, 6) Veki nganye kucwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo kubalaseliswa imiboniso esibonisa indlela yokuthetha ngokuphumelelayo. Umqhubi usenokuhlolisisa oko bekunikelwe kwintlanganiso edluleyo aze anikele amacebiso angendlela okunokusetyenziswa ngayo entsimini ngaloo mini. Umboniso omfutshane olungiselelweyo wentshumayelo elula engokweZibhalo unokusinceda sicinge ngokuthile size sikuthethe.
5 Kwakhona uYesu wayalela abafundi bakhe ngendlela amabaziphathe ngayo. (Luka 10:7, 8) Ngokufanayo umqhubi usenokusinika ulwalathiso olufanelekileyo lokusinceda siphephe nantoni na enokusiphazamisa kumsebenzi wethu. Usenokusilumkisa ngokubuthelana kwiimbombo zezitalato okanye sichithe ixesha siphikisana nabachasi. Usenokusikhumbuza ngemfuneko yokugcina ingxelo echanileyo yendlu ngendlu. Abazali kusenokufuneka bakhunjuzwe ngokubek’ iliso kubantwana babo.
6 Abafundi abangama-70 basebenzisana nemiyalelo kaYesu baza kamva ‘babuya bevuyile.’ (Luka 10:17) Ukuba siyasabela kulwalathiso esilufumana kule ntlanganiso yenkonzo yasentsimini, nathi sinokuba nethemba lokufumana uvuyo ekushumayeleni isigidimi soBukumkani.—IZe. 13:48, 49, 52.