IZaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! okanye IMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R30,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R15,00. Imirhumo yeqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R3,50. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R10,50. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo: Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Imihla neelwimi zezi ndibano zesithili zilandelayo zitshintshiwe:
Disemba 23-25:
EBhayi (IsiBhulu, isiNgesi nesiXhosa) Indawo: St. George’s Park Cricket Stadium
Disemba 30, 1994–Januwari 1, 1995:
EBloemfontein (IsiBhulu, isiNgesi nesiSuthu) Indawo: Springbok Park Cricket Stadium
◼ Amabandla asenokuodola umxholo wonyaka we-1995, ofumaneka ngee-R13,00 umnye, ngesiBhulu, isiNgesi, isiSuthu, isiXhosa nangesiZulu. Uya kufakwa kwityala loncwadi. Amabandla anamatyala ajingayo kumatyala awo oncwadi afanele athumele ikheshi kunye neeodolo zawo. Kucetyiswa ukuba onke amabandla axhome umxholo wonyaka omtsha ngoJanuwari 1, 1995.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—1995 ukususela ngo-Oktobha 1 kunye neodolo yawo eqhelekileyo yoncwadi. Ezi ncwadana ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiKwanyama, isiNgesi, isiPedi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiTsonga, isiTswana, isiVenda, isiXhosa nesiZulu. De ezi ncwadana zibe ziyafumaneka yaye zithunyelwe, kuya kubhalwa ukuthi “Zothunyelwa” kwii-invoyisi zebandla. Iincwadana ezithi Ukuhlolisisa IZibhalo zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe ziya kufakwa kwityala loncwadi nge-R1,80 inye, elo lixabiso labavakalisi noovulindlela. Oovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo ababekuluhlu ngaphambi kukaJulayi 1, 1994, basenokuzifumanela umbhalo omnye wesisa. Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anamatyala ajingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele ikheshi kunye neeodolo zawo. Afanele abhale ngokukhethekileyo kwifomu ethi Uthunyelo-mali Nesicelo Sokuncitshiselwa Ityala (S-AB-20) bebonisa imibhalo yesisa abayinike oovulindlela. Zifanele ziodolwe ngebandla. SIKHUTHAZA LUNGU NGALINYE LENTSAPHO, KUQUKA NABANTWANA ABAKWAZIYO UKUFUNDA, UKUBA LIBE NOMBHALO WALO WALE NCWADANA.
◼ Kule nkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani kukho “Ucwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowe-1995.” Lufanele lugcinwe ukuze kubhekiselwe kulo ebudeni bowe-1995.
◼ IiKomiti Zenkonzo zifanele zincede zithumele kuMbutho amava abalaseleyo afunyenwe kuhlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Siya kukuxabisa ukuwafumana ngoNovemba 15, 1994.
◼ Ncedani niphawule ukuba ixabiso elitsha lencwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo zii-R30,00 kwibandla nowonke wonke, yaye koovulindlela zii-R22,00. Ncedani nongezelele oku kwiCost List yenu entsha.