Luhlobo Olunjani Lomoya Owubonisayo?
1 UPawulos waqukumbela incwadi yakhe eya kwibandla laseFilipi ngesi sibongozo: “Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube [nomoya eniwubonisayo, NW].” (Fil. 4:23) Wabancoma ngomdla wabo wokwenene ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kunye nenkxalabo yobubele nothando ababenayo ngempilo-ntle yabazalwana.—Fil. 1:3-5; 4:15, 16.
2 Sifanele sibe nomnqweno wokubonakalisa umoya onjalo ebandleni lethu. Xa bonke bebonisa inzondelelo, ububele nokubuk’ iindwendwe, oku kwakha umoya obonwa nangababukeli. Umoya ofanelekileyo nowothando uzisa umanyano nenkqubela yokomoya. (1 Kor. 1:10) Umoya ongakhiyo uvelisa ukudimazeka nokungenzi izinto ngentliziyo iphela.—ISityhi. 3:15, 16.
3 Badala Khokelani: Abadala banembopheleleko yokuhlala benomoya omhle, owakhayo kwiziqu zabo nasebandleni. Ngoba? Kuba ibandla linokuphenjelelwa sisimo sengqondo nehambo yabo. Siyakuxabisa ukuba nabadala abanenzondelelo kwinkonzo yasentsimini, abasibulisa ngoncumo lobuhlobo namazwi obubele, nabanesiluleko esifanelekileyo nesakhayo, enoba sinikelwa ngasese okanye eqongeni.—Heb. 13:7.
4 Kakade ke, sonke sifanele sibe nesabelo ekwenzeni ibandla libe nobubele, libuk’ iindwendwe, libe nenzondelelo, lize libe lelokomoya. Ngamnye kuthi, unokubonisa ububele nothando kunxulumano lwethu nabanye. (1 Kor. 16:14) Phakathi kwethu akumele kubekho ukucalulwa ngenxa yobudala, uhlanga, imfundo, okanye imeko yezemali. (Thelekisa amaEfese 2:21.) Ngenxa yethemba esinalo, sinokubonakalisa umoya wovuyo, ukubuk’ iindwendwe ngobubele nenzondelelo kubulungiseleli.—Roma 12:13; Kol. 3:22, 23.
5 Bonke abanxulumana nathi, kuquka abasebatsha, sifanele sibenze bazive bamkelekile baze bawuve umoya wothando nokuzinikela kwabazalwana. Ngobulungiseleli bethu nangokubonakalisa iimpawu ezintle zobuKristu, sinikela ubungqina bokuba ibandla ‘liyintsika nesiseko sayo inyaniso.’ (1 Tim. 3:15) Kwakhona siyanqabiseka ngokomoya ngenxa ‘yoxolo lukaThixo’ olugcina iintliziyo neengqiqo zethu. (Fil. 4:6, 7) Ngamana sonke singakuzabalazela ngenkuthalo ukubonisa uhlobo lomoya oya kusiqinisekisa ngokunandipha ubabalo lukaYehova ngeNkosi uYesu Kristu.—2 Tim. 4:22.