Mema Abanye Balandele Oyena Mntu Ubalaseleyo
1 Njengokuba kubhalwe kuMateyu 5:14, uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Nina nilukhanyiselo lwehlabathi.” Abalandeli bakaYesu babemele baxelele abantu kwiindawo zonke ngoBukumkani bukaYehova nangamalungiselelo Akhe othando osindiso ngoYesu. Sikhumbula olo thumo, ebudeni benyanga kaDisemba sikhangele phambili ekunikeleni incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Nanga amanye amacebiso osenokufuna ukuwasebenzisa.
2 Wakuba uzazisile, usenokubeka oku kulandelayo ngawakho amazwi:
◼ “Abaninzi baye bazibuza ukuba wayenjani uYesu xa wayephila kulo mhlaba. Kungaziphi iindlela ocinga ukuba wayahluke ngazo kwabanye? [Vumela impendulo.] Le ncwadi ibangel’ umdla ithi, Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, ibalisa ngeembalasane zobomi nobulungiseleli bakhe, yaye yenza siqonde uhlobo lomntu awayelulo. Bakuba beyifundile, abanye baziva ngathi baye banethuba lokunxulumana naye ngokobuqu, babandezeleka naye, baza bazibonela ngokwabo ubulungiseleli bakhe.” Yandula ke utyhile kumfanekiso wokuqala wale ncwadi, obalaselisa umxholo. Yandula ke utyhile kwintshayelelo, uze ufunde isiqendu sesibini phantsi komxholwana othi “Fumanani Iingenelo Ngokufunda Ngaye.” Nikela le mpapasho ngomnikelo wee-R10,50.
3 Okanye usenokuthetha okufana noku:
◼ “Ebudeni beli xesha lonyaka abantu bacinga ngoYesu. Noko ke, ngenxa yezinto ezininzi ezimbi ezenzekayo ehlabathini lonke, abanye basenokuzibuza enoba uYesu usikhathalele ngokwenene. Uvakalelwa njani koko?” Vumela impendulo. Tyhila kwisahluko 24 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, uze uxubushe ngokufutshane isizathu sokuba uYesu eze emhlabeni. Yandula ke ufunde uYohane 15:13, ubethelela uthando lukaYesu olusuk’ entliziyweni ngabanye. Ungalibali ukuphatha iphephancwadi lakutshanje, incwadana enemifanekiso, okanye iphecana elifanelekileyo elikhoyo ukuze ulinikele ukuba incwadi ayamkelwa.
4 Nali elinye icebiso:
◼ “Inkoliso yabantu abaselula ifuna abantu enokubaxelisa, kodwa kunzima ukufumana abayimizekelo emihle. UYesu Kristu wamisela wonk’ ubani umzekelo ofezekileyo. [Funda eyoku-1 kaPetros 2:21.] Ubomi bakhe buphela babujoliswe kunqulo lukaYise wasemazulwini. Ucinga ukuba bekuya kuba njani ukuba abantu abangakumbi bebezama ukumxelisa?” Vumela impendulo. Bhekisela kwisiqendu sesithathu kwiphepha elandulela elokugqibela lale ncwadi, esichaza iimpawu zakhe ezikhethekileyo. Cacisa indlela incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo enokusinceda ngayo sonke sibe ngamaKristu alunge ngakumbi.
5 Usenokufuna ukusebenzisa okufana noku:
◼ “Xa ubani ekhankanya uYesu Kristu, abantu abaninzi bacinga ngaye njengosana okanye indoda ebandezelekileyo eza kufa. Ingcamango yabo ngoYesu iphelela nje ekuzalweni nasekufeni kwakhe. Izinto ezimangalisayo awazithethayo nawazenzayo ebudeni bobomi bakhe abadli ngakuziphawula. Awakuphumezayo kuchaphazela wonk’ ubani owakha waphila kulo mhlaba. Kungenxa yoko kubalulekile ukuba sifunde okuninzi kangangoko sinako ngezinto ezimangalisayo awasenzela zona.” Funda uYohane 17:3. Tyhila kwiphepha lokuqala lentshayelelo lencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, uze ufunde isiqendu sesine. Cacisa indlela le ncwadi anokuyifumana ngayo aze ayisebenzise kufundisiso lobuqu.
6 Qiniseka ukuba ugcina ingxelo yomdla neyoko ukuhambisileyo ukuze uwulandele ngokubuyela. Ngoxa kusekho ixesha, masifune ngenzondelelo abantu abantliziyo zinyanisekileyo size sibancede babe ngabalandeli boMsindisi wethu, uYesu Kristu.—Mat. 16:24.