Bakhuthaze Babe Ngabalandeli Bakhe
1 Kweyoku-1 kwabaseKorinte 3:6, uPawulos wabhala: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.” UPawulos wasebenzisa le ndlela yokuqiqa ekuncedeni abazalwana bakhe babone imfuneko yokusebenza ngokumanyeneyo phantsi kobuntloko bukaKristu. Kwakhona ngale ndlela wabanceda bayiqonda indima ebalulekileyo ababenayo kumsebenzi obalulekileyo wokutyala nowokunkcenkcesha.
2 Loo msebenzi wokusindis’ ubomi ufanele uqukunjelwe namhlanje. NjengamaKristu azahluleleyo, sinembopheleleko enzulu yokunceda abanye babe ngabalandeli bakaYesu. (IZe. 13:48) Uya kuwulandela njani umdla oye wawuvusa ngokusebenzisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila?
3 Ukuba ubuyela kumntu obethabathe le ncwadi, unokuthi:
◼ “Ukugqibela kwethu ukuthetha, sixubushe ngoko uYesu Kristu wayekuko njengomntu. Ndavuyiswa kukukushiyela incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Yintoni eyona nto uyithande kakhulu ngemfundiso kaYesu nangobuntu bakhe?” Vumela impendulo. Tyhila kwisahluko 113, uze uxubushe umzekelo obalaseleyo kaYesu wokuthobeka. Funda amaFilipi 2:8 ukuze ubonise indlela umpostile uPawulos awayesijonga ngayo isimo sengqondo sikaYesu sokuthobeka. Unokwandula ke ucacise indlela anokufunda okungakumbi ngayo ngoncedo lwesifundo seBhayibhile esithe rhoqo.
4 Usenokukhetha le ntshayelelo:
◼ “Siye sathetha ngezinto uYesu awazenzayo xa wayesemhlabeni ezibonisa ukuba usikhathalele ngokwenene. Ucinga ukuba uya kwenza ntoni ekugqibeleni ukukhulula abo baye babandezeleka kangaka?” Vumela impendulo. Tyhila kwisahluko 133, uze uhlolisise amagqabaza akwisiqendu sesihlanu. Tyhila kumfanekiso okwiphepha elilandelayo, uze ucacise indlela ekuya kuba yiyo xa kusenziwa ukuthanda kukaThixo emhlabeni njengokuba kusenziwa emazulwini. Bonisa iingenelo anokuzifumana ngokufunda ngakumbi.
5 Ukuba ekuqaleni bekungekho mdla waneleyo wokuba ungade uhambise incwadi, mhlawumbi unokuqalisa ingxubusho yakho ngale ndlela:
◼ “Ndicinga ukuba siyavumelana ukuba abantu abaninzi namhlanje bazama ukufanisa ubomi babo nothile abamjonga njengomzekelo wabo. UYesu Kristu ngowona mzekelo nabani na anokuwulandela. Ndingathanda ukwabelana nawe ngesifundo esibaluleke gqitha endisifunde ngokufundisisa umzekelo owamiselwa nguYesu. [Tyhila kwisahluko 40 kwincwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, uze utsalele ingqalelo kwisifundo sikaYesu sobubele esingenceba.] Oku kwandikhumbuza ngamandla indlela ekufuneka ndilubonakalise ngayo olu phawu kwabanye.” Funda uMateyu 5:7. Ukuba ngoku kubonakala kukho umdla ongakumbi, nikela incwadi okanye incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
6 Okanye usenokufuna ukuzama le ntshayelelo ingqalileyo:
◼ “Ukugqibela kwam apha, sixubushe imbaluleka yokuzuza ulwazi ngoYesu. UYohane 17:3 uthi ukuba nolwazi olunjalo ‘kuthetha ubomi obungunaphakade.’ Sinokukwenza njani oko?” Vumela impendulo. Qhubeka ucacisa ilungiselelo lethu lesifundo seBhayibhile nendlela yokulisebenzisa.
7 UPawulos uthi umsebenzi esivunweni “uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka.” (1 Kor. 3:8) Ukuba sizibhokoxa ngamandla ekuncedeni abanye babe ngabalandeli bakaYesu, ngokuqinisekileyo umvuzo wethu uya kuba mkhulu.