IZaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R10,50. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Amabandla asenokucela ukuncitshiselwa ityala kuMbutho. Ixabiso labavakalisi yi-R1,00 yaye eloovulindlela ziisenti ezingama-60. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo: Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R10,50. Ezincinane zii-R5,30. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R10,50.
◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza emva koko. Yenza isaziso ebandleni wakuba ukwenzile oku.
◼ ISikhumbuzo sowe-1996 siya kuba ngoLwesibini, ngoAprili 2, emva kokutshona kwelanga. Esi saziso seSikhumbuzo sowe-1996 sinikelwe kuselithuba ukuze abazalwana bakwazi ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okanye bafune iiholo ezifumanekayo apho kukho amabandla amaninzi asebenzisa iHolo yoBukumkani enye namele afumane enye indawo.
◼ Ileta yoMbutho ka-Agasti 1, 1994, eyayisiya kuwo onke amabandla, yakhankanya ukuba kuya kuthunyelwa kuwo onke amabandla uhlelo oluhlaziyiweyo lwesihlomelo esasikwinkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1992 nobukaMatshi 1993. Nimele ukuba sele nizifumene ezi zihlomelo ngoku. NCEDANI NIPHAWULE: Ekubeni ezi zihlomelo zihlaziyiwe, ncedani nilahle imibhalo yazo emidala eninayo. Kwisihlomelo sikaJuni 1992, kunikelwe ulwalathiso olungqalileyo lwendlela yokusebenzisana neKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele emiselweyo. Nceda ugcine umbhalo wakho apho unokuwufumana khona ngokukhawuleza xa uwufuna. Kwixa elizayo abadala bafanele banike mntu ngamnye osandula ukubhaptizwa ezi zihlomelo.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiPedi: Incwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo (ibandla, uwonke wonke noovulindlela: R3,50). NgesiPolish: New World Translation of the Christian Greek Scriptures (ibandla nowonke wonke: R5,60; oovulindlela: R3,70).