Nikela Ingqalelo Ngokuqhubekayo Kwimfundiso Yakho
1 NgoJanuwari 1995 kuza kuqalisa uCwangciso LweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo olutsha. Yintoni entsha kolu cwangciso? Imbali echwayitisayo yentlangano kaYehova yanamhlanje iya kuba ngumxholo wengxubusho kwinkoliso yeentetho eziyalayo. Ebudeni bonyaka, kuya kuqwalaselwa amaphepha ali-178 encwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo. Ekubeni kungazi kubakho mibuzo yempinda emva kwentetho eyalayo ekwincwadi ethi Abavakalisi, yintoni esinokuyenza ukunikela ingqalelo kwimfundiso yethu size sandise iingenelo?—1 Tim. 4:16.
2 Nangona abaninzi sele beyifundile incwadi ethi Abavakalisi, ukuqwalasela umbandela okucwangciso lwesikolo uya kubanceda bonke baliqonde ngakumbi ilifa lobuthixo abanalo. (INdu. 71:17, 18) Kutheni ungabekeli ecaleni ixesha elithile veki nganye ukuze uhlolisise umbandela owabelweyo kwincwadi ethi Abavakalisi?
3 Iintetho Ezifundisayo Ezinehlombe Nezibangel’ Umdla: Iintetho ezifundisayo ezikwincwadi ethi Abavakalisi zifanele zinikelwe ngehlombe nangendlela ebangela umdla. Kwakhona zifanele zibalaselise ukuxabiseka okusebenzisekayo kwenkcazelo, isetyenziswa ukuze yenze nzulu intlonelo ngentlangano kaYehova noxabiso ngamalungelo esinawo njengabakhonzi bakaThixo. Ukuba ntsapho nganye ezayo eSikolweni iza nombhalo wayo wencwadi ethi Abavakalisi kwintlanganiso, amalungu entsapho anokuhambisana ngakumbi nentetho efundisayo aze angenelwe kwimifanekiso neefoto ezikule ncwadi.
4 Ufundo LweBhayibhile Oluhlokoz’ Ingcinga: Ukufunda kakuhle, kunye nocinezelo lwengqiqo nemvo efanelekileyo, yinxalenye ebalulekileyo ekufundiseni. Ukongezelela, umbandela owabelweyo ofanelwe ufundwe kwiNtetho Yesi-2 awukho mde, yaye kuya kubakho ixesha elaneleyo lamagqabaza esithethi entshayelelo nawokuqukumbela. Intshayelelo ifanele ivuselele umdla kumbandela owabelweyo ize ilungiselele abaphulaphuli ukuba baqonde ukuxabiseka kwayo okusebenzisekayo. Umqukumbelo usenokuquka amagqabaza acacisayo nendlela umbandela osebenza ngayo, isithethi silisebenzise lonke ixesha elisinikiweyo.
5 Inkcazelo ebhekele phaya kucwangciso lwesikolo nendlela izabelo ezimele zisingathwe ngayo inokufunyanwa ‘kuCwangciso LweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sowe-1995.’ Sinikela ingqalelo kwimfundiso yethu ngokuhlolisisa imiyalelo ekulo mbandela, ngokusilungiselela kakuhle isabelo sethu, nangokusebenzisa isiluleko esisinikiweyo, ukuze siphucule ubuchule bokuthetha nobokufundisa. Abo bangekabhalisi esikolweni bamenywa ngokufudumeleyo ukuba benjenjalo.