Izaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elisenokuba linayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Amabandla asenokucela ukuncitshiselwa ityala kuMbutho. Ixabiso labavakalisi yi-R1,00 yaye eloovulindlela ziisenti ezingama-60. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo: Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu. NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R10,50. Ezincinane zii-R5,30. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R10,50. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R30,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zi-R15,00. Imirhumo yeqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla.
◼ Amabandla afanele enze amalungiselelo afanelekileyo okuqhuba iSikhumbuzo kulo nyaka ngoLwesihlanu, ngoAprili 14, emva kokutshona kwelanga. Nangona bandla ngalinye linqwenela ukuziqhubela esalo iSikhumbuzo, oku kusenokungasoloko kusenzeka. Apho amabandla amaninzi esebenzisa iHolo yoBukumkani enye, mhlawumbi ibandla elinye okanye angakumbi anokufuna enye indawo anokuyisebenzisa ngolo rhatya. ISikhumbuzo asifanele siqalise ebusuku kakhulu kangangokuba abantu abasandul’ ukuba nomdla bakufumanise kunzima ukubakho. Ngokubhekele phaya, ucwangciso alufanele lusondelelane kude kungabikho nethuba lokubulisa iindwendwe ngaphambi nasemva kwesikhumbuzo, lokwenza amalungiselelo okuqhubeka kuncedwa ngokomoya abathile, okanye elokukhuthazana kwabo bonke abakhoyo. Emva kokuqwalasela kakuhle bonke oothunywashe, abadala bafanele bagqibe ngamalungiselelo aya kunceda bonke abakhoyo eSikhumbuzweni bangenelwe ngokuzeleyo kwesi siganeko.
◼ NgeCawa, ngoAprili 23, 1995, kuwo onke amabandla kuya kunikelwa intetho ekhethekileyo yesidlangalala. Umxholo wayo uya kube usithi “Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisondele.” Qiniseka ukuba umema bonke abebekho kwiSikhumbuzo salo nyaka. Kuza kwenziwa umgudu okhethekileyo ukunceda izigidi zabafundi abaqhutyelwa izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Inkcazelo eza kunikelwa emva kwale ntlanganiso ngolo suku iya kuzikhuthaza ize ikhuthaze nabazalwana bethu ngokubanzi bakhangele phambili ekusasazeni iphecana elikhethekileyo. Kwangaxeshanye, iza kubonisa iingxaki abantu abajamelene nazo nemfuneko yokwenza isigqibo esivisisana neLizwi likaThixo.
◼ Ukususela ngoFebruwari, yaye kungekhona emva kukaMatshi 5, intetho yesidlangalala entsha yabaveleli besiphaluka iya kube isithi “Imfundiso Yobuthixo Iyoyisa Ehlabathini Lonke.” Le iza kuba yintetho yemifanekiso ebalaselisa iiNdibano zezizwe ngezizwe ezikhethekileyo “Zemfundiso Yobuthixo” eziqhutywe ebudeni bonyaka wenkonzo we-1993 nowe-1994. Kwiindawo imifanekiso eza kuthunyelwa kamva kuzo, abaveleli beziphaluka baya kunikela intetho ethi “Kholosa NgoThixo Onako Konke Ukuthuthuzela” baze baqhubeke nayo de imifanekiso ifike. Xa intetho yemifanekiso inikelwe kuwo onke amabandla, abaveleli besiphaluka baya kuqhubeka benikela intetho ethi “Kholosa NgoThixo Onako Konke Ukuthuthuzela” de kubekho ucwangciso olulandelayo olutsha lwentetho yomveleli wesiphaluka ekuqaleni kowe-1996.
◼ KwiNtlanganiso yeNkonzo kwiveki kaJanuwari 9, bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abakhoyo baza kunikwa amaqweqwe obuqu eAdvance Medical Directive/Release kunye neIdentity Cards zabantwana babo.
◼ UAprili 1, 1995 uya kuba luSuku lwethu olukhethekileyo lwaminyaka le lwamaPhephancwadi. Kwixa elidluleyo abaninzi bakunandiphile ukuba nesabelo kolu Suku lukhethekileyo lwamaPhephancwadi. Kutheni ungaqalisi kwangoku ukuceba ukuze ube nesabelo ngokuzeleyo kulo nyaka? Amabandla afanele enze iiodolo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.