Bonisa Ulwazelelelo Ngabanye—Icandelo 1
1 Siyavuyiswa kukubona ukwanda kwabantu bakaYehova, okuphumele ekwandeni kwamanani amabandla. Kwezinye iindawo, ngokukodwa kwizixeko ezikhulu, iiHolo zoBukumkani zisetyenziswa kakhulu, maxa wambi kufuneka amabandla aliqela asebenzise iHolo yoBukumkani enye. Le meko yenza kufuneke bonke abayisebenzisayo babe nolwazelelelo olungakumbi.
2 Bandla ngalinye elisebenzisa iHolo yoBukumkani lifanele liyishiye icocekile yaye zonke izinto zimi kakuhle ukwenzela abazalwana abaza kuyisebenzisa ngokulandelayo. Izihlalo zimele zibekwe kakuhle, kususwe naziphi na iincwadi eziphezu kwekhawuntara, yaye naziphi na izinto zabantu ezishiywe eHolweni zifanele ziqokelelwe. Izindlu zangasese zifanele zishiywe zicocekile, kuqinisekiswe ukuba isepha, iitawuli, nephepha lendlu yangasese likho yaye inkunkuma ichithiwe emigqomeni.
3 Xa kuza kungena enye intlanganiso ngokukhawuleza, abo baseleyo emva kwentlanganiso eyandulelayo abafanele bahlale nje ngokungeyomfuneko, bephazamisana namalungiselelo ocwangciso lwentlanganiso elandelayo. Ukuncokola ithuba elide kusenokubangela ukuxinana kwigumbi lokulinda kuze kulibazise abazalwana abalungiselela intlanganiso elandelayo. Indawo yokumisa iinqwelo-mafutha kwiHolo yoBukumkani isenokuba ncinane, yaye kuya kuba bububele ukukhawuleza uhambe ukuze abalandelayo babe nendawo yokumisa iinqwelo-mafutha. Kwelinye icala, abo beza kwintlanganiso elandelayo abafanele bafike kwangethuba ngokugqithiseleyo, bebangela ukuxinana okungeyomfuneko kwigumbi lokulinda, kwindawo yokubeka iimpahla neyokumisa iinqwelo-mafutha.
4 Apho amabandla amaninzi esebenzisa iholo, kuyimfuneko ngokukhethekileyo ukuba amabandla asebenzisane ngokupheleleyo ekwenzeni amalungiselelo okucoca iHolo yoBukumkani veki nganye. Ngokuqhelekileyo, amabandla ayatshintshisana ngokucoca ngamaxesha awabelweyo. Xa ibandla lenu labelwe oko, qinisekani ukuba niyacocisisa ngoko nangoko. Amanye amabandla asebenzisa iholo akayi kuba nasizathu sakukhalaza.
5 Ngamathuba athile kuye kufuneke ibandla ngalinye litshintshe ixesha leentlanganiso zalo, njengaxa kutyelela umveleli wesiphaluka. Ukuba elinye ibandla liyachaphazeleka, abadala bafanele bazise elo bandla kusengaphambili ukuze kwaziswe abavakalisi balo kwangethuba. Kwakhona, ukuba kucwangciswe ezinye izinto ezisemthethweni, njengeSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, intlanganiso yabadala besiphaluka, okanye umtshato, amanye amabandla nabo nabaphi na abaveleli besiphaluka abachaphazelekayo bafanele baxelelwe kwangaphambili; ukuze bangacwangcisi ukusebenzisa iHolo yoBukumkani ngexesha elinye.
6 Kusenokubakho iiholo ezisetyenziswa ngamabandla abelwe kwiziphaluka ezahlukeneyo. Kubalulekile ukuba abaveleli abahambahambayo abatyelele ezi holo baxelelane ngotyelelo olulandelayo abalucwangcisileyo. Xa abaveleli abahambahambayo ababini becwangcisa ukutyelela ngeveki enye kusenokufuneka ukuba kwenziwe uhlengahlengiso ngomzuzu wokugqibela okanye kungaphumela kwezinye iingxaki.
7 Ukuba nolwazelelelo olunothando ngabanye, ukunxibelelana okufanelekileyo, ukuceba kwangaphambili nokusebenzisana kuya kunceda kulondoloze ulwalamano oluhle phakathi kwamabandla kuze kuqinisekise ukuba ‘zonke izinto zenziwa ngokubekekileyo, nangolungelelwano.’—1 Kor. 14:40.