Izaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R10,50. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R30,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R15,00. Imirhumo yeqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. NgoJuni: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R3,50.
◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku sele kwenziwe.
◼ IMboniselo kaNovemba 1, 1994, iphepha 28, yakhuthaza intsapho nganye ibe nethala layo leencwadi zobuthixo. EBheteli sinale miqulu midala: The Watchtower: 1960-93; Awake!: 1984, 1986, 1989-93. Noko ke, xa esi sitokhwe sikhoyo siphelile, le miqulu ayiyi kuphinda ifumaneke. Ngoko sikhuthaza abantu namabandla baodole imiqulu abayifunayo ukuze bazalise ithala labo kangangoko banako. Eminye imiqulu yexa elizayo iya kufumaneka yakuba ishicilelwe.
◼ Ngokuvisisana nencwadana ethi Imiyalelo Ngoludwe Lwamaxabiso, iphepha 11, isiqendu 50, sikhuthaza onke amabandla anike abavakalisi amaphephancwadi ngokulandelelana kwemihla yawo, akuba nje efikile.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
IsiBhulu: New World Translation of the Christian Greek Scriptures (ibandla nowonke wonke: R5,60; oovulindlela: R3,70). NgesiZulu: New World Translation of the Christian Greek Scriptures.
◼ Iikhasethi Zevideo Ezintsha Ezifumanekayo:
Yenzelwe Abangevayo NgesiNgesi: You Can Live Forever in Paradise on Earth (Videocassette No. 1; ibandla nowonke wonke: R52,00; oovulindlela: R45,00). Le mpapasho iya kuba ziikhasethi ezili-11 ekugqibeleni. Ziya kwaziswa ngokwahlukeneyo xa zifumaneka.