Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
1 Kuyasichulumancisa ukubona umsebenzi omkhulu uYehova awenzayo kule mihla yokugqibela. INdumiso 110:3 ibonisa ukuba ebudeni beli xesha olona phawu lubalaseleyo lwabantu bakaThixo luya kuba kukulungela kwabo ukuba nesabelo ngenkuthalo kwinkonzo yoBukumkani. Emhlabeni wonke abantu bakaYehova bayazinikela ukuze bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Incwadi ethi Abavakalisi, iphepha 295, ithi: “Abanye bakhonza njengamalungu entsapho yaseBheteli yomhlaba wonke. Aba ngabasebenzi abangabalungiseleli bexesha elizeleyo abazinikele ukwenza nantoni na abasenokuyabelwa ekulungiselelweni nasekupapashweni koncwadi lweBhayibhile, ekunyamekeleni umsebenzi waseofisini oyimfuneko, nasekwenzeni ezinye iinkonzo zokuxhasa loo msebenzi. Kulo msebenzi abazizuzeli udumo lobuqu okanye izinto eziphathekayo. Umnqweno wabo ngowokubeka uYehova, yaye banelisekile ngamalungiselelo abawenzelwayo anjengokutya, indawo yokuhlala, nembuyiselo-ndleko efanelekileyo yeendleko zobuqu.” Ukuba ubukhe watyelela eBheteli, ukusa kumlinganiselo othile sele uwazi umsebenzi owenziwa apho. Noko ke, sinqwenela ukunikela inkcazelo eyongezelelekileyo ukuze sandise uxabiso lwakho ngeli lungelo likhethekileyo lenkonzo nokuze sikwenze wazi iintswelo zoMbutho.
2 Ukuze sinenze niqonde ukubaluleka kwenkonzo yaseBheteli nelifa layo elixabiseke gqitha, makhe sithi gqaba-gqaba ngembali—yamandulo neyakutshanje—yentlangano kaYehova. Kwiminyaka emalunga neli-19, iWatch Tower Society yayinekomkhulu kwisakhiwo sezitena esinemigangatho emine e-56-60 Arch Street, Allegheny, ePennsylvania. Lalibizwa ngokuba yiBible House. Noko ke, ngowe-1908, intsapho yeBible House, okanye abasebenzi kwikomkhulu loMbutho, yanda yanamalungu angaphezu kwama-30. Eli yaba lixesha lokwandisa. Emva kokufuna ulwalathiso lobuthixo, abazalwana bagqiba kwelokuba iBrooklyn iya kuba lelona ziko lifanelekileyo lalo msebenzi. Ngoko kwathengwa isakhiwo e-13-17 Hicks Street eBrooklyn ukuze sibe ziiofisi zoMbutho neholo. Ezi ofisi zavulwa ngoJanuwari 31, 1909, kodwa esi sakhiwo siseHicks Street sasingenandawo zabahlali. Ekuqaleni, kwakucingwa ukuba iindawo zabahlali zaziya kuqeshwa. Noko ke, kummandla weBrooklyn Heights kwakungekho zindlu ziqeshisayo. Izinto zaguquka, abazalwana bakhwankqiswa baza bavuyiswa kukuba bakwazi ukufumana “isisulu” xa bathenga isakhiwo esinemigangatho emine esakhiwe ngelitye elimdaka ngebala e-124 Columbia Heights, ndawo leyo awayesakuhlala kuyo uHenry Ward Beecher. Kwakhona, kwafumaneka indawo nase-126 Columbia Heights. IWatch Tower kaMarch 1, 1909, ngovuyo yenza esi saziso: “Eli khaya litsha siza kulibiza ngokuthi yiBheteli,” gama elo elalithabathela indawo elalisetyenziswa ePittsburgh elithi “Bible House.” Ngoko ngoAprili 1909, iBheteli yaqalisa ukusetyenziswa, ibe intsapho yafudukela kwikhaya layo elitsha. IBheteli yaseBrooklyn ibikule ndawo kangangeminyaka engama-85.
3 Ngaba igama elithi Bheteli lalilifanele ikomkhulu loMbutho? Qwalasela imvelaphi eseBhayibhileni yeli gama nezinto ezinxulumene nalo. Xa sibuyela emva kwiminyaka engaphezu kwama-3 700, iGenesis isahluko 28 ibalisa ngamava endoda eyayingatshatanga enguYakobi, eyayinama-77 eminyaka ubudala. UYakobi wayezixabisa izinto ezingcwele kodwa wayethiyiwe liwele lakhe, uEsawu. Eyalelwe nguIsake, uyise, uYakobi wabhaca eBer-sheba waya kumntla welizwe lezizalwana zika-Abraham, apho uYakobi wayenenjongo yokufumana umfazi. Emva kokuhamba iikhilomitha ezimalunga ne-100, ngobunye ubusuku uYakobi waphumla kwindawo ebizwa ngokuba yiLuzi kwiinduli zakwaYuda. KwiGenesis 28:10-19, sifunda iinkcukacha ezichulumancisayo zendlela uYehova awamqinisekisa ngokuphelele ngayo uYakobi ngelokuba uyamxhasa. Ephupheni, uYakobi wabona ileli eqala emhlabeni iye kuma ezulwini. Izithunywa zazixakekile zisihla zinyuka kule leli, ibe uYehova wayemi ngaphezu kwayo. Waza uYehova wathetha naye, emqinisekisa ukuba idinga awalenza noAbraham elingembewu wayelidlulisela nakuYakobi nokuba uYehova wayengayi kumshiya. Anjani wona ukoyikeka amava kuYakobi owayezixhalabele izinto zokomoya! Ngaba lingathandabuzeka elokuba le ndawo yaba yekhetheke gqitha kuye? Kuye le ndawo ‘yayiyindlu kaThixo,’ okanye ngolwimi lwesiHebhere i-Behth-ʼElʹ, uBehth uthetha “indlu” yaye u-ʼEl uthetha “Thixo.”—Gen. 28:19, umbhalo osemazantsi weNW.
4 Ngaloo ndlela, igama elithi Bheteli linemvelaphi exabiseke gqitha engokwembali yaye lilifanele ikomkhulu lehlabathi labantu bakaYehova. Namhlanje abakhonzi bakaThixo abanawo amaphupha aphefumlelwe ngokobuthixo. Ababoni zithunywa zisihla zinyuka kwileli esuka eBheteli iphele emazulwini. Abazalwana abafumani mibono okanye beve uThixo ethetha ngokungqalileyo. Ukanti, xa uqwalasela konke okwenzeke eBheteli kule minyaka ingama-85 idluleyo, ukususela kwixesha likaMzalwana uRussell ukuza kuthi ga ngoku, alithandabuzeki elokuba isandla sikaYehova besikubakhonzi bakhe abathanjisiweyo, abayinxalenye yembewu yokomoya ka-Abraham, abaseBheteli. Zininzi iziganeko ezibalaseleyo kwimbali yamaNgqina kaYehova anamhlanje ezinxulumene kakhulu neBheteli! Khawuqwalasele ezinye iimbalasane:
◼ Ngo-Oktobha 2, 1914, xa wayengena kwigumbi lokutyela kwiBheteli yaseBrooklyn, uMzalwan’ uRussell ngokuchanileyo wavakalisa oku: “AmaXesha eeNtlanga aphelile; ookumkani bazo baphelelwe.”
◼ Ekuqaleni kweminyaka yee-1920, ebudeni bonqulo lwakusasa, ilungu labahleli boMbutho lasebenzisa ibinzana elithi “intlangano kaThixo.” Oku kwakushukumisa ukucinga kwabazalwana kangangokuba ngowe-1925 baqonda ukuba kukho iintlangano ezimbini ezahlukeneyo nezichaseneyo, ekaYehova nekaSathana.—w85-XO 3/15 iphe. 8.
◼ Ekuseni ngaminazan’ ithile ngowe-1931, kanye ngaphambi kwendibano eyayiseColumbus, eOhio, umongameli woMbutho, uMzalwan’ uRutherford, waqonda ukuba igama elithi amaNgqina kaYehova lalibachaza ngokwenene abantu bakaThixo nomsebenzi ababesele bewenza yaye bafanele babizwe njengamangqina Akhe.—yb75 iphe. 151.
◼ Ekuqaleni kowe-1935, kwabuzwa imibuzo yokuba ngoobani “isihlwele esikhulu,” okanye “indimbane enkulu.” (ISityhi. 7:9; KJ) Bambi phakathi kwabafumana ithuba lokuthetha ngelo xesha bathi babengabodidi lwasemhlabeni. NgoMeyi 31, 1935, kwindibano eyayiseWashington, D.C., kwanikelwa inkcazelo eyanelisayo.—jv-XO iphe. 166.
5 Le mizekelo imbalwa ibonisa indlela uYehova, ngomoya wakhe oyingcwele, alunikele ngayo ukhokelo nenkxaso kubakhonzi bakhe abathanjisiweyo abathembekileyo eBheteli. Yaye kuthekani ngezithunywa zezulu? Xa uqwalasela yonke inkcaso ekrakra evela kwiintshaba zethu neminyaka enzima xa izinto zokusebenza zazinqabile, alithandabuzeki elokuba ukuba iBheteli ibingakhuselwa yaye ingaxhaswa zizithunywa zezulu, ngeyayingazanga ikwazi ukusebenza ngendlela ephawuleka ngolu hlobo kuyo yonke le minyaka.
6 Ngaphandle kwabasebenzi kwikomkhulu eliseUnited States, kukho iintsapho zaseBheteli ezikumasebe ali-100 asasazeke ehlabathini lonke. Incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, kwiphepha 116 ithi: “Igama elithi Bheteli . . . ngokuqinisekileyo liwafanele la maziko omsebenzi ophantsi kolawulo lobuthixo.” Luhlobo olunjani lwemisebenzi abasebenzi bokuzithandela abaseBheteli ababelwa ukuyenza?
7 Imisebenzi Eyahlukeneyo: Amalungu entsapho yaseBheteli anikwa izabelo zemisebenzi eyahlukeneyo. KwiSebe laseMzantsi Afrika abazalwana abathile babelwa ukusebenza koomatshini abakumzi-mveliso abashicilela amaphephancwadi, iincwadana ezinemifanekiso namaphecana aza kusasazwa kwiAfrika esemazantsi. Umsebenzi wabanye kukuthumela ezi mpapasho kumabandla angaphezu kwali-1 400. Inkoliso yabo yabelwa ukugcina izixhobo nezakhiwo zisemgangathweni. Kweli Khaya laseBheteli mninzi umsebenzi owenziwayo ukunyamekela le ntsapho. Ngokomzekelo, kwimizuzu engama-20 abantu abamalunga nama-760 batya isidlo sakusasa kumagumbi okutyela amabini. Kwindawo yokuhlamba impahla, abazalwana noodade bahlamba iimpahla ezingama-3 200 eekhilogram veki nganye, kuquka neehempe ezingama-2 300. Ukongezelela koko, abacoci bamagumbi bagcina izakhiwo ezisibhozo zabahlali zingahlalwa mpukane baze banyamekele nentaphane yeminye imisebenzi ebalulekileyo.
8 Iimfaneleko Nezinto Ezifunekayo: Ekubeni uninzi lwale misebenzi lufuna umxhino namandla, okwangoku kufunwa abafana abangatshatanga abasempilweni. Ukuze afake isicelo senkonzo yaseBheteli, umfana umele abe uzahlulele yaye ubuncinane unonyaka ebhaptiziwe. Umele abe ngumntu ozinikeleyo nozixhalabeleyo izinto zokomoya. Kwakhona, umele akulungele ukwenza umsebenzi onzima. Ehlabathini namhlanje, abantu abaninzi bawujonga umsebenzi onzima njengento emele iphetshwe. Ngoko umfana ofaka isicelo sokukhonza eBheteli umele ambathe umntu omtsha ukusa kwinqanaba lokuba afune ukwenza umsebenzi onzima, esebenza okulungileyo ngezandla zakhe. (Thelekisa amaEfese 4:28.) Oko kuthetha ukuba akafanele abe ngumntu omilisele ingqondo yakhe ekusukeleni ukuziyolisa, ukuzihlaziya, okanye ukuzonwabisa. Xa ecinga ngenkonzo yaseBheteli, ufanele abe sele eliyekile ikhondo elinjalo lobutsha. Amazwi kaPawulos akweyoku-1 kwabaseKorinte 13:11 asebenza kakuhle: “Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.”
9 Ngaba uphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35 ubudala? Ngaba uphile kakuhle emzimbeni nangokweemvakalelo? Ngaba uyakwazi ukufunda, ukubhala nokuthetha isiNgesi kakuhle? Ngaba ungumntu othanda izinto zokomoya omthanda ngokunzulu uYehova nentlangano yakhe? Ukuba ubiziwe eBheteli, ngaba uya kuhlala uthembekile kuloo nkonzo ubuncinane unyaka omnye, usebenza kuwo nawuphi na umsebenzi owunikiweyo? Ukuba unokuphendula ngokuthi ewe kule mibuzo, kuhle ukuba ucinge ngeli lungelo likhethekileyo lenkonzo yaseBheteli. Uya kufumana iintsikelelo eziyintabalala.
10 Iintsikelelo Zenkonzo YaseBheteli: Inqaku elithi “Ukuyikhangela Ngoxabiso ‘Indlu KaThixo,’” kwiMboniselo kaJuni 15, 1994, lathi: “Xa usendibanweni, ngaba uyaluva ulwaneliseko olunzulu njengoko ujikelezwe ngabanquli bakaYehova abonwabileyo? Khawufan’ ucinge, umntu osebenza eBheteli unelungelo lokukhonza uYehova phakathi kweqela labazalwana mihla le! (INdumiso 26:12) Elinjani lona ukuba lihle ithuba lokukhula ngokomoya oku okulivulayo! Omnye umzalwana wathi waye wafunda okungakumbi okwathi kwamnceda ukuba alungelelanise ubuntu bakhe kwisithuba sonyaka omnye eseBheteli kunokuba wayenokwenjenjalo kwiminyaka emithathu ekwenye indawo. Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba akazange alifumane naphi na ithuba lokubukela aze axelise ukholo lwamaKristu amaninzi nangabantu abaqolileyo.” (IMize. 13:20) Eneneni, le yenye yeentsikelelo ezikhethekileyo zenkonzo yaseBheteli.
11 KwiBheteli yaseBrooklyn, abasebenzi bokuzithandela baseBheteli banandipha ukunxulumana ngokusondeleyo namalungu eQumrhu Elilawulayo nabanye abathanjiswa, kunye nabazalwana abebethembeke kangangethuba elide bodidi lwezinye izimvu. Ungakhathaliseki umsebenzi ubani awenzayo, kuyintsikelelo ukusebenza ngokumanyeneyo namaqabane athembekileyo nanyaniseke ngolo hlobo. Yiva amanye amagqabaza avela kumalungu entsapho yeBheteli yaseBrooklyn abonisa iimvakalelo zabo banenxaxheba kweli lungelo likhethekileyo lenkonzo:
◼ Omnye umzalwana oneminyaka engama-62 ekwinkonzo yaseBheteli, oye wasebenza kwizabelo ezahlukeneyo ebudeni beminyaka, wagqabaza ngomoya okhoyo eBheteli: “Sonke siyintsapho enye; sonke singabazalwana. Sisebenza kunye. Sonke sinezabelo zethu. Kuyavuyisa ukubona abazalwana besebenza nzima; unokubona ukuzibhokoxa kwabo. Kukho abazalwana abatshayelayo. Xa ugcina le ndawo icocekile, ugcina intsapho isempilweni. Xa ugcina intsapho isempilweni, intsapho iba nemveliso. Oko kubalulekile. Kubalulekile ukuba nabantu abasebenza eofisini. Sonke sivelisa into enye—ukunikelwa kobungqina boBukumkani ehlabathini lonke. Le yeyona ndawo ibalulekileyo ehlabathini onokukhonza uYehova kuyo. Ukuba ufuna ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo, unokukwenza kakuhle gqitha oko apha. Ufumana yonke into. Apha sifumana izinto ezithe chatha. Ikwenza uyibone kakuhle intlangano kuba uva zonke izinto ezenzeka ehlabathini lonke.”
◼ Omnye umzalwana othanjisiweyo oneminyaka engama-75 ubudala, isabelo sakhe sokuqala esasikukudibanisa iincwadi kwiminyaka engama-48 eyadlulayo, wathi: “Kungamava amyoli ukuhlala phakathi kwabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo nababhaptiziweyo. Xa ndibona umfana esiza eBheteli, intliziyo yam iphuphuma umbulelo kuYehova kuba ndisazi ukuba lo mfana uza konwaba apha eBheteli.” Ethetha ngezinto azixabisayo ngeBheteli, wongezelela wathi: “Ndiyabathanda abantu abalapha. Ndivakalelwa kukuba bahle. Kukho nto ithile ngabazalwana abebeseBheteli kangangeminyaka emininzi ongadli ngakuyifumana nakuyiphi na enye indawo emhlabeni. Banobubele, banokuqonda nomanyano olungathethekiyo.”
◼ Omnye umzalwana obekwinkonzo yaseBheteli ngaphezu kweminyaka engama-62 wagqabaza ngeengenelo ezibhekele phaya ezifumanekayo: “Ukuza eBheteli kukwenza ufumane imfundo ekhethekileyo ngokupapasha . . . yaye ngaphezu koko, ufumana imfundo yeBhayibhile yokukuxhobisela ukuba ngummeli ofanelekileyo kaYehova uThixo naphi na apho uthunyelwa khona ehlabathini.”
◼ Elinye lilungu leQumrhu Elilawulayo, ngoku elineminyaka engama-92 ubudala, belikhonza eBheteli kangangeminyaka engama-58. Lithini ngenkonzo yaseBheteli? “Intsapho yaseBheteli yalapha nesehlabathini lonke ililungiselelo elimangalisayo labantu abazinikeleyo.”
◼ Kwiinyanga ezithile ngaphambi kokuba elinye ilungu leQumrhu Elilawulayo life lithembekile kwisabelo salo lineminyaka engama-98 ubudala, laphalaza imbilini yalo lisithi: “Ndiyakuthanda ukukhonza eBheteli. Yeyona ndawo ibalaseleyo phantsi kwelanga.”
◼ Bathini bona abafana ngeBheteli? Omnye umzalwana oselula kutshanje ubhale wathi: “Ekubeni, ngokutsho kukaYesu, ‘ukupha kusizisa uyolo ngaphezu kokuphiwa,’ inkonzo yaseBheteli yeyona ndawo yonwabisayo ndakha ndayibona emhlabeni.” Wayewufumene umoya waseBheteli—ukupha.
◼ Omnye umzalwana oneminyaka engama-51 ekwinkonzo yexesha elizeleyo wakushwankathela kamnandi oku ngokuthi: “Inkonzo yaseBheteli ayinakuthelekiswa nanto ngenene. Iyinxalenye ebalulekileyo ekuphunyezweni kwenjongo kaYehova apha emhlabeni. Ngoko nabani na onelungelo lokukhonza eBheteli ufanele akuxabise gqitha oko. Ngokwenene, iBheteli isenza sikubonakalise ngokupheleleyo ukuzinikela kuThixo.”
12 Okwenziwa Imihla Ngemihla: Okwenziwa lilungu lentsapho yaseBheteli imihla ngemihla kulenza lixakeke ngokupheleleyo ngumsebenzi woBukumkani. Ngeye-7:00 kusasa ngoMvulo ukusa ngoMgqibelo, kumagumbi ethu okutyela kuqalisa unqulo lwakusasa. Amalungu entsapho agqabaza ngetekisi yosuku lize ilungu leKomiti yeSebe okanye omnye umzalwana oneminyaka emininzi kwinkonzo yexesha elizeleyo enze ushwankathelo, kulandele umthandazo wakusasa. Olu cwangciso lomeleza intsapho ngokomoya ukuze ilungele umsebenzi wemini. Amalungu entsapho yaseBheteli angangqina ukuba luyimbalasane yosuku. Emva kwesidlo sakusasa esinentswane, amalungu entsapho yaseBheteli aya kwizabelo zemisebenzi yawo evuyile. NgoMvulo ukusa ngoLwesihlanu umsebenzi uqala ngeye-8:00 kusasa uphele ngeye-5:00 emva kwemini, kubekho neyure ebekelwe bucala yesidlo sasemini. Kwakhona kucwangciswe ukuba kusetyenzwe ngoMgqibelo ukususela ngeye-8:00 kusasa kuyekwe ngeye-12:00 emin’ emaqanda. Ngeengokuhlwa, ngeemva-kwemini zangoMgqibelo nangeeCawa, abasebenzi baseBheteli baya kwiintlanganiso zamabandla abo, baye kumsebenzi wendlu ngendlu okanye wokuqhuba izifundo zeBhayibhile, okanye banyamekele iimbopheleleko zabo zobuqu. Basenokusebenzisa igumbi lokufundela laseBheteli ukwenza ufundisiso lobuqu okanye ukulungiselela iintlanganiso. Kambe ke, likho nexesha lokuphumla nelokuzihlaziya. (Marko 6:31, 34) Ngokusuka kule nkcazelo imfutshane, unokubona ngokulula ukuba inkonzo yaseBheteli ivumela umntu anikele ixesha lakhe elininzi suku ngalunye kwinkonzo engcwele, asinde kwiziphazamiso zale nkqubo indala yezinto.
13 Imisebenzi Yebandla: Amalungu entsapho yaseBheteli yaseMzantsi Afrika abelwa kumabandla angaphezu kwama-60 akummandla weRhawuti. Ayayixabisa indima yamabandla asekuhlaleni ekulondolozeni ubumoya bawo. Ngaloo ndlela, akhuthele emabandleni awo, aya kwiintlanganiso zontlanu yaye aba nesabelo rhoqo kubulungiseleli basentsimini nabazalwana bawo. Ngaphandle nje kweentlanganiso zebandla, intsapho yaseBheteli ineSifundo seMboniselo sayo ngokuhlwa ngoMvulo; abadala nezicaka zolungiselelo babelwa ukugqabaza ukuze kungenelwe wonk’ ubani. Ekubeni ucwangciso lwaseBheteli lugxininisa kwizinto zokomoya, luphumela kubomi obuvuyisayo nobonwabisayo bokukhonza uYehova.—1 Kor. 15:58.
14 Ukulungiselela Inkonzo YaseBheteli: Abafana basoloko bebuza oko bamele bakwenze ukuze bazilungiselele inkonzo yaseBheteli. Elinye ilungu leQumrhu Elilawulayo elikhonza kwiKomiti Yabasebenzi lathi: “Xa usiza eBheteli, yiza kukhonza, ungezi kukhonzwa. Okukhona ufunda ukukhonza, kokukhona uya konwaba ngakumbi. Funda ukupha kungekhona ukwamkela. Yiba ngothozamileyo, uthobeke. UbuKristu bokwenene buxhomekeke kwesi siqhamo somoya.” Ewe, ukuhambisela phambili ubumoya bakho nolwalamano olusondeleyo noYehova zezona zinto zibalulekileyo ukuze uphumelele eBheteli. Yiloo nto kusoloko kukhethwa oovulindlela xa kukhethwa abasebenzi bokuzithandela abatsha abeza eBheteli. Xa umntu eziqeqeshe kangangethuba elithile ukuchitha iiyure ezingama-90 ngenyanga eshumayela yaye efundisa aze aphe abanye okuthile, aze acwangcise nomsebenzi ofunekayo ukuze azixhase, uzakhele isiseko sokomoya esihle senkonzo yaseBheteli nesendlela yayo yokuphila elungeleleneyo. Noko ke, ncedani niphawule ukuba asingabo bangoovulindlela kuphela abanokungenela inkonzo yaseBheteli. Nabani na onazo izinto ezifunekayo ezisisiseko unokufaka isicelo.
15 Ukongezelela, kuhle ukuba abafana bazifundise ukusebenza ngezabo izandla. Ukusebenza ngezandla akuthandwa kule nkqubo yezinto indala. Ukuzithanda kwenza abantu abaninzi banqwenele umsebenzi ongafuni mgudu ungako okanye obenza babonakale bengoosomaqhuzu abathile. Ukanti, ukukwazi ukusebenzisa izixhobo ezahlukeneyo kuluncedo gqitha. (IMize. 22:29) Ngokufuthi, abafana banokufunda ubuchule bokusebenza ngezandla kubazali babo okanye ngokuncedisa amadoda amakhulu anamava asebenza kwiindawo ezithile kwiHolo yoBukumkani okanye ngokunceda abalupheleyo ngokulungisa izinto ezifuna ukulungiswa emakhayeni abo.
16 Maxa wambi abaselula babuza oku: “Ngaba ndifanele ndifumane uqeqesho lwehlabathi olongezelelekileyo ukuze ndifanelekele inkonzo yaseBheteli?” Asiloqeqesho lwehlabathi, olwenza umntu afanelekele inkonzo yaseBheteli. Iimpawu zokomoya zezona zibalulekileyo nezifunekayo kubo bonke ababizwayo. Sikhuthaza abazali nabantwana babo abasahamba isikolo bayicingisise ngenyameko imbono elungeleleneyo ngemfundo yehlabathi enikelwe kwiMboniselo kaNovemba 1, 1992, iphepha 15 kuse kwelama-21. Isigqibo ngemfundo yehlabathi sesobuqu. Enoba umntu ufikelela kwesiphi isigqibo, ufanele aqinisekise ukuba unako ukulondoloza inkqubela yakhe yokomoya ngokuqhubeka enikela ingqalelo kumsebenzi oyintloko wabantu bakaYehova, okukungqinela inyaniso.
17 Enoba ubani ufumana luphi na uqeqesho lwehlabathi, kuxabiseke gqitha ukufunda ukucinga. IBhayibhile iyawancomela amandla okucinga nobulumko obusebenzisekayo. (IMize. 1:4; 3:21, NW) Ukufunda indlela yokucinga nokugcina inkcazelo kukwenza ukwazi ukuzuza ulwazi nobuchule obuya kunceda wena nentlangano kaYehova ehlabathini lonke. Okokugqibela, bungakhathaliseki ubuchule ubani anabo, kubaluleke gqitha ukuba akwazi ukuhlalisana ngoxolo nabanye. Abasebenzi bokuzithandela abaseBheteli bamele basebenzisane ngokusondeleyo njengeqela ukuze baphumeze umsebenzi. Ngaloo ndlela, kunokuba nomoya wokuzimela geqe okanye wokhuphiswano umele ube nowentsebenziswano nowothando nokulungela ukuzithoba kulwalathiso lobuthixo.—Thelekisa amaEfese 4:16.
18 Abantu abaselula entlanganweni kaYehova banethuba elimangalisayo lokusebenzela ekuhambiseleni phambili obu buchule buchazwe ngasentla. Yaye ke ukuba babiziwe eBheteli, baya kuba kwimeko entle yokuqeqeshelwa iimbopheleleko ezongezelelekileyo yintlangano kaYehova. Bazali abangamaKristu nani badala siyanibongoza ukuba niqhubeke niwukhuthaza lo mbandela kwabaselula. Abazali abaninzi bazisa abantwana babo rhoqo eBheteli ukuza kukhenketha, ngaloo ndlela bebenza baqhelane noko kwenziwa apha. Oku kwenze abaninzi beza eBheteli bakuba begqibile ukufunda.
19 Abanamava: Maxa wambi sibakho isithuba somzalwana okanye udade ongaphezulwana kweminyaka engama-35 ubudala oqeqeshelwe yaye onobuchule obufunekayo eBheteli. Umsebenzi omninzi uMbutho owenzayo ngoku ufuna abantu abanamava ukuze basebenze nabafana abomeleleyo nabalungele ukusebenza abanokuqeqeshwa, “okwaziyo kunye nofundiswayo.”—1 Kron. 25:8.
20 Umsebenzi omninzi namhlanje ufuna abo banolwazi nge-eletroniki okanye abanamava ngokusebenza kweekhompyutha. UMbutho unentaphane yoomatshini bokukhuphela, bokushicilela, neekhompyutha, bonke abafuna ukugcinwa besemgangathweni. Kwakhona kukho imfuneko kwezomthetho nezonyango: amagqwetha, oogqirha, iiphysical therapists, abongikazi abaqeqeshiweyo nabaneziqinisekiso. Abo banobuchule kwimisebenzi yokwakha eyahlukeneyo, njengobunjineli, ukusebenza ngemibhobho yamanzi, umbane neHVAC (heating, ventilation, and air-conditioning), banokusetyenziswa. Abazalwana abaqolileyo abawazi kakuhle umsebenzi wokubala (accounting), ngokukodwa abo bavunyiweyo kuwo, banokuba luncedo. Ukunciphisa iindleko, uMbutho unezithuthi zawo ezininzi ezisetyenziselwa ukuthutha izinto. Ngoko, kufuneka abaqhubi nabakhandi abanamava.
21 Eyona nto siyifunayo ngabazalwana abangatshatanga abazahluleleyo nabanobuchule obukhethekileyo, bambi babo abasenokuba batshatile. Usenokusifumana isicelo sokungenela inkonzo yaseBheteli kumveleli wakho wesiphaluka okanye kwindibano yesithili kwintlanganiso ekhethekileyo eqhutywa nabanomdla kwinkonzo yaseBheteli, okanye usenokubhalela kwiWatch Tower Society, Attention: Bethel Office, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740. Ukuba utshatile, khumbula ukuba iqabane lakho nalo limele lifanelekele inkonzo yaseBheteli ngokomoya, ngokweemvakalelo nangokomzimba. Ukuba uqeqeshelwe okanye unamava kwenye yezinto ezikhankanywe ngaphambilana, nceda ubhale iimfaneleko zakho ngokweenkcukacha uze uzithumele nesicelo sakho senkonzo yaseBheteli.
22 Ngaba Unokusabela Kolu Bizo Lungxamisekileyo? Kufuneka abasebenzi bokuzithandela ngokungxamisekileyo eBheteli. Ukuba unazo iimfaneleko zenkonzo yaseBheteli, sikubongoza ngokwenene ukuba ufake isicelo sokuza eBheteli usabele kolu bizo lungxamisekileyo. Musa ukudimazeka ukuba akubizwanga ngokukhawuleza. Unokusihlaziya isicelo sakho minyaka le. Oku kusenza sihlale sisazi ukuba usafumaneka.
23 Umprofeti uIsaya esiva, uYehova wabuza: “Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela?” Engalibazisanga uIsaya waphendula wathi: “Ndikho, thuma mna.” Ngaloo ndlela, uIsaya waqalisa umsebenzi obaluleke gqitha njengomprofeti kaThixo. Ngaba unokuthi, “Ndikho, thuma mna”? Uya kufumana iintsikelelo ezininzi ukuba ubizelwa ukukhonza ‘kwiNdlu kaThixo,’ iBheteli.—Isa. 6:8.