Nceda Abafuna Inyaniso Bafune UThixo
1 UYesu wathi, “Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Oku kwakuthetha ukuba abafundi bakhe babeya kudibana nabantu abaninzi beentlanga, bezithethe nabeenkonzo ezahlukeneyo. Kwakhona kuthetha ukuba abafundi bakhe banamhlanje, amaNgqina kaYehova, banesabelo sokufundisa zonke iintlobo zabantu. Izigidi zabantu abasemhlabeni, ezineenkonzo zazo, zifuna ulwazi olunokunikelwa nguThixo kuphela—olukukwazi yena noNyana wakhe, uYesu Kristu.—IMize. 2:1-6; Yoh. 17:3.
2 Ekubeni ikukuthanda kukaYehova uThixo ukuba bonke abantu basindiswe baze bafikelele kulwazi oluchanileyo lwenyaniso, sinelungelo lokunceda abangakumbi babe ngabadumisi bakhe. (1 Tim. 2:3, 4) NgoNovemba, sisebenzisa incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo neNew World Translation, siza kunceda abaninzi kwiNgqobhoko kunye nabo bangengomaKristu nabakholelwayo kuThixo baqalise ukunqula uYehova “ngomoya nangenyaniso.”—Yoh. 4:23.
3 Incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo isincede saziqonda ngakumbi ezinye iinkonzo nembali yazo. Iyasinceda ekushumayeleni ngokuphumelelayo kubo bonke esidibana nabo. Iphendula amakhulu emibuzo engeenkolelo ezisisiseko zeenkonzo ezinkulu. Yiyiphi imibandela ekule ncwadi iluncedo esinokuyibalaselisa ukuze sikhuthaze abanyanisekileyo bafunde okungakumbi ngoThixo?
4 Omnye umbuzo obalulekileyo ophendulwa kuyo yonke le ncwadi ngothi: Ngaba umntu unomphefumlo ongafiyo oqhubeka uphila emva kokufa? Ngeendlela ezahlukeneyo, phantse zonke iinkonzo ziyayifundisa le ngcamango. Eminye imibuzo exutyushwayo kule ncwadi yile: Ngaba kukho indawo esisihogo ekuthuthunjiswa kuyo imiphefumlo? Liyintoni ithemba lokwenene ngabafi? Ngaba kukho uThixo omnye, okanye kukho oothixo abaninzi? Sisenokutsalela ingqalelo kwimibuzo ekwiphepha 17 nele-18 lale ncwadi. Naxa sithetha nabangakholelwayo ukuba uThixo ukho okanye unokwaziwa, inkcazelo ekwiphepha 7, isiqendu 9, isenokutsala ingqalelo yabo ize mhlawumbi ibangele incoko eyakhayo.
5 Kakade ke sifanele sihlale sinobuchule. Asifuni kuqhwaya iimpikiswano kodwa sifuna ukuqiqa nabantu. Sinezizathu ezininzi zokuba nehlombe xa sihambisa le ncwadi. Ukuba sikwazi kakuhle ekuquletheyo, siya kufuna amathuba okuvusa umdla kubantu abanyanisekileyo beenkonzo ezininzi. Ngamana singabonisa inzondelelo kule nkonzo. Bonke abantu kufuneka bafune uThixo nenkoliseko yakhe ngoku. Iziganeko zehlabathi zibonisa ukuba iArmagedon isondela ngokukhawuleza. Eli lixesha lokuba nenzondelelo.
6 Ngamana singazingisa ekufuneni abafuna inyaniso size someleze ulwalamano lwabo noThixo wenyaniso. Unako ukufumaneka!