Buyela Ukuze Usindise Abathile
1 Kukuthanda kukaThixo ukuba ‘bonke abantu basindiswe, bafikelele ekuyazini inyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Yintoni esinokuyenza ukuze sibancede? Buyela ngenjongo yokubafundisa inyaniso ngesifundo seBhayibhile sekhaya esithe rhoqo. Uza kuthini? La macebiso alandelayo anokukunceda.
2 Xa ubuyela, enoba ubuhambise incwadi ethi “Oyena Mntu Ubalaseleyo” okanye akunjalo, usengathanda ukusebenzisa le ntshayelelo ingqalileyo ekuqaliseni isifundo:
◼ Usenokubuza oku: “Yintoni eyenza uYesu wangoyena mntu ubalaseleyo ehlabathini?” Usenokuphendula ngokutyhila kwizahluko ezimbalwa kwezili-133 ezingobomi bakhe, ubuntu bakhe, imfundiso nemisebenzi yakhe. Isahluko 24 sicacisa ngenjongo yokuza kwakhe emhlabeni. Isahluko 35 sihlolisisa iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo. Isahluko 133 sisibonisa iintsikelelo eziya kunanditshwa luluntu xa ewugqibile umsebenzi wakhe. Bonisa umninimzi indlela imibuzo nezibhalo ezisekupheleni kwesahluko ngasinye ezisinceda ngayo siqonde ezona ngongoma zibalulekileyo zesahluko ngasinye. Gubungela iingongoma ezimbalwa uze wenze amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela.
3 Nantsi enye intshayelelo:
◼“Ndiyinandiphe gqitha ingxubusho yethu kwiveki ephelileyo. Uninzi lwabantu luye lwavakalisa ukuxhalaba ngenxa yeemeko zehlabathi eziya zithabath’ unyawo ekonakaleni. Ndicinge ukuba uya kuba nomdla kwisahluko 111 sale ncwadi ithi, Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. [Lungiselela ukugqabaza ngamacandelo owakhethileyo kwisahluko 111 ukuze uphendule umbuzo wempinda omnye okanye emibini ekupheleni kwesahluko, ngokomzekelo: “Ziziphi iimeko zehlabathi eziphawula ubukho bukaKristu?” okanye “UYesu unikela wuphi umzekeliso ukunceda abafundi bakhe bexesha elizayo ukuba baqonde xa isiphelo sisemnyango?”] Ngokusuka koko sesikufundile apha, ubunokuthi liyintoni ithemba lethu ngekamva elisondeleyo? [Vumela impendulo uze umncome umninimzi.] Yintoni esimele siyenze ukuze sibe nethemba lokusinda kwisiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto?” Funda uYohane 17:3 uze umchazele ngesifundo seBhayibhile sekhaya esithe rhoqo.
4 Ukuba umntu esimtyeleleyo uxakekile, sisenokuphumelela ngokuthi:
◼“Ndiyazi ukuba unemizuzu embalwa nje kuphela, kodwa nantsi into onokucinga ngayo ngoxa ugqibezela umsebenzi wakho. [Funda uMateyu 5:3.]” Okanye usenokuthi: “Mandikubhalele ezi zibhalo zintathu. Ekubeni singenaxesha lakuncokola, mandikushiyele zona ndize ndiphinde ndibuye, bendiyakuthanda ukuzixubusha nawe imizuzu nje emihlanu.” Xa kubonakala ngathi kusenokufuneka umtyelele ngelinye ixesha umninimzi, usenokubuza: “Ubungathanda na ukwazi okungakumbi ngexesha esiya kufika ngalo isiphelo sale nkqubo yezinto?” Usenokulungiselela ukubuyela ukuze uphendule loo mbuzo.
5 Khumbula ukuba injongo yokubuyela kukuqalisa izifundo zeBhayibhile. Siya kufumana uvuyo olungakumbi xa ezo zifundo ziqalisa ukunqula uYehova ukuze zisindiswe.—IZe. 2:21.