Shumayela Ngengqiqo
1 Ukuze sibe nengqiqo kufuneka siqonde okuthile ngabantu esishumayela kubo. Ngoba? Kuba impumelelo yethu ekufikeleleni iintliziyo zabantu ixhomekeke kubuchule bethu bokunikela isigidimi soBukumkani ngendlela eya kuba nomtsalane kubo. Ngenyanga kaJanuwari, siza kuhambisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R10,50. Ukongezelela kumacebiso anikelwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaDisemba, usengathanda ukusebenzisa ezi ntshayelelo zilandelayo.
2 Emva kokuzazisa, usenokuthetha oku:
◼ “Abaninzi baye bazibuza ukuba uYesu wayengumntu onjani ngoxa wayelapha emhlabeni. Ucinga ukuba wayahluke ngaziphi iindlela kwabanye abantu? [Vumela impendulo.] Le ncwadi inomtsalane ithi, Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, ibalisa ngeembalasane zobomi nobulungiseleli bakhe, ibe isenza siqonde uhlobo lomntu awayelulo. Emva kokuyifunda, abanye baye baziva ngathi baye banethuba lokunxulumana naye ngokobuqu, babandezeleka naye baza bazibonela ubulungiseleli bakhe.” Tyhila kumfanekiso wokuqala wale ncwadi, obalaselisa umxholo wayo. Yandula ke utyhile kwintshayelelo, uze ufunde isiqendu sesibini phantsi komxholwana othi “Fumanani Iingenelo Ngokufunda Ngaye.” Nikela le ncwadi ngomnikelo wee-R10,50.
3 Usenokuthanda ukusebenzisa intshumayelo enjengale:
◼ “Molo. Besithetha nabamelwane ngeempawu abebengathanda ukuzibona kumntu olawula abanye. Ucinga ukuba luluphi uphawu okanye iimpawu ezimbini ezibaluleke kakhulu? [Vumela impendulo. Zivume iingongoma zakhe. Vumelana naye ukuba kufanelekile.] Ubusazi ukuba iBhayibhile iyazichaza iimpawu zaLowo umiselwe ukuba ngumlawuli woluntu? Nazi apha kuIsaya 9:6, 7. [Mfunde.] Ucinga ukuba bekuya kuba njani ukuphila phantsi komlawuli onjalo?” Vumela impendulo uze walathisele ingqalelo kwiNdumiso 146:3, 4. Tyhila kwisahluko 133 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo ukuze uvuselele ingxubusho engakumbi.
4 Sebenzisa Iphecana Ukutshayelela Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo: Amaphecana aluncedo kakhulu ekuqaliseni incoko. Aluncedo ekuthimbeni ingqalelo yabaninimzi kuba axubusha ngemibandela ebalulekileyo ebachaphazelayo ngokobuqu.
Ngokomzekelo, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Xa besithetha nabantu, siphawule ukuba abaninzi bathi baxhalatyiswe . . . [khetha isiganeko sakutshanje esingundaba-mlonyeni]. Kubonakala ukuba iimeko zehlabathi ziya zithabath’ unyawo ekonakaleni. Abanye bade bazibuze enoba eli hlabathi liya kusinda kusini na. Luthini olwakho uluvo ngalo mbandela? [Vumela umninimzi aphendule. Uninzi lwabantu lunethemba.] Ndifunde okuthile okukhuthazayo ebendingathanda ukwabelana ngako nawe. Kubhalwe kweli phecana. [Nika umninimzi iphecana elithi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? njengoko nawe uphethe elifanayo.] Phawula indlela uYesu awaprofeta ngayo ukuba . . . ” Funda isiqendu kwiphepha 4 okanye elesi-5 esingqinelana nesigigaba sakutshanje othethe ngaso kwintshayelelo yakho. Bonisa umninimzi le ncwadi ithi Oyena Mntu Ubalaseleyo. Xa kubonakala kufanelekile, tyhila kwinkcazelo eyongezelelekileyo ngesiprofeto sikaYesu esibalaseliswe kwisahluko 111. Nikela le incwadi. Kwakhona, qiniseka ukuba ubuza umbuzo kumbandela oza kuwuxubusha ekubuyeni kwakho.
5 Ingqiqo entle iya kusinceda siqonde iintswelo nomdla wabantu esidibana nabo. IMizekeliso 16:23 isiqinisekisa ngoku, isithi: “Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso, yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.”