Fumana Iingenelo KwiSikolo Sobulungiseleli SobuThixo Sowe-1996—Icandelo 3
1 Umpostile uPawulos wayefuna abazalwana bakhe bamthandazele ukuze abe nobuchule bokuthetha iindaba ezilungileyo ngenkalipho. (Efe. 6:18-20) Nathi sifuna ukuhlakulela obo buchule. Ngenxa yoko, siyaluxabisa uncedo olunikelwa siSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, ekukhuthazwa abo bafanelekayo beza kwiintlanganiso babhalise kuso.
2 Njengabafundi, sifumana isiluleko sobuqu esisinceda siphucule ubuchule bethu bokuthetha nokufundisa. (IMize. 9:9) Sinokungenelwa nasekuphulaphuleni isiluleko esifunyanwa ngabanye abafundi, size sikusebenzise esikufundayo. Xa silungiselela isabelo, sifanele siwufunde ngenyameko umthombo wombandela ukuze siqiniseke ukuba indlela esiwucacisa ngayo ichanile. Iingongoma nezibhalo eziziintloko esizisebenzisayo zifanele zivisisane nomxholo xa uwonke. Ukuba eso sabelo sibandakanya omnye umntu, sifanele siqheliselwe kakuhle ngaphambi kokuba sinikelwe esikolweni. Njengoko sisenza inkqubela, sifanele senze umgudu wokungafundi ulwandlalo xa sinikela intetho, sisebenzise amanqaku kunokwenza umbhalo-ngqangi.
3 Bonke abo banezabelo esikolweni bafanele bafike kuselithuba, banike umveleli wesikolo iphetshana labo leSiluleko Sentetho, baze bahlale ngaphambili eholweni. Oodade bafanele bamazise kusengaphambili umveleli wesikolo indlela abawucebe ngayo umbandela wabo baxele enoba baza kuma okanye baza kuhlala phantsi kusini na. Ukusebenzisana ngezi ndlela kwenza ucwangciso lutyibilike kuze kuncede nabo banyamekela iqonga balungise yonke into kwangethuba.
4 Ukulungiselela Isabelo Sesi-2: Enye injongo yofundo lweBhayibhile kukunceda abafundi baphucule ubuchule babo bokulesa. Kunokwenziwa njani oku? Ukuwufunda ngokuvakalayo nokuwuphindaphinda umbandela yeyona ndlela ibhetele onokukwenza ngayo oku. Ukuze azi intsingiselo yamagama angaqhelekanga, umfundi ufanele awakhangele kwisichazi-magama. Ukuba akuqinisekanga ngendlela yokubiza amagama athile, buza kubazalwana abalwazi kakuhle olo lwimi.
5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi inikela uncedo kubizo-magama oluchanileyo namagama angaqhelekanga afumaneka eBhayibhileni. Oku ikwenza ngokuwaqhawuqhawula abe ngamalungu ize ifake iimpawu zemvakalo-zwi. (Bona incwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” iphepha 325-6, isiqendu 27-8.) Njengomgaqo, ilungu elandulelwa luphawu lwemvakalo-zwi kugxininiswa kulo. Ukuba ilungu elinophawu lwemvakalo-zwi liphela ngesikhamiso, ngoko isikhamiso siyatsalwa xa sibizwa. Ukuba ilungu liphela ngeqabane, isikhamiso asitsalwa xa sibizwa. (Thelekisa uSaʹlu noSalʹlu.) Ukuze balungiselele izabelo zabo zofundo lweBhayibhile, abanye abazalwana baphulaphula iikhasethi zoMbutho.
6 Abazali banokubanceda abantwana babo abaselula balungiselele isabelo sokufunda. Oku kusenokuquka ukuphulaphula xa umntwana eqhelisela uze umphe amacebiso okumnceda aphucule. Ixesha alinikiweyo livumela nje intshayelelo emfutshane nomqukumbelo ofanelekileyo obonisa indlela ezisebenza ngayo iingongoma eziziintloko. Ngaloo ndlela umfundi wandisa ubuchule bakhe bokuthetha esebenzisa amanqaku.
7 Umdumisi wacela oku emthandazweni: “Nkosi yam, vula imilebe yomlomo wam, uyixele indumiso yakho umlomo wam.” (INdu. 51:15) Ngamana ukuba nesabelo kwethu kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kungasinceda nathi siwuzalise lo mnqweno.