IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/96 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoMatshi 4
  • Iveki Eqala NgoMatshi 11
  • Iveki Eqala NgoMatshi 18
  • Iveki Eqala NgoMatshi 25
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 3/96 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi

Iveki Eqala NgoMatshi 4

Ingoma 1

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

15 imiz: “Mbonge UYehova ‘Imihla Yonke.’” Imibuzo neempendulo. Ukuba ixesha liyavuma sifunde isiqendu 2-5. Khuthaza umsebenzi wobuvulindlela bobuncedani nobuthe ngxi.

20 imiz: “Ulwazi OlungoThixo Oyinyaniso Lukhokelela Ebomini.” Hlolisisa iintshumayelo ezicetyisiweyo. Yiba nomboniso omnye okanye emibini.

Ingoma 78 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMatshi 11

Ingoma 164

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.

20 imiz: “Fumana Iingenelo KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sowe-1996—Icandelo 3.” Intetho ngumveleli wesikolo. Khuthaza bonke abo banako babhalise baze baziphumeze ngokuthembeka izabelo zabo. Cacisa imigaqo yokubiza amagama aseBhayibhileni, njengoko efumaneka kwincwadi ethi “Sonke ISibhalo,” iphepha 325-6, isiqendu 27-8.

15 imiz: Yenzani Izinto Kunye Njengentsapho. Ngokungacwangciswanga ubawo uthetha nentsapho yakhe ngemfuneko yokwenza izinto kunye, ngokusekelwe kwiMboniselo kaSeptemba 1, 1993, iphepha 16-19. Tsalela ingqalelo kwisifundo sentsapho nakumsebenzi wokuhambisa ivangeli. Chaza indlela iintsapho zanamhlanje eziqhekeka ngayo ngenxa yokuba zichitha ixesha elincinane zikunye yaye zinezilangazelelo ezingafaniyo. Ukufundisisa iLizwi likaThixo nokuba nesabelo kubulungiseleli kunye kuyintsikelelo kwintsapho yamaKristu. Bethelela imfuneko yokuba ubawo azilungelelanise kakuhle ezi zinto aze umama abe nentsebenziswano. Abantwana bafanele babe nomdla kwizinto zokomoya, basebenze ngokusondeleyo nabazali babo. Intsapho iya kumanyana ize yomelezelwe ukujamelana neengcinezelo ngokuphathelele ukuxelisa ihlabathi.

Ingoma 211 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMatshi 18

Ingoma 6

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Abo baqhuba izifundo bafanele bakhuthaze abasebatsha abanenkqubela kwisifundo sabo seBhayibhile bazabalazele ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Kwakhona abazali banokunceda abantwana babo babe ngabavakalisi. Hlolisisa inkqubo enconyelwayo eboniswe kwincwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, iphepha 97-100.

15 imiz: Isingxobo Semibuzo. Intetho ngumdala. Xubusha ngezizathu ezisishukumisela ukuba sibe nesisa, njengoko zichazwe kwiMboniselo kaJanuwari 15, 1992, iphepha 16-17.

20 imiz: “Nceda Abanye Bazuze Ulwazi Olukhokelela Ebomini.” Hlolisisa iintshumayelo ezicetyisiweyo emazisetyenziswe kumabuyelo. Yiba nomboniso omnye okanye emibini. Bethelela usukelo lokuqalisa izifundo.

Ingoma 130 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMatshi 25

Ingoma 5

15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa “Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo.” Cacisa isizathu sokuba kubalulekile ukubakho. (Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 16-18.) Hlolisisa indlela abaza kuncedwa ngayo abakhulileyo, abagulayo nabantu abasebatsha babekho. Xubusha ngamalungiselelo omsebenzi owandisiweyo wenkonzo yasentsimini kule veki izayo. Kwakhona, hlolisisa inqaku elithi, “Apho Kuboniswa Uphawu Lokubuka Iindwendwe Nakubantu Abangaziwayo,” kwinkupho yeAwake! kaSeptemba 22, 1995, iphepha 32.

15 imiz: Hlolisisa iimbalasane ze-1996 Yearbook of Jehovah’s Witnesses. Intsapho ixubusha ezinye zeenkalo ezibangel’ umdla ngomsebenzi wehlabathi lonke ezikwiphepha 3-5 nelama-33. Bonke bayavuma ukuba suku ngalunye baya kuzama ukufunda amaphepha ambalwa kwi-Yearbook emva kokuqwalasela indinyana ekhethiweyo yeBhayibhile kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. (Ukuba kuza kuba nzima ukusingatha le ntetho ngenxa yengxaki yolwimi, ncedani nisebenzise eli xesha nixubushe iimfuno zasekuhlaleni.)

15 imiz: “Ukulungiselela—Isitshixo Sempumelelo.” Imibuzo neempendulo. Chaza ukuba ngoAprili nangoMeyi siza kuhambisa umrhumo weMboniselo. Yenzani amalungiselelo kwangoku niodole amaphephancwadi athe chatha, nifumane iifomu zemirhumo, nize nicwangcisele ukuxhasa amalungiselelo ebandla omsebenzi woSuku Lwamaphephancwadi.

Ingoma 7 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share