Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
Oku kulandelayo yimibandela emele inikelwe ingqalelo ngaphambi kweSikhumbuzo ngoLwesibini, ngoAprili 2:
◼ Wonk’ ubani, kuquka isithethi, ufanele aziswe ngexesha nendawo echanileyo esiza kuba kuyo isikhumbuzo.
◼ Kufanele kufunwe isonka newayini efanelekileyo ize ilungiswe.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 17.
◼ Kufanele kuziwe eholweni netafile efanelekileyo, ilaphu layo, iipleyiti neegilasi kwangethuba zize zibekwe ngeendawo zazo.
◼ IHolo yoBukumkani okanye enye indawo yentlanganiso ifanele icocwe kakuhle kwangexesha.
◼ Kufanele kukhethwe abalindi nabo baza kuhambisa imifuziselo kwangethuba baze bayalelwe ngenkqubo efanelekileyo nangemisebenzi yabo.
◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa imifuziselo kuphela kwabo bangabathanjiswa, abagulayo nabangenakubakho, kungekhona kwabezinye izimvu.
◼ Xa amabandla aliqela eza kuqhubela isikhumbuzo kwiHolo yoBukumkani ekwanye, afanele alungelelaniswe kakuhle ukuze kuphetshwe ukuxinana okungeyomfuneko phambi kweholo, emnyango, kwiindledlana zikawonke wonke nakwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha.