Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
ISikhumbuzo singeCawa, ngoMatshi 23. Abadala bafanele banikele ingqalelo kule mibandela ilandelayo:
◼ Xa nibeka ixesha lale ntlanganiso, qinisekani ukuba isonka newayini aziyi kuhanjiswa de kube semva kokutshona kwelanga.
◼ Wonk’ ubani, kuquka isithethi, ufanele aziswe ngexesha nendawo echanileyo esiza kuba kuyo isikhumbuzo.
◼ Kufanele kufunwe isonka newayini efanelekileyo ize ilungiswe.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 17.
◼ Kufanele kuziwe eholweni neepleyiti, iigilasi netafile efanelekileyo nelaphu layo kwangethuba zize zibekwe ngeendawo zazo.
◼ IHolo yoBukumkani okanye enye indawo yentlanganiso ifanele icocwe kakuhle kwangexesha.
◼ Kufanele kukhethwe abalindi nabo baza kuhambisa isonka newayini kwangethuba baze bayalelwe ngenkqubo efanelekileyo nangemisebenzi yabo.
◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa isonka newayini kuye nabani na ongumthanjiswa ogulayo nongenakukwazi ukubakho.
◼ Xa amabandla aliqela eza kuqhubela isikhumbuzo kwiHolo yoBukumkani enye, afanele alungelelaniswe kakuhle ukuze kuphetshwe ukuxinana okungeyomfuneko phambi kweholo, emnyango, kwiindledlana zikawonke wonke nakwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha.