Isingxobo Semibuzo
◼ Yintoni efanele ikhunjulwe ngokufundwa kweziqendu kwiintlanganiso?
Ixesha elininzi leSifundo seMboniselo neSifundo Sencwadi Sebandla lisetyenziselwa ukufunda iziqendu. Oku kuthetha ukuthi umzalwana owabelwe ukufunda unembopheleleko enzima yokufundisa. Umele afunde ngendlela eya kuwenza ube ‘nentsingiselo’ loo mbandela ukuze abaphulaphuli bangawuqondi nje kuphela kodwa bashukunyiselwe ukuba bathabathe inyathelo. (Neh. 8:8, NW) Ngenxa yoko, umfundi kufuneka asilungiselele kakuhle isabelo sakhe. (1 Tim. 4:13; bona isifundo 6 seNcwadi Yesikhokelo Yesikolo.) Nazi ezinye zezinto ezibalulekileyo kufundo lwasesidlangalaleni.
Sebenzisa Ubethelelo Olufanelekileyo Lwengqiqo: Waphawule kwangaphambili amagama okanye amabinzana aya kufuna ukugxininiswa ukuze adlulisele ingcamango echanileyo.
Wabize Ngendlela Echanileyo Amagama: Ukuze abaphulaphuli bawaqonde amagama akwimpapasho kufuneka abizwe ngendlela echanileyo necacileyo. Amagama angaqhelekanga okanye angafane asetyenziswe wajonge kwisichazi-magama, okanye uphulaphule iikhasethi zoMbutho.
Thetha Ngokuvakalayo Nangehlombe: Ukuthetha ngehlombe kubangela umdla, kushukumisa iimvakalelo, kuze kukhuthaze umphulaphuli.
Fudumala Uze Ube Ngathi Uyancokola: Ukuthetha ngokukhululekileyo kuhambisana notyibiliko. Ngokulungiselela nangokuqhelisela, umfundi unokuzola, yaye umphumo woko uya kuba kukufunda ngendlela ebangela umdla kunokufunda ngendlela ekruqulayo necubhukileyo.—Hab. 2:2.
Wufunde Ngendlela Obhalwe Ngayo Umbandela: Imibhalo esemazantsi kunye nenkcazelo ekwizibiyeli idla ngokufundwa ngokuvakalayo ukuba icacisa umbandela oshicilelweyo. Ekuphela kwezinto ezingafundwayo ziimbekiselo ezichaza nje umthombo wombandela lowo. Umbhalo osemazantsi ufanele ufundwe kwindawo ekuboniswa ukuba ufanele ufundwe kuyo kwisiqendu, ngokuwutshayelela ngolu hlobo: “Umbhalo osemazantsi ufundeka ngolu hlobo . . .” Wakugqiba ukuwufunda, hlabela mgama nesiqendu xa sisonke.
Xa ufundo lwasesidlangalaleni lusenziwa kakuhle, luba yenye yeendlela ezibalulekileyo esinokuthi ngazo ‘sifundise abanye bazigcine zonke izinto esiziyalelwe’ nguMfundisi wethu Omkhulu.—Mat. 28:20.