Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoDisemba: INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike nencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R10,00. NgoJanuwari: Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani? ngomnikelo wee-R4,00. NgoFebruwari: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R12,00.
◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza emva koko. Yenza isaziso ebandleni wakuba ukwenzile oku.
◼ Xa nithumela iitsheke neepostal oda kuMbutho, ncedani niqiniseke ukuba nibhala ukuba ziya kwiWatch Tower Society. Ukungenjinjalo kunokwenza nawuphi na umntu abhale igama lakhe njengeya kuye loo mali.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Iindawo ezintsha zezi ndibano zilandelayo nazi:
EBhayi (isiBhulu, isiNgesi): ESt. George’s Park
EMonti: EJan Smuts Stadium
Imihla yona ayitshintshanga.