Ukubhalisa Kwisikolo Sobulungiseleli SobuThixo
1 ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo besinegalelo ekuqeqesheni izigidi ngezigidi zamaNgqina kaYehova njengabalungiseleli beendaba ezilungileyo. Uninzi lwethu lusayikhumbula indlela esasiba noloyiko ngayo nesasivakalelwa singafanelekanga ngayo xa sasiqala ngqa ukubhalisa kwesi sikolo, ibe ngoku siyivuma sinombulelo indima esibe nayo kwinkqubela yethu yokomoya njengezithethi nabafundisi beLizwi likaThixo. (Thelekisa IZenzo 4:13.) Ngaba ubhalisile kwesi sikolo sisemagqabini?
2 Ngoobani abanokubhalisa? Iphepha 73 lencwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu iyaphendula: “Bonke abanxulumene ngenkuthalo nebandla basenokubhalisa, kuquka abantu abasandul’ ukuza kwiintlanganiso, lo gama nje bengaphili ubomi obungavisisaniyo nemigaqo yamaKristu.” Sicela bonke abafanelekayo—amadoda, amabhinqa nabantwana—ukuba baye kumveleli wesikolo baze bacele ukubhaliswa.
3 Ucwangciso LweSikolo Lowe-1997: Ucwangciso lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo lowe-1997 lugubungela iimfundiso nabantu abahlukeneyo abaseBhayibhileni, ndawonye nembali yentlangano. Ukongezelela ekuphuculeni isakhono sethu sokuthetha nokufundisa, siyafunda kubuncwane obuninzi bokomoya obufumaneka kwizifundo zaso veki nganye. (IMize. 9:9) Ukuba siyasilungiselela esi sikolo, nto leyo equka ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki, yaye ukuba sibakho kuso rhoqo, sinokuzuza ingenelo engakumbi ngokomoya kolu cwangciso.
4 Kowe-1997 inkoliso yofundo lweBhayibhile kwiNtetho Yesi-2 lufutshane kunakwiminyaka edluleyo. Xa elungiselela le ntetho, umfundi ufanele alijonge ngenyameko ixesha lakhe lokufunda aze agqibe ngemizuzu anokuyisebenzisa kwintshayelelo nomqukumbelo kwimizuzu emihlanu yentetho yakhe. Oku kuya kwenza umfundi alisebenzise ngokuzeleyo ixesha lakhe aze aphucule isakhono sakhe sokufunda nobuchule bokuthetha ngaphandle kokusebenzisa ulwandlalo.—1 Tim. 4:13.
5 Kuye kongezelelwa ubungqina obungacwangciswanga njengenye indlela enokunikelwa ngayo iNtetho Yesi-3, esekelwe kwincwadi ethi Ulwazi. Ngenxa yoko, udade usenokukhetha ibuyelo, isifundo seBhayibhile sekhaya, okanye ubungqina obungacwangciswanga njengendlela eza kunikelwa ngayo le ntetho. Kakade ke, kufanele kugxininiswe ngamandla ekufundiseni ngokuphumelelayo kungekhona kwindlela enikelwa ngayo.
6 Enoba unelungelo lokunikela intetho efundisayo, iimbalasane zeBhayibhile, okanye intetho yomfundi, unokulubonisa uxabiso lwakho ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngokuyilungiselela nangokuyiqhelisela kakuhle intetho yakho, ngokuyinikela ngolweyiseko nangehlombe, ngokungagqithi exesheni, ngokusiphulaphula nangokusisebenzisa isiluleko somveleli wesikolo, nangokuzabalazela ukusiphumeza ngokuthembeka isabelo sakho ngamaxesha onke. Ngaloo ndlela ukubhalisa kwakho kwesi sikolo kuya kungqineka kuyintsikelelo kuwe nakubo bonke abakhoyo.