Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJuni: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00. Nikela ingqalelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zamakhaya. NgoJulayi nangoAgasti: Naziphi na iincwadana ezinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 zisenokuhanjiswa ngomnikelo we-R1,20 inye: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Kumhlaba ongabelwanga bani: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00 nethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Kanti encinane yona zii-R4,00. NgoSeptemba: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngomnikelo wee-R4,00.
◼ Umveleli owongamelayo okanye umntu owabelwe nguye ufanele ahlole ingxelo yemali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni wakuba ukwenzile oku.
◼ IBheteli ifuna ngokungxamisekileyo ingcali yombane weenqwelo-mafutha. Ngaba uphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35, yaye akutshatanga, okanye ukuba utshatile, akukho mntu uxhomekeke kuwe? Ngaba unokuzinikela ukwenzela eli lungelo likhethekileyo lenkonzo yaseBheteli? Nceda utsalele umnxeba okanye ubhalele uMbutho ukuba unokuzinikela.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Imihla emitsha yezi ndibano zesithili zilandelayo yile:
NgoDisemba 12-14: EGeorge, eGermiston, eRhawutini
NgoDisemba 19-21: EThekwini (isiNgesi), ePitoli, eSoweto (isiZulu)
NgoDisemba 26-28: EThekwini (isiZulu), eSoweto (isiSuthu)
NgoJanuwari 2-4, 1998: ESoweto (isiZulu)