Iintlanganiso Zenkonzo NgoJuni
Iveki Eqala NgoJuni 2
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Yithi gqabagqaba ngengxelo yenkonzo yasentsimini yeenyanga ngeenyanga yeli lizwe neyebandla lenu. Khumbuza abavakalisi bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaMeyi ngokukhawuleza. Unobhala nabaqhubi bezifundo zencwadi bafanele baqiniseke ukuba zonke iingxelo zenkonzo yasentsimini ezingekangeniswa zeenyanga ezidluleyo ziyafakwa.
15 imiz: “Yenza Unako-nako.” Imibuzo neempendulo.—Bona kwaneMboniselo ka-Aprili 15, 1993, iphepha 28-30.
22 imiz: “Ulwazi Oluphuma KuThixo Luphendula Imibuzo Emininzi.” Isithethi sixubusha eli nqaku nabavakalisi ababini okanye abathathu, kunye noselula. Yithi gqabagqaba ngesiqendu 1, ubethelela isizathu sokuba incwadi ethi Ulwazi ibe nempumelelo kangaka ekuncedeni ukuphendula imibuzo. Yenza umboniso ngokuqhelisela intshumayelo, uze uchaze indlela ekunokuphuculwa ngayo emva kwentshumayelo nganye.
Ingoma 200 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 9
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Chaza amalungiselelo akhethekileyo enkonzo yasentsimini ngoJuni 16.
15 imiz: Ngaba Unokuba Nesabelo Esikhudlwana Kubulungiseleli Kwezi Nyanga Zizayo? Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Uninzi lwethu luceba ukwenza imisebenzi engakumbi ngeeholide zeenyanga zobusika, ibe oko kusenokuquka ukuya kuchitha ikhefu, ukutyelela izalamane, okanye ukuya kuzihlaziya. Singazicwangcisa njani izinto ukuze imisebenzi yobuthixo singayityesheli? Xubusha oku kulandelayo: (1) Ukubakho rhoqo kwiintlanganiso, enoba sisemakhaya okanye siye kubethwa ngumoya. (2) Ukulungiselela ukuba nesabelo ngokuthe rhoqo kubulungiseleli, yaye ukuba sikude emakhaya, sithumele iingxelo zenkonzo yasentsimini ebandleni. (3) Ukuphatha isixa soncwadi ukwenzela ukunikela ubungqina obungacwangciswanga xa useluhambeni. (4) Ukuba nesabelo ekunikeleni ubungqina ngeenjikalanga okanye ngamarhatya, xa kunokwenzeka. (5) Ukubhalisa njengovulindlela ongumncedani kangangenyanga enye okanye ezingakumbi, ingakumbi ngethuba lohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. (6) Ukugcina kwabadala imisebenzi yebandla ilungelelaniswe kakuhle nokuqiniseka ukuba imisebenzi yomntu ngamnye ayabelweyo iyanyanyekelwa xa loo mntu engekho.
20 imiz: Ukufundisa Abanye—Imfuneko Engxamisekileyo. Intetho enikelwa ngumdala. Hlolisisa ingxelo yenkonzo yasentsimini yehlabathi lonke yowe-1996 iphepha 33 kwiNcwadi Yonyaka Yowe-1997. Umgudu omkhulu wokunikela ubungqina ebantwini naphi na apho banokufumaneka khona uxakatha isiqhamo. Imfuneko engxamisekileyo ngoku kukubuyela kubo bonke esibashiyele uncwadi size sifundise abanye inyaniso. Xa sidibana nabantu kwiindawo zikawonke wonke, ngobuchule sicela amagama neekhelingi zabo ukuze sibabuyele. Sifuna ukwenza okungakumbi kunokutyala nje imbewu yoBukumkani; sikwamele siyinkcenkceshe. (1 Kor. 3:6-8) Xa imbewu ihlwayelwe kumhlaba omhle, ukufundiswa kakuhle kunokumnceda loo mntu ayiqonde. (Mat. 13:23) Sifanele sibe nesabelo ngokuzeleyo nangobugcisa kangangoko kunokwenzeka kumsebenzi wokufundisa. (Heb. 5:12a) Quka neengongoma ezikwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996, isiqendu 25-6. Balaselisa umzamo wokuqalisa izifundo kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye kwincwadi ethi Ulwazi.
Ingoma 204 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 16
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza iingongoma ekunokuthethwa ngazo kumaphephancwadi akutshanje.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
20 imiz: Ukufanisa Unqulo Lwakho Njengolwenyaniso Okanye Lobuxoki. Umdala uqhuba ingxubusho nabavakalisi ababini okanye abathathu abafanelekayo, ngokusekelwe kuVukani! kaJanuwari 8, 1990, iphepha 26. Uninzi lwabantu ababonakala benomdla lutyelelwa ngokuphindaphindiweyo. Noko ke, abakhe basamkele isifundo seBhayibhile. Xubusha ngendlela ezinokusetyenziswa ngayo iingongoma ezikweli nqaku likulo Vukani! ukubenza bayiqonde imfuneko yokwenza ngokuvisisana nolwazi oluchanileyo. Bhekisela kwiingongoma eziphambili zencwadi ethi Ulwazi, kwisahluko 5 esithi: “Lunqulo Loobani UThixo Alwamkelayo?” Funda isiqendu 20. Usenokubuyela kwabo bantu ukuze ubakhuthaze ngobubele nangobuchule bamkele isifundo baze baye nakwiintlanganiso.
Ingoma 201 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 23
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
15 imiz: Bathini Ngathi? Intetho esekelwe kumbandela okwiWatch Tower Publications Index 1986-1995, iphepha 341-3. Khetha okusemagqabini phantsi komxholo othi “Statements by Others [Okuthethwa Ngabanye]” ngamaNgqina kaYehova—ngehambo yethu nangomsebenzi wethu. Bonisa indlela abanye abaye bachukunyiswa ngayo koko baye bakubona kuthi. Cacisa isizathu sokuba oku kufanele kusishukumisele ukuba ngamaxesha onke siziphathe kakuhle size sizingise kumsebenzi wethu. Chaza indlela yokusebenzisa la magqabaza mahle xa sithetha nabantu esibaqhelileyo nabanomdla abafuna ukwazi okungakumbi ngathi.
20 imiz: “Bazali—Baqeqesheleni Ukushumayela Abantwana Benu.” Imibuzo neempendulo. Quka ulwalathiso olukwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 99-100, phantsi komxholwana othi “Ukunceda Abantu Abaselula.”
Ingoma 211 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 30
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhumbuze bonke bangenise iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini kaJuni.
20 imiz: “Lutsha—Luyintoni Usukelo Lwenu Lokomoya?” Oobawo ababini baxubusha eli nqaku kunye. Bahlolisisa indlela abanokubanceda ngayo abantwana babo baqonde isizathu sokuba kubaluleke ukuzibekela usukelo lobuthixo, oluya kubazisela iintsikelelo zokomoya, kunokusukela izilangazelelo zokuphathekayo.—Bona kwanencwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 116-18.
15 imiz: Ukulungiselela Umnikelo Woncwadi NgoJulayi. Khetha incwadana enemifanekiso enye okanye ezimbini eziye zihanjiswe kakhulu kwintsimi yasekuhlaleni, uze uhlolisise ezinye zeengongoma eziphambili kuyo nganye. Chaza iindlela ezinokufakwa ngayo kwintshumayelo. Bakhumbuze bonke bagcine ingxelo yabazihambisileyo, baze babuyele ukuze bahlakulele umdla.
Ingoma 109 nomthandazo wokuqukumbela.