IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/97 iphe. 3
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 7/97 iphe. 3

Izaziso

◼ Umnikelo woncwadi ngoJulayi nangoAgasti: Naziphi na iincwadana ezinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 zisenokuhanjiswa ngomnikelo we-R1,20 inye: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Kumhlaba ongabelwanga bani: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00 nethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Kanti encinane yona zii-R4,00. NgoSeptemba: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngomnikelo wee-R4,00. Ngo-Oktobha: Umrhumo wonyaka kaVukani! okanye IMboniselo ngomnikelo wee-R48,00 kwiinkupho zakabani ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R24,00. Imirhumo yeqela zii-R24,00 nee-R12,00 ngokwala maxesha angasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yamaphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa. Ngasekupheleni kwaloo nyanga, kuza kusasazwa iKingdom News No. 35.

◼ Ukususela ngoSeptemba, abaveleli besiphaluka baza kunikela intetho yesidlangalala enomxholo othi “Kholosa Ngamandla KaYehova Asindisayo.”

◼ Amabandla akhunjuzwa ukuba aodole isixa esaneleyo seefomu ukwenzela unyaka wenkonzo we-1998. Akufanele kudlalwe ngezi fomu; zifanele zisetyenziselwe injongo yazo kuphela.

◼ UMbutho ufumana intlaninge yeeleta ezingabhalwayo emvulophini ukuba zivela koobani. Ukuze nisebenzisane nePost Desk, ncedani nibhale ngokucacileyo emvulophini igama nenombolo yebandla lenu, okanye ukuba yileta yobuqu, bhala igama nekhelingi yakho.

◼ NCEDANI NIPHAWULE: Umhla omtsha wale ndibano ilandelayo ngulo: Disemba 26-28: KaNyamazane

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share