Siza Kufundisisa Incwadi Ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
Niya kuvuyiswa kukwazi ukuba ukususela kwiveki eqala ngo-Oktobha 6, 1997, kwiSifundo Sencwadi Sebandla siza kube sihlolisisa incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Akukho mntu ufanele aphoswe sisifundo seqela solu khokelo lusebenzisekayo lweZibhalo lobomi bentsapho obonwabisayo. Ucwangciso lwesifundo luya kusenza sikwazi ukuhlolisisa ngokucokisekileyo isiqendu ngasinye nezibhalo zeBhayibhile ezikule ncwadi.
Kwiveki yokuqala yesifundo kuza kuhlolisiswa sonke isahluko sokuqala, ekubeni sinezibhalo ezimbalwa ezingacatshulwanga. Kwangokunjalo, isahluko 15 siza kuhlolisiswa ngesihlandlo esinye sonke. Noko ke, zonke ezinye izahluko ziya kwahlulahlulwa kabini, kuhlolisiswe malunga nesiqingatha sesahluko iveki nganye. Ngaloo ndlela, kuya kubakho ixesha elaneleyo lokufunda nokuxubusha zonke izibhalo ezibonisiweyo kuze kuhlolisiswe ngenyameko indlela ezisebenza ngayo zonke izibhalo ezicatshuliweyo kwisiqendu ngasinye.
Inkalo ebalulekileyo yesi sifundo iya kuba kukuxutyushwa kombandela okwibhokisi yokufundisa esekupheleni kwesahluko ngasinye. Ngoko ke, kufanele kubekelwe bucala ixesha elaneleyo ukuze kuhlolisiswe imibuzo elapho kunye nezibhalo eziboniswe kwibhokisi.
Abaqhubi beSifundo Sencwadi Sebandla bayabongozwa ukuba banikele ingqalelo ekhethekileyo xa belungiselela isifundo baze bakhuthaze bonke abakwiqela labo, kuquka nabantu abasebatsha, balungiselele kakuhle, babekho rhoqo baze babe nenxaxheba.—om-XO 74-6.