IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/97 iphe. 7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 8/97 iphe. 7

Izaziso

◼ Umnikelo woncwadi ngoAgasti: Naziphi na iincwadana ezinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 zisenokuhanjiswa ngomnikelo we-R1,20 inye: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Kumhlaba ongabelwanga bani: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00 nethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R4,00. Kanti encinane yona zii-R2,00. NgoSeptemba: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngomnikelo wee-R4,00. Ngo-Oktobha: Umrhumo wonyaka kaVukani! okanye IMboniselo ngomnikelo wee-R48,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R24,00. Imirhumo yeqela zii-R24,00 nee-R12,00 ngokwala maxesha angasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yamaphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa. Ngasekupheleni kwaloo nyanga, kuza kusasazwa iphecana iKingdom News No. 35. NgoNovemba: Kuseza kuqhutyekwa kusasazwa iKingdom News No. 35. Amabandla aye ayigqiba intsimi yawo ngokunika abaninimzi abakwikhaya ngalinye umbhalo weKingdom News No. 35 asenokuhambisa incwadi ethi Ulwazi.

◼ IBheteli ifuna NGOKUNGXAMISEKILEYO abazalwana abaziingcali ekulungiseni izithuthi zedizili, imibhobho yamanzi, umbane, okanye amagcisa e-elektroniki. Ngaba uphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35, yaye usempilweni, akutshatanga, okanye ukuba utshatile, akukho mntu uxhomekeke kuwe? Ngaba unokulixhakamfula eli lungelo likhethekileyo lenkonzo yaseBheteli? Ukuba kunjalo, uyacelwa ukuba ubhalele okanye utsalel’ umnxeba kuMbutho ukuze ufumane inkcazelo ebhekele phaya.

◼ NgoAgasti 29 nowama-30, 1997, uMbutho uza kuba ubala lonke uncwadi olukhoyo apha eBheteli. Ngenxa yoku, akukho ziodolo zamabandla ziza kulungiselelwa ukuthunyelwa okanye eziza kulandwa apha ngaloo mihla.

◼ Ibandla ngalinye liza kufumana iifomu ezintathu ezithi Ukuma Kweencwadi (S-AB-18). Unobhala webandla ufanele adibane nesicaka soncwadi ekuqaleni kuka-Agasti aze amise umhla wokubala isitokhwe soncwadi lwebandla ekupheleni kwenyanga. Lonke uncwadi olusesitokhweni lumele lubalwe ngokoqobo, zize izimbuku zifakwe kwifomu ethi Ukuma Kweencwadi. Inani elisisimbuku lamaphephancwadi akhoyo linokufunyanwa kwisicaka samaphephancwadi. Ncedani nibe sele nikugqibile oku ngoSeptemba 1 nize nithumele ezo fomu kuMbutho ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva kokuba nifumene isazisi sika-Agasti. Umbhalo wekhabhoni wugcineni kwiifayile zenu. Kanti umbhalo wesithathu ninokuqala kuwo ukubhala. Olu balo lufanele luvelelwe ngunobhala, yaye ifomu ezalisiweyo ifanele ihlolwe ngumveleli owongamelayo. Unobhala nomveleli owongamelayo baya kuyityobela le fomu.

◼ Nifanele niodole amaqweqwe eebheji zendibano yesithili yowe-1997 yaye imali yawo iya kutsalwa kwityala loncwadi ngeesenti ezilishumi iqweqwe lilinye. Amabandla angavulanga tyala kuMbutho, okanye anetyala elijingayo afanele athumele imali neodolo yawo. Ncedani niwaodole ngezixa ezingama-20 xa kunokwenzeka. La maqweqwe eebheji afumaneka ngesiBhulu, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiSuthu, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiXhosa nangesiZulu. Niyacelwa ukuba iodolo yenu niyithumele ngefomu eyiLiterature Order (S-AB-14). Ezi odolo zifanele zifike kuMbutho ngaphambi kukaNovemba 1, 1997. Emva koko asiyi kuzithumela iiodolo zamaqweqwe eebheji.

◼ NCEDANI NIPHAWULE: Olu lutshintsho lwezi ndibano zesithili zilandelayo:

NgoDisemba 12-14: EMafikeng (umhla omtsha)

NgoDisemba 19-21: EBloemfontein, eGaborone (umhla omtsha)

NgoDisemba 26-28: E-Ermelo (isiZulu; indibano eyongezelelekileyo), KwaManzini (isiNgesi; indawo eza kuqala ukusetyenziswa)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share