Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Ukwenziwa kwempinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaMeyi 5 kuse kuAgasti 18, 1997. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Usizi lukaYesu, oluchazwe kuMarko 1:41, lusibonisa indlela echukumisa ngayo inkxalabo kaYehova ngabantu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 3/1 iphe. 5.]
2. Iinkalo zemihla yokugqibela zifumaneka kuMateyu 24, kuMarko 13 nakuLuka 21 kuphela. [kl-XO iphe. 102 ibhokisi]
3. Umbuzo kaYohane umBhaptizi okuLuka 7: 19 udiza ukuba wayengenalukholo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w87-XO 1/1 iphe. 16.]
4. KwiPasika kaYesu yokugqibela ekunye nabafundi bakhe, nguPetros nje kuphela owathi kuye: “Andisayi kuze nangayiphi na indlela ndikukhanyele.“ [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki]
5. Akukho bungqina buphuma eBhayibhileni obubonisa ukuba umpostile uPetros wayetshatile. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki]
6. UBukumkani obabushunyayelwa nguYesu bunganeno, okanye bungaphantsi kulongamo lukaThixo lwendalo iphela. [kl-XO iphe. 91 isiqe. 4]
7. Kusenokwenzeka ukuba ngokuyintloko uMarko wayibhalela amaYuda incwadi yakhe yeVangeli. [si-XO iphe. 182 isiqe. 8]
8. Xa uYesu waxelela abaFarisi esithi uBukumkani bukaThixo babuphakathi kwabo, wayebhekisela kuye njengoKumkani wexesha elizayo. (Luka 17:21) [kl-XO iphe. 91 isiqe. 6]
9. Akukho ngcaciso ivakalayo ngesizathu sokuba incwadi kaLuka ibe nesigama esininzi kunezinye iincwadi zeVangeli xa zidityanisiwe. [si-XO iphe. 187 isiqe. 2]
10. Akukho malungu eQumrhu Elilawulayo awayekwazi ukutyelela kumazwe akwiMpuma Yurophu ngoxa umsebenzi wethu wawuvaliwe kuloo nxalenye yehlabathi. [jv-XO iphe. 506 isiqe. 1]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Nguwuphi umfanekiso oshukumayo owakhululwa nguMbutho ngowe-1954 owenza abaphulaphuli ehlabathini lonke babuqonda, ubukhulu bentlangano kaYehova? [jv-XO iphe. 480 isiqe. 4]
12. Abanye abavakalisi bahlangabezana ngaziphi iindlela nocelomngeni lokufumana abantu abanokuthetha nabo kubulungiseleli? [jv-XO iphe. 516 isiqe. 1-3]
13. Inkolelo kaBathathu Emnye ibabeka kweyiphi imeko abo bakholelwa kuyo? [rs-XO iphe. 58 isiqe. 3]
14. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi: “Yibani netyuwa kuni, yaye hlalani ninoxolo phakathi kwenu”? (Marko 9:50) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w85-XO 5/15 iphe. 24 isiqe. 12.]
15. Sisiphi isifundo esixabisekileyo esinokusifunda kwindlela uYesu awawujonga ngayo umnikelo womhlolokazi olihlwempu? (Marko 12:42-44) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w87-XO 12/1 iphe. 29 isiqe. 7-iphe. 30 isiqe. 1.]
16. Ezinye zeempawu zikaPetros zibonakala njani kwisimbo sokubhala sikaMarko, ibe usenokuba yintoni unobangela woku? [si-XO iphe. 182 isiqe. 5-6]
17. Xa sithelekisa uMateyu 6:9, 10 noLuka 11: 2-4, kutheni sinokugqiba kwelithi umthandazo ongumzekelo wawungenzelwanga ukucengcelezwa? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 5/15 iphe. 16 isiqe. 6.]
18. Yomelezwa njani intembelo yethu kwindlela enyaniseke ngayo iBhayibhile xa sifunda izibhalo ezinjengoLuka 3:1,2? [si-XO iphe. 188 isiqe. 7]
19. Ziziphi izibhalo ezikwiiNdumiso nakumaHebhere ezibonisa ukuba uYesu akazange alawule kwangoko akunyukela emazulwini? [kl-XO iphe. 96 isiqe. 15]
20. Ekubeni sisazi ukuba uYesu akazange aphelelwe lukholo kuThixo, kwakutheni ukuze, adanduluke athi: “Thixo warn, Thixo warn, undishiyeleni na?“ (Marko 15:34) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w87-XO 6/15 iphe. 31.]
Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Namhlanje amaKristu okwenyaniso aqondwa ․․․․․․․․ [rs-XO iphe. 181 isiqe. 5]
22. I ․․․․․․․․ yayikuphela kwesixeko kuwo wonke umhlaba uYehova awayesibiza ngegama lakhe. Yayikwalikomkhulu ․․․․․․․․ obabunconyelwe nguThixo. [kl-XO iphe. 96 isiqe. 16]
23. Ekubeni umoya oyingcwele ․․․․․․․․ , akukho ndawo eZibhalweni apho ubizwa ngegama ․․․․․․․․ .[rs-XO iphe. 41 isiqe. 1]
24. UHarold King ekunye noStanley Jones bathunyelwa ․․․․․․․․ ngowe-1947, nto leyo eyayenza yaba lelinye lamazwe okuqala eMpuma ukuthunyelelwa abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi. [jv-XO iphe. 489 isiqe. 2]
25. ISibia neLight yayingamagama ․․․․․․․․ awayesetyenziswa ngabavangeli basemazweni ekunikeleni ubungqina kwiiWest Indies. [jv-XO iphe. 463 isiqe. 2]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Ukuze kuhlangatyezwane nemfuneko yabavangeli basemazweni, kwasungulwa iSikolo (Sobulungiseleli Sobuthixo; Sobulungiseleli SoBukumkani; saseGiliyadi) (ngowe-1939; ngowe-1943; ngowe-1946). [jv-XO iphe. 458 isiqe. 2]
27. KweyabaseKolose 1:15, uYesu ubizwa ngokuba ’lizibulo kwindalo yonke,’ into ethetha ukuthi (ufana noThixo yaye akanangqalo; lizibulo koonyana bakaThixo abasemhlabeni; ngoyena mdala kwintsapho yoonyana bakaYehova). [rs-XO iphe. 42 isiqe. 1]
28. Abangcwele ekuthethwe ngabo kuMateyu 27:52 (bavuswa nje okwexeshana enyameni; zizidumbu ezavunjululwa emangcwabeni yinyikima; bavuselwa kubomi basezulwini ngaphambi koYesu). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 9/1 iphe. 7.]
29. Ubukumkani basemhlabeni bakwaSirayeli baqalisa (ngowe-1943 B.C.E.; ngowe-1117 B.C.E.; ngowe-1513 B.C.E.) yaye baqhubeka bukumnombo kaDavide de kwatshatyalaliswa iYerusalem (ngowama-537 B.C.E.; ngowama-607 B.C.E.; ngowe-1914 C.E.) xa kwaqala “amaxesha amisiweyo eentlanga.” [kl-XO iphe. 94 isicangca]
30. Njengokuba kubhaliwe (kuMateyu 10; kuMateyu 24; kuLuka 21), uYesu wanikela imiyalelo ethile yenkonzo kwabo wabathumayo ukuba baye kushumayela. [si-XO iphe. 180 isiqe. 31]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:
Marko 7:20-23; 13:10; Luka 8:31; Yoh. 8:17, 18; IZe. 17:11
31. Sifanele sikuphaphele ukubona nayiphi na impembelelo engeyoyabuthixo okanye eyonakalisayo esenokuvela ezingqondweni nasezintliziyweni zethu yaye sifanele siyishenxise ingekendeli. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 11/1 iphe. 14 isiqe. 16.]
32. Iidemon ziya kuba kunye noSathana kwimeko yokungasebenzi efana nokufa ebudeni ‘beminyaka eliwaka.’ (ISityhi. 20:3) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki]
33. Kufuna ungxamiseko ukufeza umsebenzi wokunikela ubungqina ehlabathini lonke ngexeshana nje elincinane. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 10/1 iphe. 27.]
34. Amashumi amawaka abantu aye afundiswa ukulesa nokubhala ngamaNgqina kaYehova, nto leyo ewavulel’ ithuba lokufundisisa iBhayibhile. [jv-XO iphe. 466 isiqe. 3-4]
35. UBawo noNyana bangabantu ababini abahlukeneyo. [rs-XO iphe. 41 isiqe. 5]