Sivulelwe Umnyango Omkhulu Okhokelela Emsebenzini
1 Njengomshumayeli onenzondelelo weendaba ezilungileyo, ngentumekelelo uPawulos wayefuna imimandla enentswelo enkulu, ibe omnye wayo yayisisixeko sase-Efese. Kangangendlela eyayintle ngayo intsabelo awayifumana xa wayeshumayela apho wade wabhalela amanye amaKristu esithi: “Ndivulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.” (1 Kor. 16:9) UPawulos waqhubeka esebenza kuloo mmandla waza wanceda amaEfese amaninzi aba ngamakholwa.—IZe. 19:1-20, 26.
2 Namhlanje, sivulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini. Kusekho amabandla amaninzi angakwaziyo ukuyigubungela ngokucokisekileyo minyaka le intsimi yawo. Ukuba ibandla lenu linganceda, niyacelwa ukuba nithethe nomveleli wesiphaluka okanye nibhalele uMbutho. Ngaloo ndlela imigudu yethu ingatsho izalise intswelo ekhoyo kwimimandla ethile.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 8:13-15.
3 Ngaba Unokukhonza Apho Kukho Imfuneko Enkulu Khona? Ngaba ukhe wacinga ngomthandazo ngokukhonza kwenye indawo? Usenokukwazi ukunceda ibandla elikwisixeko okuso. Kutheni ungathethi nomveleli wesiphaluka ngalo mbandela uze ubone oko akucebisayo? Okanye kusenokwenzeka ukuba kwakwintsimi yebandla okulo, kukho abantu abaninzi abangevayo okanye abathetha iilwimi zabantsundu abangenabani unokubanceda. Ukuze ubancede, ngaba unokuzinikela ukuze ufunde ulwimi lwabo? Kwakhona, kusenokubakho iqela elithetha olunye ulwimi okanye ibandla ‘ebelikhunga eNkosini ukuba ikhuphe abasebenzi boBukumkani abangakumbi.’ (Mat. 9:37, 38) Ukuba kunjalo, ngaba unokunceda?
4 Kumashumi eminyaka akutshanje, amawakawaka eentsapho ezingamaKristu aye afudukela kwezinye iindawo kwanakwamanye amazwe ukuba abe nesabelo esizeleyo kumsebenzi wokuvuna. Esinye isibini esaye senjenjalo sathi: “Sasifuna ukukhonza uYehova apho sinokuba nendima ebonakalayo.” Ukuba nawe unomnqweno ofanayo yaye ungakwazi ukufudukela kwenye indawo kwakweli lizwe okanye uyakufanelekela ukukhonza kwelinye ilizwe, qala uxubushe nabadala bebandla okulo ngoko.
5 Sicinga ngokwenza uludwe lweendawo ezinemfuneko enkulu. Okwakalokunje, ukuba unqwenela ukubuza uMbutho ngeendawo ezinemfuneko, nika iKomiti Yenkonzo Yebandla ileta echaza loo mnqweno wakho. Iya kuyithumela kunye namagqabaza ayo kuMbutho. Noko ke, logama nje umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini usavuliwe, kwanga sonke singaqhubeka sixakekile kwinkonzo kaYehova.—1 Kor. 15:58.