Zabalazela Ukunceda Amaqabane Omtshato AngengomaNgqina
1 Kuba luvuyo olukhulu xa izibini ezitshatileyo zimanyene kunqulo lokwenyaniso. Noko ke, kwiintsapho ezininzi liba linye kuphela iqabane lomtshato elamkele inyaniso. Singazabalazela njani ukunceda la maqabane omtshato angengomaNgqina size siwakhuthaze anqule uYehova kunye nathi?—1 Tim. 2:1-4.
2 Yamkele Indlela Acinga Ngayo: Nangona amanye amaqabane omtshato angengomaNgqina asenokuchasa, ubukhulu becala ingxaki iba kukungabi namdla okanye ukungaqondani kakuhle. Umntu usenokuziva engakhathalelwanga okanye abe nekhwele ngomdla omtsha wokomoya weqabane lakhe. Enye indoda ikhumbula oku: “Njengoko ndandinkolonkoloza ndedwa endlwini, ndandiziva ndilahlwe kwesinomhlwa.” Kanti enye ithi: “Ndandiba nengqondo ethi umfazi wam nabantwana bam bayandishiya.” Wambi amadoda asenokucinga ukuba unqulo luchitha iintsapho zawo. (Bona IMboniselo ka-Agasti 15, 1990, iphepha 20-3.) Kungeso sizathu le nto kukuhle ukuba indoda idityaniswe nomfazi wayo kwisifundo seBhayibhile sekhaya kwasekuqaleni ukuba kunokwenzeka.
3 Sebenzani Kunye: Esinye isibini esingamaNgqina saphumelela ngokusebenza kunye ekuncedeni isibini esitshatileyo samkela inyaniso. Emva kokuba udade eqalise isifundo nomfazi, indoda yakhe yayityelela indoda yaloo mfazi. Ngokufuthi yayikwazi ukuqalisa isifundo kunye naloo ndoda.
4 Yiba Nobuhlobo Nobubele: Iintsapho ebandleni zinokunceda ngokuba nomdla kwiintsapho ezingekamanyani kunqulo lokwenyaniso. Amatyelelo ambalwa obuhlobo asenokunceda iqabane elingeloNgqina libone ukuba amaNgqina kaYehova angamaKristu anobubele nanenkathalo anenkxalabo ngempilo-ntle yomntu wonke.
5 Ngamaxesha athile, abadala banokuhlolisisa imigudu eyenziwe kutshanje ukuzabalazela ukunceda amaqabane omtshato angengomaNgqina baze babone okunye okunokwenziwa ngenjongo yokuwazuza eze kuYehova.—1 Pet. 3:1, umbhalo osemazantsi weNW.