Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Ukwenziwa kwempinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaSeptemba 1 kuse kwekaDisemba 22, 1997. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Bebungayi kubakho ubungendawo ukuba uThixo ebengazange azinike inkululeko izidalwa ezinengqiqo. [rs-XO iphe. 227 isiqe. 3]
2. “Izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli” ezichazwe kuLuka 22:30, zinentsingiselo efanayo nekaMateyu 19:28, njengoko zinga-bhekiseli nje kuphela kubabingeleli abazelwe ngomoya abangaphantsi kuYesu kodwa kuquka bonke abanye kuluntu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w87-XO 3/1 iphe. 27 isiqe. 10; iphe. 28 isiqe. 12.]
3. Isizathu sokuba abafundi bakaYesu bamangaliswe kukuthetha kwakhe nebhinqa elingumSamariya yayisesokuba laliziphethe kakubi. (Yoh. 4:27) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 7/15 iphe. 15 isiqe. 1-2.]
4. Ibinzana elithi “ukususela ekuqaleni” kuYohane 6:64 libonisa ukuba uYesu wayesazi kwangexesha awayekhethwa ngalo uYudas njengompostile ukuba wayeza kumngcatsha. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona it-2 iphe. 129 isiqe. 4-6; rs-XO iphe. 327 isiqe. 1, 2.]
5. Umgaqo-siseko woMbutho wowe-1884 wawuchaza njengentlangano yokupapasha nje kuphela. jv-XO iphe. 576 isiqe. 1]
6. IEksodus 21:22, 23 isinceda siqonde ukuba uThixo uyijonga imveku engekazalwa njengobomi obuxabisekileyo. [kl-XO iphe. 128 isiqe. 21]
7. “Umthendeleko wamaYuda” okhankanywe kuYohane 5:1 yiPasika yowama-31 C.E. [si-XO iphe. 194 isiqe. 8]
8. Ukusasaza isigidimi soBukumkani ngonomathotholo nomabonwakude kuphumelela ngaphezu kwazo naziphi na iindlela esinokuzisebenzisa. jv-XO iphe. 572 isiqe. 3]
9. Eyoku-1 kaPetros 3:3, 4 ayikwaleli ukusetyenziswa ngokulungeleleneyo nangokufanelekileyo kwezihombiso nezithambiso kanye njengokuba ingakwaleli ukunxitywa kwempahla yangaphandle. [rs-XO iphe. 118 isiqe. 2]
10. Enoba amagunya aseburhulumenteni agqalwa njengalungileyo okanye njengangalunganga, amaKristu okwenyaniso afanele ayibhalise ngokufanelekileyo imitshato yawo kuwo. [kl-XO iphe. 122 isiqe. 11]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Ngokuvisisana nomzekelo wamaKristu ase-Efese enkulungwane yokuqala, liliphi inyathelo elinye elifunekayo esimele silithabathe ukuze sixhathise oomoya abangendawo? (IZe. 19:19) [kl-XO iphe. 114 isiqe. 14]
12. Iingelosi ezithile zona njani ngomhla kaNowa? [kl-XO iphe. 109 isiqe. 4]
13. Kwakutheni ukuze uYesu angafuni kungenelela kwimbambano eyayingelifa? (Luka 12:13, 14) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w97-XO 4/1 iphe. 28.]
14. Yintoni ababengayazi abafundi xa babuza uYesu ukuba wayeza kububuyisela kuSirayeli kusini na uBukumkani, njengokuba kubhalwe kwiZenzo 1:6? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 6/1 iphe. 11 isiqe. 4.]
15. Kwakutheni ukuze uAdolf Hitler angaphumeleli kwisisongelo sakhe sokubatshayela kuthi tu abantu bakaYehova? [jv-XO iphe. 553 isiqe. 3-5]
16. Kutheni umfazi ongumKristu ethwala entloko ngamathub’ athile? [rs-XO iphe. 117 isiqe. 2]
17. Kutheni le nto INguqulelo Yehlabathi Elitsha isithi “uLizwi wayenguthixo” ingathi “waye uLizwi enguThixo,” njengoko ezinye iinguqulelo zisitsho kuYohane 1:1? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona rs-XO iphe. 399 isiqe. 1.]
18. Ngokutsho kweSityhilelo, siya kuba yintoni isabelo “sabo basebenzelana nemimoya” ukuba abaguquki baze baguqule iindlela zabo? [kl-XO iphe. 112 isiqe. 8]
19. Ekubeni uYesu wayeyindoda efezekileyo yaye eyamkele indima yakhe njengoMfundisi, kwakutheni ukuze angavumi ukubizwa ngokuthi “Mfundisi Olungileyo”? (Luka 18:18, 19) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 3/1 iphe. 15 isiqe. 7.]
20. Yintoni le yayintsha ngomthetho okuYohane 13:34? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 2/1 iphe. 21 isiqe. 5-6.]
Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Owangena ezihlangwini zikaYudas Skariyoti wakhethwa nguYehova emva kokuba abafundi bakaYesu bethandazile kwaza kwawiswa amaqashiso ngo․․․․․․․․ no․․․․․․․․ .(IZe. 1:24-26) [Bona w90-XO 6/1 iphe. 11 isiqe. 6.]
22. Ii-“mina ezilishumi” zimela․․․․․․․․abanokuthi ngabo abafundi abazelwe ngomoya babusebenzise ekuveliseni ․․․․․․․․ ezingakumbi zoBukumkani basezulwini. (Luka 19:13) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 10/1 iphe. 8.]
23. Izityholo zobuxoki ezintathu ezatyatyekwa uYesu ngamaYuda kuPilato, irhuluneli yamaRoma kwelakwaYuda, zaziquka ukubhukuqa ․․․․․․․․, ukwalela ukuhlawulwa ․․․․․․․․, nokuthi Yena ngoKwakhe ․․․․․․․․ .(Luka 23:2) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 12/1 iphe. 9 isiqe 1.]
24. AmaKristu okwenyaniso akayibhiyozeli iKrismesi okanye nayiphi na enye iholide esekelwe kwiinkolelo zonqulo lobuxoki ngenxa yokuba enikela kuYehova ․․․․․․․․; kwakhona akazibhiyozeli iiholide ․․․․․․․․ abantu abanesono okanye izizwe. [kl-XO iphe. 126 isiqe. 16]
25. IZenzo zabhalwa ngu․․․․․․․․ ngoxa wayese․․․․․․․․ .[si-XO iphe. 199 isiqe. 3]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Ngowe-1992, bangaphezu (kwama-2 500; kwama-4 500; kwama-6 500) abafundi ababesuka kumazwe (angama-40; angama-80; ali-110) abaye baqeqeshwa eGiliyadi nabathi emva koko bakhonza kumazwe (ali-100; ali-150; angama-200) nakumaqela eziqithi. jv-XO iphe. 524 isiqe. 3.]
27. (Ngowe-1877; ngowe-1879; ngowe-1881) uCharles T. Russell wapapasha incwadana ethi The Object and Manner of Our Lord’s Return, waza (ngowe-1877; ngowe-1879; ngowe-1881) waqalisa ukupapasha iZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence. [jv-XO iphe. 557 isiqe. 1]
28. Ukuphila kwethu ngokuhlonel’ uThixo kusinika isiqinisekiso sokuba (siya kusoloko siphathwa kakuhle ngabanye; siya kufumana intaphane yezinto eziphathekayo ngoku; siya kufumana inkoliseko kaThixo ngenxa yokuba sisenza oko kulungileyo). [kl-XO iphe. 118 isiqe. 2]
29. Xa uYesu wabuza umpostile uPetros ukuba, “Uyandithanda na ngaphezu kwezi?,” wayebuza uPetros enoba wayemthanda ngaphezu kokuba (wayethanda abanye abafundi; abanye abafundi bethanda uYesu; ethanda ezi zinto, zinjengeentlanzi). (Yoh. 21:15) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w88-XO 11/1 iphe. 31 isiqe. 9.]
30. Ubukhulu becala, abo bakhokelayo ekusasazeni iindaba ezilungileyo (ibingabantu abafumileyo; abantu ekuthenjelwe ngabo ehlabathini; abantu abaqhelekileyo). [jv-XO iphe. 548 isiqe. 3]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:
Mat. 5:14-16; IMize. 3:9, 10; Luka 9:60, 62; 13:4, 5; Yoweli 2:28, 29
31. UYesu wayiphikisa ingcamango yelishwa, ebhekisela kwintlekele eyayisaziwa kakhulu ngabaphulaphuli bakhe yaye wathi yabangelwa lixesha nasisihlo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 9/1 iphe. 5 isiqe. 5.]
32. Amabhinqa asenokuba ngabashumayeli, abavakalisi, abalungiseleli beendaba ezilungileyo ngaphandle kwiintlanganiso zebandla. [rs-XO iphe. 433 isiqe. 1]
33. Kufuneka inkonzo yokuzinikela ukuze ubani angene eBukumkanini. [si-XO iphe. 192 isiqe. 32]
34. UYehova uya kusisikelela xa sisebenzisa ixesha, amandla nobunye ubuncwane bethu, kuquka iimali zethu, ukuze sihambisele phambi-li izilangazelelo zonqulo oluyinyaniso. [kl-XO iphe. 120 isiqe. 8]
35. Abo bangamaKristu bamele babe ngamangqina akhutheleyo ehlabathini ngokuphathelele igama likaThixo neenjongo zakhe. [rs-XO iphe. 438 isiqe. 4]