Bonakalisa Intlonelo Ngendawo KaYehova Yonqulo
1 Xa siziindwendwe endlwini kabani, sibonakalisa intlonelo ngezinto zaloo mntu, asenzi nanye into eya kuzonakalisa, yaye asiphazamisani nendlela izinto ezenziwa ngayo kwelo khaya. Hayi indlela esifanele sibe nentlonelo ngayo xa siziindwendwe zikaYehova! Sifanele sazi indlela esimele siziphathe ngayo endlwini yakhe. (INdu. 15:1; 1 Tim. 3:15) Enoba intlanganiso yethu yamaKristu iqhutywa kwiHolo yoBukumkani, ekhayeni lomntu okanye kwisakhiwo sikawonke wonke, inkoliso yethu isoloko ibonakalisa intlonelo ngendawo yethu yonqulo ngokungathi yindlu kaYehova, ‘ondili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.’—INdu. 148:13.
2 Abanye abazalwana ababonakalisi ntlonelo ezintlanganisweni ngokungxola okanye ngokwenza ngathi inkcazelo edluliselwayo ayibalulekanga. Imbinana yabantu abakhulu woyifumana incokola ngasemnyango, ephasejini, kwindlu yangasese okanye ngaphandle kweHolo yoBukumkani ngoxa iintlanganiso ziqhubeka. Xa umntwana omdadlana eyalezwe ukuba ajonge omncinane, maxa wambi bobabini baqalisa ukudlala baze bangangenelwa kangako kucwangciso. Olunye ulutsha luye lwabonwa ngaphandle kweHolo yoBukumkani emva kweentlanganiso, ludlala, lungxola kakhulu lude lwenze izimbo zekarati omnye komnye. Ngezinye izihlandlo luye lwaphazamisa abamelwane okanye lwaphazamisana neenqwelo-mafutha kwiindawo zokupaka okanye esitratweni.
3 Indlela Yokuphepha Ukungabi Nantlonelo: Ekubeni siqonda ukuba unqulo lwethu lunesidima yaye lungcwele, alithandabuzeki elokuba asiyi kuphazamisa abanye ngokusebeza, ngokutya, ngokuhlafuna itshungama, ngokurhwashazisa amaphepha, ngokuhla sinyuka ngokungeyomfuneko sisiya kwindlu yangasese okanye ngokukwenza umkhwa wethu ukufika iintlanganiso seziqalisile. Abazali abanentlonelo nabanoxabiso ababavumeli abantwana babo bangcolise ikhaphethi, izihlalo ezinamalaphu okanye iindonga zeHolo yoBukumkani okanye zekhaya ekuqhutywa kulo isifundo sencwadi. Kwaye alithandabuzeki elokuba sonke siyavumelana ukuba ihambo engathandekiyo, intetho yobuyatha okanye ukuqhula ngezinto ezingamanyala akuvumelekanga kwiintlanganiso zethu.—Efe. 5:4.
4 Ukuba sisoloko siyikhumbula injongo yeentlanganiso zethu zamaKristu, siya kuqiniseka ukuba thina nabantwana bethu sibonakalisa intlonelo efanelekileyo ngonqulo lukaYehova kwindawo ‘esinyule ukuba’ kuyo.—INdu. 84:10.